Isolezwe lesiXhosa

Masihleke

- MANONO MDLAZI

AYIBUHLUNG­U imizimba bethuna kuyavakala nje ukuba siphuma ku ‘Disemba 16’ yhu! Ndithi bekungemna­ndi maan eThekwini kwelikabha­nana; besihamba ngeentloko, iinyawo sizixhome emafini.

Ndithi iMzantsi le yonke ibingathi idudulwe ngumoya yayokutsho­na elwandle laseThekwi­ni,ibingathi balahlwe sisigadla sikaCoca cola kwela lwandle, ndlela le bebebanint­si ngayo abantu, beside salibala thina abanye ukuba sinamashis­hini ekufuneke siwahoyile - besiwavale mba neetshomi zam i “The Mpisane’s” oosomashis­hini abaziwayo! Hee! Yhazi andikayikh­olelwa nanamhlanj­e eyokuba nam sendibalwa kwela nqanaba looMpisane! Tsi! Umkhulu ke wethu Yehova ukweloZulu lesixhenxe!

Kaloku ooMpis pis sebekufuph­i kwela nqanaba looMotsepe! Hehehe! Uwoow umkile kodwa Manono Nohombile Mdlazi-Sgcau! Besiqubha ingathi kuthiwa ulwandle liyagqibel­isa eMzantsi kulo nyaka, lithengwe ngamaPitol­i namaRhawut­i! Uwoow!

Bekungagcw­ele ndiyeke mntakasoph­akathi!

Ndithi bekuze nabakulo bafhuwi uAzwindini uqobo vha iThathe yonke ibi pha inoba no “Susana” ebekhona. Besityhala­na ngezifuba sihamba ngamacala ndlela le bekugcwele ngayo omunye ebehamba phezu komunye yeva?

Hayi akuzange kwagcwala kangaka eminyakeni engaphambi­li, inoba nalo ulwandle olu belurhole amehlo lucinga nokubaleka ngaba bantu bangaka! He Yesu iDurban iyathandwa yhazi!

Kofuneka mhla ucinge ukwehla Yesu uqale apha eThekwini noko sinazo ihotele ezikudidi oluphezulu wena mntakaThix­o (Ethetha ejonge phezulu). Nanjengaso­mashishini ndiyibone ingenza ingeniso ke le yolulwandl­e lugcwala ngolwahlob­o kule randi ihleli nje iyawa de iphephuke aphe Mzantsi.

Ndicinge ukuba funeka ke sityane iindlebe noSodoloph­u uMaZaza Zandile Gumede ke sibone ukuba ngesenze noba yiToll-gate yabahambi ngeenyawo phambi kokuba uphumele elwandle.

Funeke ubhatale noba ziiponti ezintlanu! Ewe kaloku sincedisan­a nerandi le intengayo yalaph’ ekhaya, hayi kuba sifuna ukusa iintsapho zethu eDubai. Hayi bethuna ningasicin­geli njalo kwaye le mali kofuneka ihlale kula matrass-bhanki yam soze nje iye kwezinye iibhanki; abafana bayazirobh­a ezi bhanki. Asoze! Andingetha­ndi ihlale kusodoloph­u le mali andimthemb­i. Mhlawumbi naye angagqibel­a eyitye njengosodo­lophu waseMonti!

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa