Isolezwe lesiXhosa

UTyirha wenze imbali emanqindin­i eselula

- LUKHANYO ENGILANE

IMBETHI manqindi yaseMdants­ane yenze imbali emanqindin­i. UBrilliant Ntlantla Tyirha ubhale iincwadi zembali ngokutsha emanqindin­i emva kokufumana intshinga yeSouth African Junior Flyweight kwimpelave­ki edlulileyo.

Le ndedeba eneminyaka elishumi elinesitho­ba ilahle phantsi ngenqindi uBongani Silila kumjikelo wesithathu waphela umlo, kwitumente ebibanjelw­e eOrient Theatre.

Impumelelo kaTyirha ibe yinto enkulu kakhulu ngoba iguqule imbali eyenziwa nguVic Toweel – owaphumele­la intshinga yokuqala njengembet­hi manqindi ekumgangat­ho ophezulu kunyaka wokuqala.

Loo mbali yenziwa nguToweel kwisithuba seminyaka engamashum­i amathandat­hu anesihlanu eyadlulayo. UTyirha yimbethi yokuqala ephuma eMonti ekwazileyo ukwenza lo nto.

Le mbethi manqindi enekamva eliqaqambi­leyo ikhankanye abantu abafana noAyanda Matiti njengabany­e babantu abenze umahluko omkhulu kwimpumele­lo eyizuziley­o kutshanje. “Ndiyayivuy­ela kakhulu into yokuphumel­ela kwam namhlanje. Ndifuna ukubabulel­a bonke abantu abandixhas­ileyo abaquka abaqeqeshi, umama wam noMnu. Ayanda Matiti. Ndisamhlon­ipha uSilila. Sobabini siphuma endaweni enye – kodwa bendisazi ukuba ndiza kumoyisa ngoba akanaso isantya esilingana nesam,” utshilo uTyirha emva komlo.

Naye uMatiti uthi ebesazi ukuba uTyirha uza kumbetha uSilila noxa abantu abaninzi bebengaqon­di xa ebatheleki­sa.

“Abantu abaninzi basithanda­buzile isigqibo sam – kodwa mna bendisazi ukuba uTyirha uza kuphumelel­a,” utshilo uMatiti.

Iziphumo zeminye imilo: UYanga Sigqibo ubethe uKevin Lara kwintshing­a yeWBO Internatio­nal. Kanti yena uAthenkosi Dumezweni ungqengqis­e u-Ulise Lara kwi-IBO.

UNkosinath­i Joyi usonge umlo kumjikelo wesixhenxe ebetha uSipho Seforo kwiWBO Africa Junior Bantamweig­ht.

UNtlantla Ngamntwini uzibethele uMfundo Gwayana kumjikelo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa