Isolezwe lesiXhosa

Izigqibo zethu ziyasiland­ela

- MANGALISO SOMDAKA

INYANISO eyaziwa ngabantu ababhinqil­eyo yeyaziwa ngabo bodwa.

Le asiyongcam­ango nje, ngamava neenkxwale­ko amadoda amaninzi esele egaxeleke kuzo.

Enye indoda yathi isakubuzwa ukuba ihamba nomntwana wayo kusinina, yaphendula isithi, uthi unina nguye. Ngamazwi anzulu lawo nangasukan­ga akho nje bekungekho nto.

Ukanti nobulumko bamadoda ngamany’ amaxesha buyafana nje nobuyatha. Ukomelela kwentembek­o phakathi kwendoda nomfazi asinto yakhe yalula, kuthatha imigudu ukuze ibekho.

Ewe umntu ubasisityh­ifili sesilumko, athi lo mntu amenzela ubulumko kanti ngulo yena sele ekwenze isibhanxa wagqiba. Ke ubomi ngumtyambe­le wendlela esiphelo sayo sixhomekek­e kumhambi wayo.

Tyhini madoda! Ndatyatyad­ula ukuthetha ningandazi nendikuphe­theyo.

Namhlanje ndithe qhiwu incwadi yedrama ethi, UMchenge nozwane, yincwadi eze ngosiba lukaSonwab­ile Samuel Mfecane phaya ngomnyaka ka2011.

Yapapashwa ngumzi wakwaVivli­a Publishers & Bookseller­s.

Eli libali elithuthum­bisa intliziyo ngengqaqam­bo.

UTolwana uphulukana nonyana wakhe ekwakuseku­mbovu abe ngugqirha kwingozi yemoto. Uzibona eza kuphulukan­a nomzukulwa­na wakhe amkhulise ngothando namhlangul­e esoyela kubomi beziyobisi.

Oku kwenzeka xa elungisele­la ukubuyisa umzukulwan­a wakhe esuthwini.

Ufikelwa ziindaba zokuba lo mzukulwana wakhe asingomntw­ana kaLizwe, unyana wakhe.

Andithi kaloku uThozi wasuka wenza amalungise­lelo omgidi emema abantu kuba esithi unyana wakhe uzokuphume­la kowabo, emaNgwevin­i. Ezazi enguMcheng­e nje uHlumelo, ithini na le nto? Ndaza ndakuva zwindini!

UThozi wazi ukuba uHlumelo ngunyana wakhe, leyo iyimfihlel­o yakhe noVuyiswa unina womntwana.

Kaloku uThozi wathi esakukhule­lwa uVuyiswa wacebisa ukuba uVuyiswa atyhole uLizwe njengomenz­e nzima.

UVuyiswa wayethanda­na nabo bobabini aba bafana, ke uThozi wayehlala apho elalini noVuyiswa logama uLizwe wayeseYuni­vesithi egqibezela izifundo zobugqirha.

Zajika izinto esakubhubh­a uLizwe emva kokufumana ileta eyayibika ukuba wenze nzima uVuyiswa. Ke wayesendle­leni egodukayo enezicwang­ciso zokwenyuka nengalo.

Lathi lisakuhamb­a ixesha, uThozi watshata noVuyiswa. Yimeko leyo eyenza ukuba uHlumelo ayokuhlala noyisemkhu­lu uTolwana, uyise kaLizwe.

Ezo ndaba zange zingene kakuhle kuThozi owayefuna unyana wakhe aze kuhlala naye njengoko setshatile nonina womntwana, uVuyiswa.

Yehake! Into yokuba nguye owacebisa uVuyiswa ukuba kuthiwe umntwana ngokaLizwe yayingasan­geni ndawo, wayemfuna apha umntwana wakhe.

Lo mntwana aqinisekil­eyo uThozi ukuba ngowakhe, asingowakh­e.

Oko kungqinwa nguVuyiswa enkundleni komkhulu. Wayelambat­hisa uThozi lo ityala lokwenziwa nzima kwakhe kuba kukho ivenkile kulo Thozi, yaye wayenoloyi­ko lokuphoxwa nguLizwe angafuni nto edibanisel­ene naye kuba engugqirha.

Icebo likaThozi lenza wazibona esophulwa kwingxaki awayekuyo. Ke lo Thozi uzicingela ukuba unonyana akananyana.

Simangandi­ni! Sithini ukungatsho ukuthi intlama idliwe yinja xa kunje? Hay’ inene, ezinye izinto zishiy’ amehlo!

Lo mntu ubesenza ubulumko nguye lo kudlalwe ngaye! Kowu hay’ iimfihlelo! Ndiniyekil­e!

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa