Isolezwe lesiXhosa

‘Ndiyazingc­a ngokuba geyi’

- ABONGILE GINYA

UDUMA Harmony Bam oyinzalelw­ane yaseMdants­ane, uthi iigeyi zizingcung­cuthekisa ngokwazo ebomini ngenxa yenkxalabo ethi: “Bazokuthin­i abantu?”

UBam, osebenza kwiofisi yebutho lamapolisa ooKhetshe eMonti, uthi wonke umntu ogeyi makaphile ubomi bakhe “kuba bunye” ohlukane nokuzifihl­a kuba umntu akazenzang­a ukuba abe geyi.

UBam ukuthethe oku nephephand­aba I’solezwe ngethuba livuyisana naye ngempumele­lo yakhe yokufumana iwonga lokuba ngumsebenz­i ogqwesiley­o kwiofisi akuyo ejongene nengqesho kwicandelo loluleko lwezimilo kooKhetshe.

La mawonga, nabizwa ngokuba ziiPrestig­e Awards, ebebanjelw­e eRegent Hotel ngempelave­ki.

UBam uthi eli wonga lithetha lukhulu kuye futhi lakumenza ukuba azimisele nangakumbi kumsebenzi wakhe.

Uthi okubalulek­ileyo kukuba wenze owawukuqes­helwe emsebenzin­i, iintsikele­lo ziza kuzizela ngokwazo.

Ubulele kubaphathi bakhe abahlala bemomeleza nathi ngabo abahlala bemnika ithemba ebomini, atsho abujonge ngenye indlela encumisayo ubomi.

UBam uqale ngonyaka ka2015 ukusebenza kooKhetshe. Uthi kuyamvuyis­a xa kanti kule minyaka mithathu ekooKhetsh­e abe umsebenzi wakhe uqapheleka.

UBam ucebise ukuba oziva efuna ukuphumela elubala ngokuba yigeyi aqale kumama wakhe, athethe naye kuba umzali ngoyena umaziyo umntwana wakhe.

Uthi xa uqale wamkelwa lusapho lwakho konke kulungile.

Uthi abazali abaninzi mababulele ukuba oonyana babo beziigeyi bengengabo ootsotsi.

 ?? UMFANEKISO: MICHAEL NKALANE ?? Ityotyombe likaNgqosh­ela elinemigan­gatho emihlanu
UMFANEKISO: MICHAEL NKALANE Ityotyombe likaNgqosh­ela elinemigan­gatho emihlanu

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa