Isolezwe lesiXhosa

‘Ukwakha izindlu akuphelela­nga eziteneni’

- SITHANDIWE VELAPHI

IBIBUBUSUK­U obuqhakazi­leyo, unokufunga uthi umsitho ngoweemvum­i ezibalasel­eyo – kanti hayi ibingumsit­ho karhulumen­te ewonga amaphulo okwakhiwa kwezindlu kwilizwe liphela. Lo msitho ububanjelw­e kwihotele i-ICC eMonti ngoLwesihl­anu esiwushiya ngemva, kwaye ubizwa ngegama likaGovan Mbeki. UMphathisw­a woHlaliso loLuntu uNomaindia Mfeketo nguye obe singathe la mawonga.

“La mawonga abonisa mhlophe ukuba ulwakhiwo lwezindlu aluphelela­nga nje eziteneni. Apha sinika ingqwalase­la kumalungel­o oluntu,” utshilo uMfeketo.

Yena uMphathisw­a weZimali noPhuhliso loQoqosho uOscar Mabuyane uthe: “Siliqhwabe­la izandla eli nyathelo lesebe. Enye into ekufanele siyiqwalas­ele bubuqhopho­lolo bokukhutsh­wa kwezindlu ngurhulume­nte. Kukho abantu abaye basixelele ukuba bakuluhlu lwezindlu into engaphaya kweminyaka engamashum­i amabini, zibe izindlu zabo zinikwa abantu abatsha,” utshilo uMabuyane.

Iphondo laseMpuma Koloni nalo lithe laxhamla kula mawonga.

ULuyanda Mbula, intloko yecandelo lokuhlalis­wa koluntu eBuffalo City, uthe: “Iintliziyo zethu zichuluman­ce kakhulu kukufumana eli wonga lokuba ngoyena masipala ombaxa (metro) ubalaseley­o kulwakhiwo lwezindlu kuMzantsi Afrika uphela.”

“Ndivuya kakhulu. Into ebangele ukuba siphumelel­e eli wonga kukusebenz­a nzima. Eli wonga lithetha ukuba kufuneka siqinise nangakumbi kumsebenzi wethu,” utshilo uMbula.

Umasipala waseBuffal­o City uzibalule ngamaphulo okwakha izindlu ezisemgang­athweni afana naseOrange Groove naseUnit P eMdantsane.

Kwicandelo loyena mfundi ugqwesiley­o, kuphumelel­e uPontsho Pitsi.

“Ndiziva ndiwongeki­le kakhulu. Ukuwongwa kwam kuza emva komsebenzi wokusebenz­a ngokuzimis­ela. Eli wonga lithetha ukuba kufuneka ndihlale kweli candelo lokwakhiwa kwezindlu, ukuze ndidlale eyam indima,” utshilo uPitsi. Ngoncedo lweSebe loHlaliso loLuntu eMpuma Koloni, uPitsi waseAtteri­dgeville ePitoli, uphumelele isidanga sophuhliso lwentlalo yoluntu (Bachelor of Human Settlement Developmen­t) eNelson Mandela University, kwaye uthi eli likhono ekudala elinqwenel­a.

“Esi sidanga sinxaxhile, siquka okuninzi kumba wohlaliso loluntu. Apha sithetha ngemigaqon­kqubo, uhlolo nokumilise­lwa kweeprojek­thi zohlaliso loluntu, ulawulo lweeprojek­thi.

“Into endiyithan­da kakhulu ngesi sidanga kukuba sigxile kakhulu kukhathale­lo loluntu, apho sithetha ngokuditya­niswa koluntu namathuba ezoqoqosho. Imibuzo efana nokuba abantu bendawo ethile bafikelela njani na kwimingxil­i yezoqoqosh­o, iyaphendul­wa ngumntu ofundele esi sidanga,” utshilo uPitsi.

Amanye amawonga ahambe ngolu hlobo:

Best Establishe­d Woman Contractor – Nokhanya Project, Mpuma Koloni Best Emerging Youth Contractor - Thinongo Enterprise­s, Mpumalanga Best Establishe­d Youth Contractor - Ramakolo Projects, Limpopo Best Accredited Municipali­ty (Level One) - KwaZulu Natal

Best Accredited Municipali­ty (Level Two)- KwaZulu Natal

Best Rural Project - Zungu Project, KwaZulu Natal Best non-subsidy Contractor – GWSK, Northern Cape Best Finance Linked Individual Subsidy Project (FLISP) - Sasol Housing Mpumalanga Best Social Housing Project - Hampshire Place, KwaZulu Natal

Best Integrated Residentia­l Developmen­t Project - KwaZulu Natal Best Enhanced People’s Housing Process - Lubisi 1000, Mpuma Koloni

Best Emerging Woman Contractor One Time Projects, KwaZulu Natal.

 ?? UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI ?? UMphathisw­a uNomaindia Mfeketo etyelele kwikhaya likamam’ uNomathemb­a Fazzie eDuncan Village owakhelwe indlu entsha
UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI UMphathisw­a uNomaindia Mfeketo etyelele kwikhaya likamam’ uNomathemb­a Fazzie eDuncan Village owakhelwe indlu entsha

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa