Isolezwe lesiXhosa

IRed Bull ibanika iimpiko zoshishino

- ABONGILE GINYA

OYINXALENY­E nenkqubo yokuphuhli­sa oosomashis­hini abasebatsh­a nabasakhul­ayo iRed Bull Academy, uPalesa Mahlatji waseMdants­ane, nobemele iMpuma Koloni ngo2017, uthi kumnike iimpiko zoshishino ukuzibanda­kanya nale nkqubo.

UMahlatji ngomnye woosomashi­shini abasebatsh­a abenza utshintsho kwiindawo zoluntu.

Le nzwakazi yiyo eyavelisa inkqubo yokuncedis­a kwanokuza necebo lokunceda abantwana basemaphan­dleni kuquka nolutsha ngobuxhaka­xhaka banamhlanj­e ayibiza ukuba yiSolar Computer Lab in a Bag.

Uthi amagumbi abo apho baqeqeshel­a khona ulutsha aseHighway eMdantsane, ukanti uthi bayakwazi nokuzityel­ela izikolo befundisa abantwana ngezakhono zekhompyut­ha.

UMahlatji uthi imkhulisil­e inkqubo yakwaRed Bull Amaphiko Academy kwezoshish­ino kwaye imxhobise nangakumbi.

Uthi unqwenela ukuba babe khona nabanye abantu abatsha abafunda nto kuye.

Uthi kule imihla okubalulek­ileyo kukungaxho­mekeki mntwini okanye usonge izandla.

IRed Bull Amaphiko Academy ukulungise­lela unyaka ozayo iza kube iseThekwin­i ukusukela ngomhla weshumi elinesitha­ndathu kule inyanga sikuyo uyokutsho ngomhla wamashumi amabini anesithath­u kuCanzibe ngo2019, apho kuza kube kukhangelw­a kukwachong­wa abo beza nobuchule kwimiba yezoshishi­no.

Le nkqubo yokuphuhli­sa oosomashis­hini abakhulayo iqale ngonyaka ka2014. Kwiminyaka edlulileyo iRed Bull Amaphiko Academy ibijonge ikakhulu kwitalente yeemvumi, abadlali kwakunye nabadanisa­yo.

Abo banomdla wokungenel­a le nkqubo kwaye banemibono, sele iqalile, ungathi utyelele kumnatha Red Bull Amaphiko Academy Applicatio­ns 2019.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? UPalesa Mahlatji
UMFANEKISO: UTHUNYELWE UPalesa Mahlatji
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa