Bavele enkundleni abadubule ilungu leANC eCala

Isolezwe lesiXhosa - - IINDABA - ABONGILE GINYA

ABAHLOBO balowo ebengumbhexeshi weANC kuMasipala waseSakhisizwe eCala, bathi ukubulawa kwakhe uThanduxolo Peter Nobongoza kunento yokwenza nobungqongqo bakhe ekulweni urhwaphilizo kulo masipala.

Bebethetha kwinkonzo yesikhumbuzo kaBongoza ngoLwesibini kwiholo yoluntu eCala. UNobongoza, 42, wadutyulwa wabhubha kwangoko ngethuba esazithele chu ngeenyawo zakhe kwidolophu yaseCala kwiveki ephelileyo.

Isithethi sooKhetshe ephondweni uAnelisa Feni, uthi emva kokuba ibutho looKhetshe kuKomani lincedisana nabecuphi bephondo bezobuntlola belandele imikhondo malunga nokudutyulwa kukaBongoza, babambe abarhanelwa ababini abaphakathi kwamashumi amathathu anesine kwakunye nonamashumi amane anesihlanu. Aba babanjwe kumakhaya abo kuTsolo, omnye eElliot ngoMgqibelo.

Aba bavelile phambi kwenkundla yamatyala eCala ngoMvulo malunga netyala abajongene nalo lokubulala, ze ityala alaqhuba ngenxa yokungabikho kombane.

Abarhanelwa baphinde bavela ngoLwesithathu, ityala labo lamiselwa iveki ezayo kwakhona.

UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Igqwetha uAdvocate Mthunzi Mhaga, uMfundisi Hlanganisa Mbanjwa, ilungu letyalike kwanoThabo Mantyi

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.