Ingqumbo ‘iSilamsi’ lingcwatywa ngobuKrestu
BAQUMBE basisifu abenkolo yobuSilamsi (Islam) eBhayi, bafuna ukulingcwaba ngokwabo ilungu labo.
UMfundisi uGqirha Xolani Tengo (58) obeyiBhishophu yebandla lamaWisile azimeleyo uswelekele kwisibhedlele iLivingstone ngeCawe.
Le Bhishophu ijike kwiinyanga ezisibhozo ezidlulileyo, eguqukela kwinkolo yobu-Islam wazibhengeza kumajelo onxibelelwano kaFacebook ukuba uyishiyile inkolo yobuKrestu.
Kule veki usapho lwalo mfundisi luthethelwa nguMfundo Ngcelwane, obekade engusomlomo walo kaTengo, lubhengeze ukuba inkonzo yesikhumbuzo iyakuba ngomhla wamashumi amabini ukuze umngcwabo wale nkokeli ube ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwiholo yoluntu iNangoza Jebe kwilokishi yaseNew Brighton.
Le ndedeba yalile ukuchopha ichaze ngamalungiselelo omngcwabo nokuba yeyiphi inkolo ezakuhambela phezulu malunga noququzelelo lomngcwabo nangona ibivumelene nentatheli yeli phephandaba ukuba iyakubuyela kuyo malunga nezi nkcukacha.
Kwelinye icala uSheikh Nceba Salamntu, ongumfundisi webandla lama-Islam eNew Brighton, uthe usapho lukaTengo luthabathe isigqibo sokuba luqhube lo mngcwabo ngendlela yobuKrestu esithi lo nto imkhathazile kuba lo kaTengo waphuma ebuKrestwini.
Uthe le nto ibotshwe ngabantu abathile kolu sapho benyhasha ilungelo nomyolelo walowo ungasekhoyo nowazikhethela indlela yakhe esaphila; wazazisa esidlangalaleni icala ahamba nalo kwezenkolo.
Umchaze lo kaTengo njengowaphuma ebuKrestwini kwiinyanga ezisibhozo ezidlulileyo.
“Siyile saya kulucenga usapho sicela intsebenziswano singanyanzelisi sifuna ukuhamba ngokweminqweno yakhe kodwa asamameleka, kungokunje ama-Islam onke akhathazekile, anomsindo sesi sigqibo!” utshilo okaSalamntu.
UMoulana Muhsin Mbotoli, okwayinkokheli yobu-Islam, naye uthe baziva bebuhlungu kakhulu sisigqibo sosapho lukaTengo.
Uhambise wathi umntu unamalungelo; uzalwa nawo nokuba sele ebhubhile kufanele ahlonitshwe loo malungelo, naquka ukukhululeka ngokwezenkolo.