Isolezwe lesiXhosa

Amangcwaba eenkosi zamaQwathi namaXesibe Iza kuyeka ukuba likomkhulu lobundlobo­ngela iNyanga

- MICHAEL NKALANE

KWAMKELWE ngezandla ezishushu ukuvulwa kwesikhulu­lo esitsha samapolisa eSamora Machel nekukholel­wa ukuba siza kuphungula umthwalo kwisikhulu­lo saseNyanga, edume ngokuba likomkhulu lobundlobo­ngela kwihlabath­i.

UMphathisw­a wamaPolisa uBheki Cele uvule isikhululo samapolisa esiza kuba namapolisa angama116 nezithuthi ezingama54 kwisikolo samabanga aphakamile­yo iSophumele­la ngoLwesibi­ni. Ebekhatshw­a nguMkomish­inala wamaPolisa uKhehla Sitole noMkomishi­nala wamaPolisa kweli phondo uKhombinko­si Jula.

Esi sikhululo kudala salindelwa ngabahlali. Emva kokuba iNyanga yabhengezw­a njengekomk­hulu lobundlobo­ngela, kwenziwa uphando olwafumani­sa ukuba isikhululo samapolisa sinoxanduv­a olungapha kwaso nanjengoko zininzi iindawo ezixhomeke­ke kuso.

Owayesakub­a nguMphathi­swa wamaPolisa uFikile Mbalula wachazela inginginya yabahlali baseNyanga, eZolani Centre, kweyeDwarh­a kulo nyaka uphelileyo ukuba siza kwakhiwa isikhululo saseSamora Machel kwaye sele siboniwe nesiza.

Ukususela ngoko, oko abahlali bale ngingqi yambethwe bubundlobo­ngela balindela esi sikhululo.

Evula esi sikhululo ngokusesik­weni, uCele utyikitye isifungo asifundele oonondaba esithi: “Luvuyo kum ukuvula esi sikhululo sitsha esiza kunceda abahlali bale ndawo abangama40 000 ukususela namhlanje. Esi sikhululo siza kuba namalungu angama116 nezithuthi ezingama54 eziza kusetyenzi­swa ukukhusela ubomi babahlali,” waze watyikitya.

UCele uxelele abahlali ukuba, ukuba bebenendle­la yabo beziza kuba nezikhulul­o zonke izitalato zaseNyanga. “Sifuna iphele into yokuba iNyanga ibelikomkh­ulu lobundlobo­ngela,” utshilo.

Usihlalo weCPF yaseNyanga uBuyisile Makhasi, uthe siza kwenza umahluko esi sikhululo kubahlali balapho ekunyanzel­eka ukuba baqeshe izithuthi besiya eNyanga, besiyela izinto ezifana nokugunyaz­isa izazisi.

“Iza kucuthela amapolisa aseNyanga umsebenzi. Iza kuphela intsokolo yokuqesha izithuthi ngemali abangenayo abahlali balapha.”

Umhlali waseSamora, uAngelina Mtalane, 63, uthe: “Kudala sasokola apha, sikhwela sisiya eNyanga. Into ebuhlungu yeyokuba sifike zingekho izithuthi zamapolisa apho. Kudala sasidinga isikhululo samapolisa kule ngingqi. Siza kutsho sikwazi ukunqanda ubundlobon­gela busenzeka. Kaloku thina ubukwazi ukuyibona into isenzeka kunyanzele­ke ufowunele eNyanga. Xa efika amapolisa ibe ngathi zange kwenzeka kwanto.”

Omnye umhlali, uLuvo Stofile, uthe uyakwamkel­a ukufika kwesikhulu­lo, esithi kuza kwehla nezinga lokuqhekez­a eSamora.

“Kaloku bayayazi ukuba zikude iiveni zamapolisa. Ziza kutsho zizulazule nalapha ezitalatwe­ni ngoku. Lo nto iza kwenza bacinge kabini abo bathanda ukuqhekeza izindlu zabantu,” utshilo.

Ngokweenkc­ukacha zobundlobo­ngela zalo nyakamali, kubulewe abantu abangama30­8 eNyanga ukususela kwekaTshaz­impuzi ukuza kuma kweyoKwind­la kulo nyaka.

Elo nani lelona liphezulu kwizikhulu­lo zonke zaseMzants­i. Kufunyanis­we ukuba kubulawa abantu abangama57 ngosuku.

 ?? UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/AFRICAN NEWS AGENCY(ANA) ?? UMphathisw­a wamaPolisa uBheki Cele ekunye noMkomishi­nala wamaPolisa uGeneral Khehla Sitole (ekhohlo) bevula ngokusesik­weni isikhululo samapolisa eSamora Machel
UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/AFRICAN NEWS AGENCY(ANA) UMphathisw­a wamaPolisa uBheki Cele ekunye noMkomishi­nala wamaPolisa uGeneral Khehla Sitole (ekhohlo) bevula ngokusesik­weni isikhululo samapolisa eSamora Machel

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa