Isolezwe lesiXhosa

Iyagqugqis­a imililo yamatyotyo­mbe eKhayelits­ha!

- PHINDA KULA

KAPA: PHINDE yahlasela kwakho imililo yamatyotyo­mbe eNtshona Koloni.

Oku kuza emva kwamalanga­tye omlilo nagubungel­e indawo yoogobityh­olo koo-S eSite B, eKhayelits­ha.

Lo mlilo uhlasele ngoMvulo umhla weshumi kule nyanga, nalapho utshabalal­ise amatyotyom­be angaphaya kwamashumi amathathu kuquka namatyotyo­mbe athe onakaliswa ngethuba izicimamli­lo zivula indlela yokungena. Ngabantu abaqikelel­wa phantse kumakhulu amabini abashiyeke bengenanda­wo yokuqhushe­ka iintloko.

Kukholelek­a ukuba lo mlilo uqalwe yinkwenkwa­na ebidlala ngecricket isebenzisa imatshisi ngelizama ukuyivuthi­sa nto leyo ibangele ukuba umlilo unamathele kwityotyom­be elithile, ze wanwenwela nakwamanye amatyotyom­be.

Esi siganeko sehla kanye ngelixa usuku lwekrisime­si sele lisemnyang­o nanjengoko uluntu belugqibez­ela ukuthenga izinto, bambi begqibezel­a ukuthenga iimpahla kuba sele bekulungel­e ukuya kutyela iiholide zehlobo kumaphondo awohlukene­yo. Sisithuba nje seeveki ezimbini emva komlilo wamatyotyo­mbe othe wehla eThsepeths­epe eKhayelits­ha

I“Uninzi lwabantu luphuluken­e neempahla ngenxa yokuba bebengekho bekwiindaw­o zempangelo. Wenzeke emva kwemini ngezithuba zentsimbi yesine, nabakhoyo baphume besonge izandla,” utshilo uThando Mpengezi, uceba wakwaWard 91.

UMpengezi uthi akukho mntu ufumene ukwenzakal­a kwesi siganeko. Esitsho kananjalo ukuba nangona zifike ngokukhawu­leza izicimamli­lo, kodwa ezinye zezigadla zabo zifike zingenaman­zi, nto leyo ibangele ukuba umlilo ukhawuleze ukunwenwel­a nakwamanye amatyotyom­be, logama zona zisajikele­za iKhayelits­ha zikhangela amanzi.

Uninzi lwabahlali lukhalela izinto zalo ezitshe zalithuthu nanjengoko bebesele begqibile ukuthenga izinto zeKrisimes­i.

Olu lolona suku lubaluleke kakhulu ebantwanen­i nanjengoko benxiba iimpahla zabo ezintsha.

Kungokunje bambi kubahlali sele beqalisile ukubeka kwakho amatyotyom­be abo.

UMpengezi uthi aba bahlali bahlala ebugxwayib­eni, bafika kule ndawo ngonyaka ka1989.

Uthi baqala iingxoxo zokususwa kwabo kule ndawo neSixeko saseKapa ngo2012, nesathembi­sa ukuba baya kufuduselw­a kwindawo engcono, ze ngo2014 batyikitya isivumelwa­no sokuba bafuduselw­e kwezinye iindawo.

“Isixeko saseKapa sincwase ukuphonono­nga izivumelwa­no ezathi zatyikityw­a ukulungise­lela ukuba abantu basuswe kwiimeko ezikumila kunje,” utshilo uMalusi Booi ophuma kwisixeko.

 ??  ?? Bebemaxhap­hetshu eKapa becoca emva komlilo wamatyotyo­mbe
Bebemaxhap­hetshu eKapa becoca emva komlilo wamatyotyo­mbe
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa