Vela bahleke
BANTAKWETHU ayibuhlungu intliziyo yam yinto endiyenziwe ngudadewethu, yini ndizithembise kangaka ukuba nokuba andinamali kulo Disemba noko usbari wam, ongengowankomo phofu, uza kundijonga njengesiqhelo andizame ngento yonke ukusukela ecubeni ukuya kwizinto eziginywayo.
Ndikhathazeke nyani ke tana ningade nicinge ukuba uVela Bahleke uyawaqale ezi zinto zakhe. Ngoku sendiyalaqaza ngathi yikati ebolekiweyo, yona uyakuze uthi uyiboleke kwammelwane ukuba izokutya iimpuku ezikuhluphayo emzini wakho ikhe ifike iqale ngokulaqaza; endibona ukuba sukuba ikhangela indawo eza kuzifihla kuyo kuqala yona qobo!
Ngoku andazi nokuba ukhona na umntu onokuvuma nje abe ngusbari apha kuDisemba nokuba ke phaya ku-Januwari angaphindela emntwini wakhe oku kokuba ndibe nomntu oza kundondla kulo Disemba kuba andinamali.
Oh bendingekanixeleli ukuba wenzeni udadethu, kaloku uyalile le mambana kunjalo nje nayo khange imcenge nokumcenga oku, ibe ndim osuka ngapha aye kucenga kwela cala ndiphinde ndisuke kwelinye icala ndiyokucenga kwelinye icala. Kodwa hayi, akukho ufuna ukugoba uphondo.
Yini Nkosi yam ndakuba yintoni ukuhamba ngeenyawo xa ndisiya kule micimbi kuba bendincedwa kwanguye - sihambe ngemoto yakhe, sithi xa sifika emcimbini sibekwe kumagumbi aphezulu, ndiphume apho ndingumpatsiya ukuhlutha oku.
Ngoku ndiza kuhlekwa nazezi ntwana bendiye ndizigezele zibe zixhase ubuhlanti ndibe mna ndiyokulahla amanzi ngapha ndivungula. Umbuso wam uwile! Ndicela nive isimbonono sam mawethu kuba ngathi kuza kunyanzeleka ndihlale endlini uDisemba wonke ngenxa yeentloni zokuthotyelwa kwinqanaba lokuhlala ecaleni kobuhlanti, nditye noongantweni abazizibhongobhiya ezasoloko zinochuku zinqwenela igazi lomntu.
Okanye ke okwaziyo ukucenga andicengele aba bantu babuyelane!