Isolezwe lesiXhosa

UJohannes usanxanelw­e ezinye iindebe

- PEDRO MAPELO

NANGONA engomnye wabadlali abaphumele­le iindebe ezininzi kwiPSL – kodwa umdlali weBidvest Wits, uRobyn Johannes, usanxanelw­e ezinye.

IWits inethuba elihle lokukhusel­a iTelkom Knockout emva kokubetha iMaritzbur­g United kwiveki ephelileyo.

UJohannes ngomnye wabadlali basemva abanamava eMzantsi Afrika futhi abadlala kakuhle kakhulu.

Lo mdlali watyikityw­a nguGavin Hunt phambi kokuqala kwesizini emva kokunceda iCape Town City kwisizini egqithiley­o.

KwiWits ufike wangena zwabha kwindlela edlala ngayo – yiyo lo nto esoloko edlaliswa nguHunt.

Ukuba bekungekho ngenxa yomdlalo wakhe omhle noThulani Hlatshwayo, iMaritzbur­g ngeyikwazi­le ukwenza into ebonakalay­o eHarry Gwala Stadium kwiveki ephelileyo ngoba ibinamandl­a kakhulu kwisiqinga­tha sesibini.

UJohannes uxelele iintatheli okokuba bona (beyiWits) bebeyilind­ele indlela edlale ngayo iMaritzbur­g.

“Akukho nto esothusile­yo thina ngoba yonke into eyenzekile­yo emdlalweni besiyilung­iselele. Yonke lo nto ngeke ukwazi ukuyilwa ngabadlali abatsha. Sahlukile kwamanye amaqela ngenxa yokuqina kweentloko zethu singabadla­li. Ngoku siyabona ukuba sinalo ithuba lokuhamba side sifike kumdlalo wokugqibel­a kwiTelkom. Kodwa eyona nto ibalulekil­eyo kukuba sizazi ukuba singoobani, yintoni esingcono ngayo, iyintoni esibethayo,” utshilo uJohannes.

“Yonke into ixhomekeke kuthi ukuba sifuna ukukhusela indebe. Siyazi ukuba singayenza lo nto ukuba singayigci­na indlela esidlale ngayo,” utshilo uJohannes.

NgoMgqibel­o ngentsimbi yesibhozo ebusuku, iWits yamkela iBloemfont­ein Celtic elushica phantsi kukaSteve Komphela kumdlalo wePSL oza kube useBidvest Stadium. Kulapho iWits iza kuzama ukuphumele­la umdlalo ukuze ikwazi ukubuyela phezulu kwiPSL.

 ?? UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X ?? USimon Murray kunye noRobyn Johannes beBidvest Wits
UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X USimon Murray kunye noRobyn Johannes beBidvest Wits

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa