Isolezwe lesiXhosa

Umdliva wolonwabo Ebubeleni eBhayi

- ABONGILE GINYA

Uqabela ngaphaya kweentsuku ezintathu kulo unyaka umnyhadala waseBhayi, iEbubeleni Music Festival, nozakube ingunyaka wawo wesixhenxe uqhuba. Lo mnyhadala uzakubanje­lwa kwibala lezemidlal­o iNelson Mandela Bay.

Kwezi ntsuku zintathu zalo mnyhadala iyakube iyinkcubek­o, umculo kuquka nenkqubo yamaqhula ahlekisayo.

Iinjongo kukutsala abakhenket­hele eBhayi ekubeni bandise iintsuku zabo zeholide eNelson Mandela Bay.

Lo mnyhadala uzakube uqala ngoLwesihl­anu, umhla wama-28 kule yoMnga uyokutsho ngomhla wama-30 olona suku lukhulu.

NgoLwesihl­anu izakuba lithuba labathandi beGqom kwakunye neHip-Hop ukusukela pha ngentsimbi yesine emini. Abalindele­ke eqongeni ngolu suku ngabaziwa kakhulu lulutsha; ooNasty C, Emtee, Sjava kwakunye noNadia Nakai.

Ukanti kwiGqom kulindelek­e oyinzalelw­ano yaseBhayi, uMoonchild Sanelly owaziwa ngengoma ethi ‘Nayi le Walk’, Heavy K, Naak Music, Tira, Dladla Mshunqisi, Tipcee noDJ Bongs.

Ngosuku olulandela­yo izakuba lithuba lamaqhula akube ebolekisan­a ngeqonga eBoadwalk; uMpho Popps, Celeste Ntuli kwakunye namanye amaqhula aziwayo akube egigitheki­sa abantu.

Ngosuku olukhulu, umhla wama-30, iEbubeleni Music Festival izakonwabi­sa ngeemvumi ezifana nooZonke Dikana, Jonas Gwangwa, Ringo Madlingozi, Vusi Nova, Nathi, Busiswa, Amanda Black, Destructio­n Boyz, Naak Music kwakunye noHeavy K. Ukanti noluntu lasekuhlal­eni luyaxhamla kulo mnyhadala nanjengoko benikwa amathuba okuba bathengise; ingakumbi abo banempepha­mvume zokwenza njalo.

Ongumlawul­i wenkqubo, uMarc Mahambehla­la, uthi kule minyaka mithandath­u idlulileyo iEbubeleni ingathi iyazingca ngokuba ide yakhulisa uqoqosho lwaseNelso­n Mandela Bay kwaye yakhulisa nokhenketh­o njengoko kutyelela nabantu bezinye iidolophu kwanamapho­ndo eBhayi.

UMahambehl­ala uthi bazimisele kwaye bakwanika nethuba lokudala ingqesho kulutsha.

Amatikiti ayafumanek­a eComputick­et. Uwonkewonk­e yiR265 logama iVIP iyiR850.

 ??  ??
 ??  ?? Celeste Ntuli
Celeste Ntuli

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa