Izigqibo zethu ziyasilandela
INYANISO eyaziwa ngabantu ababhinqileyo yeyaziwa ngabo bodwa.
Le asiyongcamango nje, ngamava neenkxwaleko amadoda amaninzi esele egaxeleke kuzo.
Enye indoda yathi isakubuzwa ukuba ihamba nomntwana wayo kusinina, yaphendula isithi, uthi unina nguye. Ngamazwi anzulu lawo nangasukanga akho nje bekungekho nto.
Ukanti nobulumko bamadoda ngamany’ amaxesha buyafana nje nobuyatha. Ukomelela kwentembeko phakathi kwendoda nomfazi asinto yakhe yalula, kuthatha imigudu ukuze ibekho.
Ewe umntu ubasisityhifili sesilumko, athi lo mntu amenzela ubulumko kanti ngulo yena sele ekwenze isibhanxa wagqiba. Ke ubomi ngumtyambele wendlela esiphelo sayo sixhomekeke kumhambi wayo.
Tyhini madoda! Ndatyatyadula ukuthetha ningandazi nendikuphetheyo.
Namhlanje ndithe qhiwu incwadi yedrama ethi, UMchenge nozwane, yincwadi eze ngosiba lukaSonwabile Samuel Mfecane phaya ngomnyaka ka2011.
Yapapashwa ngumzi wakwaVivlia Publishers & Booksellers.
Eli libali elithuthumbisa intliziyo ngengqaqambo.
UTolwana uphulukana nonyana wakhe ekwakusekumbovu abe ngugqirha kwingozi yemoto. Uzibona eza kuphulukana nomzukulwana wakhe amkhulise ngothando namhlangule esoyela kubomi beziyobisi.
Oku kwenzeka xa elungiselela ukubuyisa umzukulwana wakhe esuthwini.
Ufikelwa ziindaba zokuba lo mzukulwana wakhe asingomntwana kaLizwe, unyana wakhe.
Andithi kaloku uThozi wasuka wenza amalungiselelo omgidi emema abantu kuba esithi unyana wakhe uzokuphumela kowabo, emaNgwevini. Ezazi enguMchenge nje uHlumelo, ithini na le nto? Ndaza ndakuva zwindini!
UThozi wazi ukuba uHlumelo ngunyana wakhe, leyo iyimfihlelo yakhe noVuyiswa unina womntwana.
Kaloku uThozi wathi esakukhulelwa uVuyiswa wacebisa ukuba uVuyiswa atyhole uLizwe njengomenze nzima.
UVuyiswa wayethandana nabo bobabini aba bafana, ke uThozi wayehlala apho elalini noVuyiswa logama uLizwe wayeseYunivesithi egqibezela izifundo zobugqirha.
Zajika izinto esakubhubha uLizwe emva kokufumana ileta eyayibika ukuba wenze nzima uVuyiswa. Ke wayesendleleni egodukayo enezicwangciso zokwenyuka nengalo.
Lathi lisakuhamba ixesha, uThozi watshata noVuyiswa. Yimeko leyo eyenza ukuba uHlumelo ayokuhlala noyisemkhulu uTolwana, uyise kaLizwe.
Ezo ndaba zange zingene kakuhle kuThozi owayefuna unyana wakhe aze kuhlala naye njengoko setshatile nonina womntwana, uVuyiswa.
Yehake! Into yokuba nguye owacebisa uVuyiswa ukuba kuthiwe umntwana ngokaLizwe yayingasangeni ndawo, wayemfuna apha umntwana wakhe.
Lo mntwana aqinisekileyo uThozi ukuba ngowakhe, asingowakhe.
Oko kungqinwa nguVuyiswa enkundleni komkhulu. Wayelambathisa uThozi lo ityala lokwenziwa nzima kwakhe kuba kukho ivenkile kulo Thozi, yaye wayenoloyiko lokuphoxwa nguLizwe angafuni nto edibaniselene naye kuba engugqirha.
Icebo likaThozi lenza wazibona esophulwa kwingxaki awayekuyo. Ke lo Thozi uzicingela ukuba unonyana akananyana.
Simangandini! Sithini ukungatsho ukuthi intlama idliwe yinja xa kunje? Hay’ inene, ezinye izinto zishiy’ amehlo!
Lo mntu ubesenza ubulumko nguye lo kudlalwe ngaye! Kowu hay’ iimfihlelo! Ndiniyekile!