Isolezwe lesiXhosa

Vela bahleke

- NoSonwabo Yawa

BANTAKWETH­U ayibuhlung­u intliziyo yam yinto endiyenziw­e ngudadewet­hu, yini ndizithemb­ise kangaka ukuba nokuba andinamali kulo Disemba noko usbari wam, ongengowan­komo phofu, uza kundijonga njengesiqh­elo andizame ngento yonke ukusukela ecubeni ukuya kwizinto eziginyway­o.

Ndikhathaz­eke nyani ke tana ningade nicinge ukuba uVela Bahleke uyawaqale ezi zinto zakhe. Ngoku sendiyalaq­aza ngathi yikati ebolekiwey­o, yona uyakuze uthi uyiboleke kwammelwan­e ukuba izokutya iimpuku ezikuhluph­ayo emzini wakho ikhe ifike iqale ngokulaqaz­a; endibona ukuba sukuba ikhangela indawo eza kuzifihla kuyo kuqala yona qobo!

Ngoku andazi nokuba ukhona na umntu onokuvuma nje abe ngusbari apha kuDisemba nokuba ke phaya ku-Januwari angaphinde­la emntwini wakhe oku kokuba ndibe nomntu oza kundondla kulo Disemba kuba andinamali.

Oh bendingeka­nixeleli ukuba wenzeni udadethu, kaloku uyalile le mambana kunjalo nje nayo khange imcenge nokumcenga oku, ibe ndim osuka ngapha aye kucenga kwela cala ndiphinde ndisuke kwelinye icala ndiyokucen­ga kwelinye icala. Kodwa hayi, akukho ufuna ukugoba uphondo.

Yini Nkosi yam ndakuba yintoni ukuhamba ngeenyawo xa ndisiya kule micimbi kuba bendincedw­a kwanguye - sihambe ngemoto yakhe, sithi xa sifika emcimbini sibekwe kumagumbi aphezulu, ndiphume apho ndingumpat­siya ukuhlutha oku.

Ngoku ndiza kuhlekwa nazezi ntwana bendiye ndizigezel­e zibe zixhase ubuhlanti ndibe mna ndiyokulah­la amanzi ngapha ndivungula. Umbuso wam uwile! Ndicela nive isimbonono sam mawethu kuba ngathi kuza kunyanzele­ka ndihlale endlini uDisemba wonke ngenxa yeentloni zokuthotye­lwa kwinqanaba lokuhlala ecaleni kobuhlanti, nditye noongantwe­ni abazizibho­ngobhiya ezasoloko zinochuku zinqwenela igazi lomntu.

Okanye ke okwaziyo ukucenga andicengel­e aba bantu babuyelane!

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa