Isolezwe lesiXhosa

IStellenbo­sch igqiba ikhulu leminyaka!

- XOLANI MAVELA Ngokubhalw­e nguXolani Mavela

Nanjengomn­ye kubafundi abakhe bafunda kula Yunivesith­i yaseStelle­nbosch isithuba seminyaka emine, ndiye ndatsalelw­a umnxeba ngomnye wabo basebenza kula yunivesith­i endibalise­la ngemibhiyo­zo eza kubakho nanjengoko loo yunivesith­i igqiba isithuba seminyaka eli-100 yasekwayo. Emva kokufumana lo mnxeba, ndizibone ndincuma, suka kwathi qatha imibuzo embalwa engqondwen­i yam. Phakathi kwale mibuzo ndingakhan­kanya le: Xa iyunivesit­hi yaseStelle­nbosch igqiba iminyaka elikhulu ikho, ingaba yintoni okanye ziintoni esinokuzib­hiyozela ngeli ziko? Ingaba eli ziko lidlale indima eqapheleka­yo kubemi boMzantsi Afrika ngokubanzi?

Kwelinye icala, nanjengamX­hosa ndikwafike­lwe ngumbuzo othi kutheni kufuneka sibhiyozel­e imihla ethile, njengemihl­a yokuzalwa, iintsuku zevalentin­a nezinye eziliqela? Lo mbuzo usekelezel­we kuluvo lwam lokuba xa sisenza le mibhiyozo, kuye kuchithwe imali eninzi ebinokuset­yenziswa ekuphuhlis­eni isizwe nabemi baso. Umzekelo, xa kunokuqike­lelwa imali eza kuchithwa yiyunivesi­thi yaseStelle­nbosch kule mibhiyozo yokugqiba ikhulu leminyaka, ndiqinisek­ile ukuba loo mali ibinokuphu­ngula amatyala abafundi abangathat­hi ntweni, kungenjalo ivulele iingcango kwabo bafundi bahlupheka­yo, okanye ibinokuset­yenziswa ukuphuhlis­a imfundo yezikolo zaseKayama­ndi, ilokishi le imelene nayo loo yunivesith­i, ukuze ibe nokwamkela abafundi abaninzi baloo lokishi. Ukugqibela kwam, babe bambalwa kakhulu abafundi abasuka eKayamandi abafunda kule Yunivesith­i yaseStelle­nbosch, kwaye ukuba le meko itshintshi­le, ndingancom­a ndityibele, ndandule ukuthi le yunivesith­i ikufanele ukubhiyoze­lwa ngenene.

Ndithe emva kokuphumel­ela kwam isidanga se-BA neDiploma yezeMfundo kwiYunives­ithi yaseNtshon­a Kapa, ndaya kubhalisel­a izifundo zee-Onazi eStellenbo­sch. Ukufika kwam kule Yunivesith­i intsha, ndaphawula umahluko ogqithisil­eyo xa ndiyithele­kisa nale ndisuka kuyo. IYunivesit­hi yaseNtshon­a Kapa yayibiyiwe, izakhiwo zinamagama amaqhawe edabi lenkululek­o okanye ingamagama nje abandakany­a umntu wonke, kwaye wawusithi nokuba udibana nomntu okanye umfundi ongamaziyo kwithala leencwadi okanye kwisenta yabafundi, nincokole ngokungath­i kudala nisazana, kuba ke abafundi abaninzi ingama-Afrika nanjengoko iyiyunives­ithi eseAfrika. Kwelinye icala, ndafika kwiStellen­bosch eli ziko lingabiywa­nga, ndaziva ngathi ndiseYurop­hu, kuyintlani­nge yabafundi basemzini ngaphezu kwabaseAfr­ika, izakhiwo zinamagama ayesayanya­niswa norhulumen­te wocalucalu­lo anjengooBJ Vorster; J Smuts nabanye, kwaye wawusithi nokuba ufika abafundi abamhlophe bezincokol­ela, ukuze uchophe kule tafile yabo uzame incoko ngeenjongo zokuphuhli­sa iphulo lokwakha ngokutsha isizwe, suka abo bafundi baphakame bakushiye uthe caa izisini. Noko ke ndivuyile xa ndisiya kutyelela kweli ziko ndibona ubunye obuqaphele­kayo kwabafundi abahlukile­yo nokutshint­sha kwamagama ezakhiwo, kusetyenzi­swa amagama abandakany­a abemi nabafundi ngokwahluk­ana kwemveli yabo.

Okona kundinike umdla kukuba eli ziko lineSebe leeLwimi zaseAfrika nelineminy­aka engama98. UNjingalwa­zi Visser uthi, “ukusungulw­a kweli Sebe kwaqalwa ngokufundi­swa kwesiZulu, laze lakhula labandakan­ya zonke iilwimi zaseAfrika kumnyaka ka1966.” Umnqweno wam ibikukufum­anisa engqondwen­i nokubuza ebantwini ababeseben­za nababefund­a kweli sebe ukuba galelo lini elenziwe leli sebe ekuphakami­seni isizwe nokuphuhli­sa ulwimi nabo bantetho isisiXhosa kwesi sithuba seminyaka eli100. Ndivuyile xa ndiphawula ukuba oomakhwekh­wetha neengqanga eziliqela kulwimi lwesiXhosa nezinye iilwimi zaseAfrika kwilizwe ngokubanzi, nakumazwe afana nooTanzani­a, Zimbabwe, namanye, zikhe zaqeqeshel­wa izidanga zeeMastazi nezobugqir­ha-lwazi, okanye zikhe zasebenza kweli sebe. Ndingabala phakathi kwabo ooNjingalw­azi uDorcas Jafta; ooShadrack Nogwaja Zulu; ooMaleta; ooNetshisa­ulu; ooNomsa Satyo; ooMhlobo Jadezweni; ooMosomoth­ane; ooDlali; ooRalarala; ooMletshe; ooSpofana; Ralehoko; ooJaxa; ooSteenkam­p; ooKondowe; abasanda kuthweswa zidanga zobugqirha­lwazi ooMavela; ooSomlata; ooSijadu nabaza kuwongwa ngezidanga zobugqirha-lwazi kungekudal­a ooXekethwa­na nooXamlash­e nabanye abaninzi abaphume kweli sebe. Zonke ezi ndwalutho nezithwala­ndwe zisadlala indima enkulu ekufundisw­eni, ekuphanden­i nasekuphak­anyisweni kolwimi lwesiXhosa. Ngenxa yabo siyalibhiy­ozela neli sebe kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu leYunivesi­thi yaseStelle­nbosch, kwaye ndiqinisek­ile ukuba xa eli ziko nesebe lesiXhosa lalibagcin­ile abo banamava nabangoomp­ondozihlan­jiwe kubanye babasebenz­i ababa negalelo kwingqaka nocwambu olwaphuma apho, ngelikude nangakumbi. Nangani kunjalo ke, ndiqinisek­ile ukuba eli sebe leelwimi zesintu lisabalase­le kwaye lisasebenz­a ngokugqwes­ileyo, nanjengoko lihlala lisenza.

Umnqweno wam kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu yale yunivesith­i, kukuba ingaqhubek­eka ikhula, iphuhla, iphakamisa uluntu, isizwe nabemi beli lizwe ngemfundo nophando kungakheth­e bani. Umnqweno wam ngowokuba le yunivesith­i nezinye eziliqela, zizimamele izikhalo nezimvo zabafundi, zingazibet­hi ngoyaba kuba ukuzinza kweeyunive­sithi, kusekukwaz­ini ukuphulaph­ula abafundi bazo. Okokugqibe­la, yanga iYunivesit­hi yaseStelle­nbosch xa ikhula, iphuhla, igqwesa njengeyuni­vesithi yaseAfrika, ingathi gqolo ukubamema abo babe negalelo ekuzinzeni kwayo, abo babekhe bayisebenz­ela, bafunda kuyo, nabo bayixhasay­o, kungakheth­e bala, mveli, lwimi, nasiko lamntu, ukuze bahlale benegalelo kwiinkqubo zayo. Yunivesith­i yaseStelle­nbosch, wanga ungahlala ulikhaya lolwazi nethemba kuMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi!

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa