IStellenbosch igqiba ikhulu leminyaka!
Nanjengomnye kubafundi abakhe bafunda kula Yunivesithi yaseStellenbosch isithuba seminyaka emine, ndiye ndatsalelwa umnxeba ngomnye wabo basebenza kula yunivesithi endibalisela ngemibhiyozo eza kubakho nanjengoko loo yunivesithi igqiba isithuba seminyaka eli-100 yasekwayo. Emva kokufumana lo mnxeba, ndizibone ndincuma, suka kwathi qatha imibuzo embalwa engqondweni yam. Phakathi kwale mibuzo ndingakhankanya le: Xa iyunivesithi yaseStellenbosch igqiba iminyaka elikhulu ikho, ingaba yintoni okanye ziintoni esinokuzibhiyozela ngeli ziko? Ingaba eli ziko lidlale indima eqaphelekayo kubemi boMzantsi Afrika ngokubanzi?
Kwelinye icala, nanjengamXhosa ndikwafikelwe ngumbuzo othi kutheni kufuneka sibhiyozele imihla ethile, njengemihla yokuzalwa, iintsuku zevalentina nezinye eziliqela? Lo mbuzo usekelezelwe kuluvo lwam lokuba xa sisenza le mibhiyozo, kuye kuchithwe imali eninzi ebinokusetyenziswa ekuphuhliseni isizwe nabemi baso. Umzekelo, xa kunokuqikelelwa imali eza kuchithwa yiyunivesithi yaseStellenbosch kule mibhiyozo yokugqiba ikhulu leminyaka, ndiqinisekile ukuba loo mali ibinokuphungula amatyala abafundi abangathathi ntweni, kungenjalo ivulele iingcango kwabo bafundi bahluphekayo, okanye ibinokusetyenziswa ukuphuhlisa imfundo yezikolo zaseKayamandi, ilokishi le imelene nayo loo yunivesithi, ukuze ibe nokwamkela abafundi abaninzi baloo lokishi. Ukugqibela kwam, babe bambalwa kakhulu abafundi abasuka eKayamandi abafunda kule Yunivesithi yaseStellenbosch, kwaye ukuba le meko itshintshile, ndingancoma ndityibele, ndandule ukuthi le yunivesithi ikufanele ukubhiyozelwa ngenene.
Ndithe emva kokuphumelela kwam isidanga se-BA neDiploma yezeMfundo kwiYunivesithi yaseNtshona Kapa, ndaya kubhalisela izifundo zee-Onazi eStellenbosch. Ukufika kwam kule Yunivesithi intsha, ndaphawula umahluko ogqithisileyo xa ndiyithelekisa nale ndisuka kuyo. IYunivesithi yaseNtshona Kapa yayibiyiwe, izakhiwo zinamagama amaqhawe edabi lenkululeko okanye ingamagama nje abandakanya umntu wonke, kwaye wawusithi nokuba udibana nomntu okanye umfundi ongamaziyo kwithala leencwadi okanye kwisenta yabafundi, nincokole ngokungathi kudala nisazana, kuba ke abafundi abaninzi ingama-Afrika nanjengoko iyiyunivesithi eseAfrika. Kwelinye icala, ndafika kwiStellenbosch eli ziko lingabiywanga, ndaziva ngathi ndiseYurophu, kuyintlaninge yabafundi basemzini ngaphezu kwabaseAfrika, izakhiwo zinamagama ayesayanyaniswa norhulumente wocalucalulo anjengooBJ Vorster; J Smuts nabanye, kwaye wawusithi nokuba ufika abafundi abamhlophe bezincokolela, ukuze uchophe kule tafile yabo uzame incoko ngeenjongo zokuphuhlisa iphulo lokwakha ngokutsha isizwe, suka abo bafundi baphakame bakushiye uthe caa izisini. Noko ke ndivuyile xa ndisiya kutyelela kweli ziko ndibona ubunye obuqaphelekayo kwabafundi abahlukileyo nokutshintsha kwamagama ezakhiwo, kusetyenziswa amagama abandakanya abemi nabafundi ngokwahlukana kwemveli yabo.
Okona kundinike umdla kukuba eli ziko lineSebe leeLwimi zaseAfrika nelineminyaka engama98. UNjingalwazi Visser uthi, “ukusungulwa kweli Sebe kwaqalwa ngokufundiswa kwesiZulu, laze lakhula labandakanya zonke iilwimi zaseAfrika kumnyaka ka1966.” Umnqweno wam ibikukufumanisa engqondweni nokubuza ebantwini ababesebenza nababefunda kweli sebe ukuba galelo lini elenziwe leli sebe ekuphakamiseni isizwe nokuphuhlisa ulwimi nabo bantetho isisiXhosa kwesi sithuba seminyaka eli100. Ndivuyile xa ndiphawula ukuba oomakhwekhwetha neengqanga eziliqela kulwimi lwesiXhosa nezinye iilwimi zaseAfrika kwilizwe ngokubanzi, nakumazwe afana nooTanzania, Zimbabwe, namanye, zikhe zaqeqeshelwa izidanga zeeMastazi nezobugqirha-lwazi, okanye zikhe zasebenza kweli sebe. Ndingabala phakathi kwabo ooNjingalwazi uDorcas Jafta; ooShadrack Nogwaja Zulu; ooMaleta; ooNetshisaulu; ooNomsa Satyo; ooMhlobo Jadezweni; ooMosomothane; ooDlali; ooRalarala; ooMletshe; ooSpofana; Ralehoko; ooJaxa; ooSteenkamp; ooKondowe; abasanda kuthweswa zidanga zobugqirhalwazi ooMavela; ooSomlata; ooSijadu nabaza kuwongwa ngezidanga zobugqirha-lwazi kungekudala ooXekethwana nooXamlashe nabanye abaninzi abaphume kweli sebe. Zonke ezi ndwalutho nezithwalandwe zisadlala indima enkulu ekufundisweni, ekuphandeni nasekuphakanyisweni kolwimi lwesiXhosa. Ngenxa yabo siyalibhiyozela neli sebe kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu leYunivesithi yaseStellenbosch, kwaye ndiqinisekile ukuba xa eli ziko nesebe lesiXhosa lalibagcinile abo banamava nabangoompondozihlanjiwe kubanye babasebenzi ababa negalelo kwingqaka nocwambu olwaphuma apho, ngelikude nangakumbi. Nangani kunjalo ke, ndiqinisekile ukuba eli sebe leelwimi zesintu lisabalasele kwaye lisasebenza ngokugqwesileyo, nanjengoko lihlala lisenza.
Umnqweno wam kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu yale yunivesithi, kukuba ingaqhubekeka ikhula, iphuhla, iphakamisa uluntu, isizwe nabemi beli lizwe ngemfundo nophando kungakhethe bani. Umnqweno wam ngowokuba le yunivesithi nezinye eziliqela, zizimamele izikhalo nezimvo zabafundi, zingazibethi ngoyaba kuba ukuzinza kweeyunivesithi, kusekukwazini ukuphulaphula abafundi bazo. Okokugqibela, yanga iYunivesithi yaseStellenbosch xa ikhula, iphuhla, igqwesa njengeyunivesithi yaseAfrika, ingathi gqolo ukubamema abo babe negalelo ekuzinzeni kwayo, abo babekhe bayisebenzela, bafunda kuyo, nabo bayixhasayo, kungakhethe bala, mveli, lwimi, nasiko lamntu, ukuze bahlale benegalelo kwiinkqubo zayo. Yunivesithi yaseStellenbosch, wanga ungahlala ulikhaya lolwazi nethemba kuMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi!