Uvuthulule abantwana ngentonga yomtshayelo
KAPA:
ABABONI ngasonye abamelwane emva kokubethwa kuvuthululwa ngentonga yomtshayelo amakhwenkwana amathathu kooL, eSite B, eKhayelitsha.
Esi siganeko sehle ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeNkanga kulo nyaka nalapho kutyholwa umelwane ngokubetha ngentonga yomtshayelo amakhwenkwana aphakathi kweminyaka emihlanu ukuya kwesixhenxe.
Isizathu sokubethwa kwabantwana kulandela izityholo zokuba babonwa bedlala kwimoto endala yeli khaya nesele ineminyaka emine ichanyelwa zizinja ngenxa yokuba ingahambi.
“Umntwana wam nababini basebumelwaneni bafika beneempawu zokudumba entloko, izandla nasemilenzeni besithi babethwe ngusisi wasebumelwaneni ngentonga yomtshayelo kuba ebatyhola ngokudlala kwimoto yakhe endala emise kumzi osecaleni kwasekhaya,” utshilo uYoliswa (25) ongunina welinye lamaxhoba elinkulwe ngentonga yomtshayelo. UYoliswa uthi ngekungcono ukuba abantwana babebethwe ngoswazi, hayi ngentonga yomtshayelo.
“Xa ndibuza abantwana ukuba kwenzeke ntoni badiza ukuba babizwa ngumakhulu wasebumelwaneni ze wabavalela endlini nalapho ke intombi yakhe ehamba ngesitulo esinamavili yabankula ngentonga yomtshayelo ngelithi ibabethela ukudlala emotweni yayo!” utshilo uYoliswa.
Uthi ngoko nangoko ngomhla wesiganeko ngezithuba zentsimbi yesixhenxe ngorhatya lwemivundla baleqisa abantwana kwiziko lezempilo ekuhlaleni khon’ ukuze bafumane ukuhlolwa ngugqirha.
Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe usapho lakwaSinono lasingisa kwisikhululo samapolisa ukuya kuvula ityala malunga nokubethwa kwabantwana.
“Safika kwisikhululo samapolisa savula ityala nalapho kwabuzwa iminyaka yamaxhoba ze sanikwa ifomu engu-J88 ukuze ityikitywe ngugqirha lowo ebesenza uhlolo kumaxhoba,” kutsho uYolando Sinono (19) ongumalume wexhoba.
Uthi nangona atyikitywa amaxwebhu eJ88 kodwa bafumanisa ukuba uSajini Mvubu akazange alandele nkqubo iyiyo ntoleyo yakhokelela ekulahlekeni kweDocket.
OkaSinono uthi oku kwakhokelela ukuba mabehle besonyuka, ukuzama ukugcwalisa iJ88, ukuze bakwazi ukuvula ityala kwakho, nelathi lavulwa kamva.
Usapho lakwaSinono luthi luyavuma ukuba abantwana bonile, ngekungcono ukuba umelwane wabo - uLulama Mnyiphika (ohamba ngesitulo esinamavili) - wayedibene nabazali angatywatyhushi abantwana ngentonga yomtshayelo.
Olu sapho luthi inye nje kuphela into eliyifunayo kukuba okaMnyiphika ohlukane nokubetha abantwana kuba akaqali ukubetha abantwana; batyhola ngelithi ngumkhwa wakhe ukuphakamisa isandla ebantwaneni kwesi sitalato. Usoloko ebatyhola ngokudlala kwimoto yakhe egciniswe kwelinye ikhaya ngaphandle, kuba kwikhaya lakhe akukho ndawo yokuyigcina ngokukhuselekileyo ukuze abantwana bangadlali kuyo.
Umakhulu uMandlovu Mnyiphika (76) - ongunina kaLulama - uyazikhanyela ezi zityholo ngelithi yena akazange avalele bantwana ukuze babethwe yintombi yakhe.
“Abantwana bayothuswa ngoswazi xa bemoshile kodwa intombi yam zange ibabethe ngentonga yomtshayelo koko yakha uswazi kule mithi ilapha phambi kwendlu” utshilo uMandlovu.
Uthi emva kokubethwa kwabantwana wangena ndlu nendlu ngelizama ukucela uxolo kubamelwane malunga nokubethwa kwamaxhoba yintombi yakhe.
Esitsho kananjalo ukuba intombi yakhe yacela uxolo ngethuba abazali bamaxhoba befika kwikhaya lakhe malunga nokubethwa kwabantwana babo.
AbakwaSinono bayazikhanyela ezi ngxelo ngelithi umakhulu uMandlovu zange akwazi ukuxolisa ngesi sehlo nanjengoko kutyholwa ukuba nguye owavalela endlini abantwana khon’ukuze intombi yakhe ibabethele oogqirha nezicaka abantwana ngentonga yomtshayelo.
“Zange acele xolo, wathetha esegumbini lakhe ukuba khange abethe bantwana ngentonga yomtshayelo!” utshilo uYoliswa.
Kungokunje kuvulwe ityala malunga nezi zityholo kwisikhululo samapolisa eKhayelitsha.
“Iqela labacuphi lingqinile ukuba lisezithendeni zomrhwanelwa yaye badize ukuba bazamile ukukhangela umzila wakhe ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga,” utshilo uConstable Lowellan West ongusomlomo wamapolisa. Uphando lusaqhuba.