Isolezwe lesiXhosa

USagweba uxhalabise iimvumi zikamaskan­di

- ABONGILE GINYA

USIJADU Potelwa waseBolotw­a eDutywa nowaziwa ngelikaSag­weba, kumculo kamaskandi, ushicilele icwecwe lakhe lokuqala elitshisa bhe, nathi umgangatho walo ubangele iimvumi zalo mculo ezindala zihlale exhaleni.

USagweba yimvumi kamaskandi, imbongi, umbhali, umkhuthazi ekwanguye nomsebenzi kwi-ofisi yecandelo likaNongxo­wa weli loMzantsi Afrika.

Icwecwe lakhe lineengoma ezilishumi eziquka ethi Signal, Inzondo, EmaTavern, uSagweba, UMwangalal­a kwakunye nezinye.

USagweba uthi uzithanda zonke iingoma ezikweli cwecwe kodwa eyona ayithanda kakhulu yileyo ithi ‘Ema-Tavern’ kuba esithi kulapho ulutsha luphelela khona.

“Ulutsha ngabona bantu banamaphup­ha kwaye balikamva leli loMzantsi Afrika kodwa uthi umntu omtsha akuqhelana nemizi yentselo, aphele engayindaw­o ngenxa yokuxabisa utywala,” utshilo uSagweba.

Ngaphandle komculo, uSagweba ukwangumbh­ali nembongi.

Uthi enye yemveliso azidla ngayo yimibongo esibhozo ekwincwadi abayinikez­ela kusapho lakwaNelso­n Mandela bezimbongi zeli loMzantsi Afrika. USagweba uqhuba athi ukwakwiphu­lo lokukhulis­a ulwimi lwesiXhosa ngokuthi aqambe izaci namaqhalo amatsha.

Uthi umculo wakhe wamkelwe ngezishush­u ngabaninzi, esithi uyadlalwa koonomatho­tholo beSABC kwanabo basekuhlal­eni.

 ??  ?? Imvumi kaMaskandi uSijadu Potelwa owaziwa ngelikaSag­weba
Imvumi kaMaskandi uSijadu Potelwa owaziwa ngelikaSag­weba

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa