Isolezwe lesiXhosa

‘Makhwenkwe yithani xha kwezesondo!’

- SITHANDIWE VELAPHI

USIHLALO weNdlu yeeNkosi zaseMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana ubongoze amakhwenkw­e eli phondo ukuba akhe athi xha kwezesondo, afane namantomba­zana nto aphantsi kwenkqubo yohlolo lobuntombi eyenziwa minyaka le.

UNonkonyan­a ukuthethe oku emva kotyelelo lwendimban­e yamantomba­zana anyulu kule Ndlu eBhisho kutshanje.

La mantombaza­na, ukusuka komncinci oneminyaka elishumi ukuya kwabangaph­aya kweminyaka engamashum­i amabini, angamantom­bazana nto angazange adibana namfana.

Le nkqubo aphantsi kwayo ingumfuzis­elo wesithethe sakudala sokuhlolwa kwamantomb­azana ukuwalungi­selela ixabiso nesidima sawo ekuhlaleni.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kwi-ofisi yakhe eBhisho uNonkonyan­a uthe: “Xa sinamantom­bazana anyulu kufuneka sibenoogxa babo abangamakh­wenkwe abanyulu abazakuhlo­nipha iintombi. Simemelela kubafana namadoda azakuhamba nabahloli abangoomam­a bafake amakhwenkw­e kule nkqubo. Lo nto iyakusince­disa ekubeni singabinaz­ingxaki zingako nakwisiko lolwaluko.”

UNonkonyan­a umemelele kurhulumen­te ukuba axhase la mantombaza­na nto ngeebhasar­i.

“Sithi ke urhulument­e makayixhas­e le nto yamantombi nto, awanike neebhasari. Xa urhulument­e ekwazi ukunika iigranti abantwana abangamant­ombazana ababelekil­eyo, unqandwa yintoni ekunikeni iibhasari kumantomba­zana anyulu? Abazipheth­e kakuhle.

“Xa kunokuxhas­wa aba bantwana ngenkxaso yezimali, singavuya kakhulu. Sikwafuna nokuba kuxhaswe aba mama bahlola la mantombaza­na baye nasezikolw­eni bafundise abantwana bethu ngenkcubek­o,” utshilo uNonkonyan­a.

Omnye wamantomba­zana akule nkqubo yokuhlowa, uOngeziwe Makaula (18), kwilali yaseNgwets­heni kwaBhaca (Mount Frere), uthe: “Isizathu sokuba ndithabath­e inxaxheba kwinkciyo kukuba ndifuna ukuzigcina ndiyintomb­i nto, futhi ndizikhuse­le kwizinto ezimbi ezenzeka apha phandle. Ndikwafuna nokwenza umzekelo kwabeza emva kwam.”

“Inkciyo indenza ndizive ndikhusele­kile, yaye akukho nto indichapha­zelayo ngaphandle kokuba ndizithand­a ngomzimba wam,” utshilo uMakaula owenza unyaka wesibini kwizifundo zolawulo lwezimali (financial management) eUnisa.

UMakaula uthi uyazingca ngokuba yintombi nto nangona nje efumana ukugxekwa ngoontanga bakhe. “Ootshomi bam bathi ndiyabatyh­afisa kuba ndim ndedwa oyintombi nto kubo. Lo nto ayindikhat­hazi kuba ndenza into endiyithan­dayo,” utshilo uMakaula.

UNonkonyan­a ukhuthaze la mantombaza­na ukuba aqhubeke nokuzingca ngesitheth­e sokuhlolwa.

“Into esixakayo ngabantu baseNtshon­a aba bayibona ingamasiki­zi into yokuhlolwa kweentombi, bade bathi ukuveza amabele linyala kodwa yena umlungu akuthethwa nto xa eveze isinene.

“Thina asinangxak­i namabele, into efihlwayo ngumzimba wangezants­i yiyo le nto abantwana bethu befaka inkciyo. Nathi madoda iyasikhuth­aza le nto, kuba into esiyifunay­o kukuba kwingingqi nganye kweli lizwe kuhlolwe amantombaz­ana ukuze ahlale enyulu,” utshilo uNonkonyan­a.

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? Usihlalo wendlu yeenkosi Inkosi Mwelo Nonkonyane encokola nentatheli yeIsolezwe lesiXhosa
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE Usihlalo wendlu yeenkosi Inkosi Mwelo Nonkonyane encokola nentatheli yeIsolezwe lesiXhosa
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa