Isolezwe lesiXhosa

Amapolisa athandazel­we ngamaWisil­e

- ABONGILE GINYA

AKUNYANZEL­EKANGA ukuba ibe nguwe ixhoba lokuxhatsh­azwa nokuphathe­ka gadalala, isenokuba ngumama wakho, usisi, okanye isihlobo esisondele­yo kuwe, yiyo le nto kufanele ibe yingxaki yomntu wonke imeko yokuxhatsh­azwa ekujoliswe kwisini.

Lawo ngamazwi aphuma kuBrigadiy­a Pumla Mdlankomo ongumasiti­shi kwisikhulu­lo samapolisa eCambridge eMonti.

Ebethetha kwibandla lamaWisile eTrinity edolophini eMonti ngethuba amapolisa ethandazel­wa leli bandla. Ezona beziphambi­li zithandaze­lwa kukubulawa kwamapolis­a esemsebenz­ini, ukuxhatsha­zwa kwamanina nabantwana, kukwathand­azelwa neenkokhel­i zephondo kwakunye nezikazwel­onke.

Zithandaze­lwe neziganeko eziliqela zokubulawa kwamapolis­a esemsebenz­ini, amahlanu awaseNgcob­o kwakunye naseNgange­lizwe eMthatha.

UBrigadiya Mdlankomo uthi akukho namnye umntu oyakuphind­a aphume esikhululw­eni engahoyeka­nga xa eyokumanga­la.

“Amaxhoba iye ibe ngabantu abangootat­a abathi bayahlekwa ngamapolis­a xa beyokuvula amatyala okuxhatsha­zwa ngamakhosi­kazi abo. Oko sifuna kuphele, amatyala aphathwe ngokufanay­o. Ukuxhatsha­zwa kuyafana, kwaye ayamkeleka­nga nento yokujikwa kwamaxhoba kuba kusithwa makathethe isikhaya, avunyelwe umntu avule ityala xa efuna njalo,” utshilo uMdlankomo.

Kokokuqala amapolisa ebamba umsitho okumila kunje nenkonzo. UMdlankomo uthi useza kuqhubekek­a nakwezinye iinkonzo ezohlukene­yo.

Uthi ebekwiphul­o lokuthatha iintsuku ezingamash­umi amabini ethandaza, apho kusuku lwesithath­u eye wanombono kusenzeka okwenzeke eTrinity ngeCawa.

Igosa eliphezulu lesekethe eTrinity, uMfundisi Mlandeli Nonxuba, ulincomile iphulo elithe lenziwa ngamapolis­a, esithi ilizwi likaThixo lisebenzis­e.

Uthi amatyala amaninzi kule mihla yokuphila sele ekhona nasezicawe­ni. “Nokuba ungumphath­i wecawa okanye ungumfundi­si, xa wonile kufanele udibane nengalo yomthetho.”

UMdlankomo ukwabongoz­e ulutsha ukuba malilungis­ane, lohlukane nolwaphulo­mthetho, kuba lulo oluza kube luphethe ilizwe kwiminyaka ezayo.

Ukwabongoz­e nokuba abantu bazikhatha­lele kweli xesha leziyungum­a.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa