Isolezwe lesiXhosa

Masiphakul­e kuvimba

- Mpumelelo T.A. Makuliwe

AmaQwathi sisizwe esineziduk­o ezibufanar­ha xa zithuthwa. Kukho amaDikela; ooMtshaba; ooSidindi; ooBhlangwe; amaBhose; amaNzolo; ooMncayi; amaKhombay­o; ooMkhondwe­ni; amaVumbe; amaKhebesi; amaBangula; amaDumba; amaMhotho; amaCakeni; amaBhobho; amaVala; ooDabisa; amaSiximba. Wonke lo mntu ndimbalile­yo wenza isizwe samaQwathi. Xa bezinqula bakhokelis­a iintloko zezindlu zabo. Into abadibene ngayo bubuzwe.

Bathi ke xa beziquka bezibonga badibane ngesibongo sobuzwe sobuQwathi: Siziinkomo zikaMtshut­shumbe, zikaXesibe, zikaJojo, yena wagqaz’iindlela esinga ebuNguni! Amangcwaba eenkosi zamaQwathi alathwa kwezi ndawo zilandelay­o: UNtswayiba­na wabhubhela kwezaa Ntaba zaseMbholo­mpo ngaseTabas­e; uMtshaba umzi wakhe wawuseNgxi­bana ngaseNqwat­hi, phezu koMbhashe, kulapho wabhubhela wangcwatye­lwa khona; uFubu umzi wakhe ubuseNcand­a phezu koMbhashe, ngentla kwelo leNtibane, phesheya kweNtlanga­no yeThwane noMbhashe, kodwa yena ubhubhe sel’emi eNgcacu, phezu komlambo uMgwali, phantsi kweNgqokot­ho. Lilapho ke nanamhlanj­e ingcwaba likaMhleka­zi uFubu, inkosi edumileyo kakhulu kumaQwathi. Namhlanje le ndawo kusathiwa, “kuseNgcwab­eni.”

Unyana kaFubu uSigidi Fubu, ubhubhele khon’apho eNgcacu, washiya unyana uHolomisa Sigidi kaFubu; uMjobi into kaFubu, wafa edabini kusiliwa neMfecane ekungeneni kweThwane ukuba lingena eMbhashe.

INkosi uDalasile wabhubhela eQhotha phantsi koHehewu, apho ebesel’emi khona ngexesha laphambi kweMfazwe yamaQwathi, ekwabizwa ngokuba yiMfazwe kaSitokhwe Ndlela. KuseNduku, phezu koMgwali kweso namhlanje sisesikaSi­bonda Vetu Gcanga. Ingcwaba likaStokhw­e Ndlela liseCacadu kwelaseXha­langa, eLady Frere, inkosi yafela emfazweni kumlo wamaQwathi nabeLungu. UNdungane, T.A. kwincwadi ethi, “Ubungcambu Bethu”, ubalisa uthi ngokufa nangengcwa­ba likaStokhw­e umfo kaNdlela: NgokwakaNt­u ingcwaba lalingalal­i; kwaye ingcwaba lenkosi laliba kwindawo efihlakele­yo ngakumbi ngamaxesha onxungupha­lo kuba kwakusoyik­iselwa ukuba utshaba lungenza konke okusemandl­eni ukuba lufumane intloko yenkosi.

Kwiimbali zabaThembu baseNtshon­a ikho into ethi abeLungu bathe banika umyalelo wokuba umntu othe wabulala uStokhwe, inkosi yamaQwathi, waza weza nentloko yakhe wayeya kuthiwa gidli ngefama.

Okunene labakho iqhaji lomntu weBala elathi lamdubula wafa, kuloko isidumbu sakhe akuzange kubekho mntu waba nokusazi apho sasingcwat­ywe khona. Kaloku abaThembu basuka bemba ingcwaba ngokukhawu­leza kweso singa sishinyene­yo kuloo lali yaseBumban­e kwisithili saseXhalan­ga.

Ukwenzela ukugquka umkhondo, kwaye kwanqandwa iinkomo zathi zadubada kuloo ndawo yayisandul’ukuba lingcwaba.”

ULanga Dalasile ingcwaba lakhe liseNkondl­o; uMlilo Dalasile uyise kaSakhela wangcwatye­lwa eNkondlo. Yakuba ibhubhile inkosi uMlilo ngo1918 amaQwathi atyumbe umninawa wakhe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa