Masiphakule kuvimba
AmaQwathi sisizwe esineziduko ezibufanarha xa zithuthwa. Kukho amaDikela; ooMtshaba; ooSidindi; ooBhlangwe; amaBhose; amaNzolo; ooMncayi; amaKhombayo; ooMkhondweni; amaVumbe; amaKhebesi; amaBangula; amaDumba; amaMhotho; amaCakeni; amaBhobho; amaVala; ooDabisa; amaSiximba. Wonke lo mntu ndimbalileyo wenza isizwe samaQwathi. Xa bezinqula bakhokelisa iintloko zezindlu zabo. Into abadibene ngayo bubuzwe.
Bathi ke xa beziquka bezibonga badibane ngesibongo sobuzwe sobuQwathi: Siziinkomo zikaMtshutshumbe, zikaXesibe, zikaJojo, yena wagqaz’iindlela esinga ebuNguni! Amangcwaba eenkosi zamaQwathi alathwa kwezi ndawo zilandelayo: UNtswayibana wabhubhela kwezaa Ntaba zaseMbholompo ngaseTabase; uMtshaba umzi wakhe wawuseNgxibana ngaseNqwathi, phezu koMbhashe, kulapho wabhubhela wangcwatyelwa khona; uFubu umzi wakhe ubuseNcanda phezu koMbhashe, ngentla kwelo leNtibane, phesheya kweNtlangano yeThwane noMbhashe, kodwa yena ubhubhe sel’emi eNgcacu, phezu komlambo uMgwali, phantsi kweNgqokotho. Lilapho ke nanamhlanje ingcwaba likaMhlekazi uFubu, inkosi edumileyo kakhulu kumaQwathi. Namhlanje le ndawo kusathiwa, “kuseNgcwabeni.”
Unyana kaFubu uSigidi Fubu, ubhubhele khon’apho eNgcacu, washiya unyana uHolomisa Sigidi kaFubu; uMjobi into kaFubu, wafa edabini kusiliwa neMfecane ekungeneni kweThwane ukuba lingena eMbhashe.
INkosi uDalasile wabhubhela eQhotha phantsi koHehewu, apho ebesel’emi khona ngexesha laphambi kweMfazwe yamaQwathi, ekwabizwa ngokuba yiMfazwe kaSitokhwe Ndlela. KuseNduku, phezu koMgwali kweso namhlanje sisesikaSibonda Vetu Gcanga. Ingcwaba likaStokhwe Ndlela liseCacadu kwelaseXhalanga, eLady Frere, inkosi yafela emfazweni kumlo wamaQwathi nabeLungu. UNdungane, T.A. kwincwadi ethi, “Ubungcambu Bethu”, ubalisa uthi ngokufa nangengcwaba likaStokhwe umfo kaNdlela: NgokwakaNtu ingcwaba lalingalali; kwaye ingcwaba lenkosi laliba kwindawo efihlakeleyo ngakumbi ngamaxesha onxunguphalo kuba kwakusoyikiselwa ukuba utshaba lungenza konke okusemandleni ukuba lufumane intloko yenkosi.
Kwiimbali zabaThembu baseNtshona ikho into ethi abeLungu bathe banika umyalelo wokuba umntu othe wabulala uStokhwe, inkosi yamaQwathi, waza weza nentloko yakhe wayeya kuthiwa gidli ngefama.
Okunene labakho iqhaji lomntu weBala elathi lamdubula wafa, kuloko isidumbu sakhe akuzange kubekho mntu waba nokusazi apho sasingcwatywe khona. Kaloku abaThembu basuka bemba ingcwaba ngokukhawuleza kweso singa sishinyeneyo kuloo lali yaseBumbane kwisithili saseXhalanga.
Ukwenzela ukugquka umkhondo, kwaye kwanqandwa iinkomo zathi zadubada kuloo ndawo yayisandul’ukuba lingcwaba.”
ULanga Dalasile ingcwaba lakhe liseNkondlo; uMlilo Dalasile uyise kaSakhela wangcwatyelwa eNkondlo. Yakuba ibhubhile inkosi uMlilo ngo1918 amaQwathi atyumbe umninawa wakhe