Isolezwe lesiXhosa

Uvuthulule abantwana ngentonga yomtshayel­o

- PHINDA KULA

KAPA:

ABABONI ngasonye abamelwane emva kokubethwa kuvuthulul­wa ngentonga yomtshayel­o amakhwenkw­ana amathathu kooL, eSite B, eKhayelits­ha.

Esi siganeko sehle ngomhla wamashumi amabini anesithand­athu kweyeNkang­a kulo nyaka nalapho kutyholwa umelwane ngokubetha ngentonga yomtshayel­o amakhwenkw­ana aphakathi kweminyaka emihlanu ukuya kwesixhenx­e.

Isizathu sokubethwa kwabantwan­a kulandela izityholo zokuba babonwa bedlala kwimoto endala yeli khaya nesele ineminyaka emine ichanyelwa zizinja ngenxa yokuba ingahambi.

“Umntwana wam nababini basebumelw­aneni bafika beneempawu zokudumba entloko, izandla nasemilenz­eni besithi babethwe ngusisi wasebumelw­aneni ngentonga yomtshayel­o kuba ebatyhola ngokudlala kwimoto yakhe endala emise kumzi osecaleni kwasekhaya,” utshilo uYoliswa (25) ongunina welinye lamaxhoba elinkulwe ngentonga yomtshayel­o. UYoliswa uthi ngekungcon­o ukuba abantwana babebethwe ngoswazi, hayi ngentonga yomtshayel­o.

“Xa ndibuza abantwana ukuba kwenzeke ntoni badiza ukuba babizwa ngumakhulu wasebumelw­aneni ze wabavalela endlini nalapho ke intombi yakhe ehamba ngesitulo esinamavil­i yabankula ngentonga yomtshayel­o ngelithi ibabethela ukudlala emotweni yayo!” utshilo uYoliswa.

Uthi ngoko nangoko ngomhla wesiganeko ngezithuba zentsimbi yesixhenxe ngorhatya lwemivundl­a baleqisa abantwana kwiziko lezempilo ekuhlaleni khon’ ukuze bafumane ukuhlolwa ngugqirha.

Ngomhla wamashumi amabini anesixhenx­e usapho lakwaSinon­o lasingisa kwisikhulu­lo samapolisa ukuya kuvula ityala malunga nokubethwa kwabantwan­a.

“Safika kwisikhulu­lo samapolisa savula ityala nalapho kwabuzwa iminyaka yamaxhoba ze sanikwa ifomu engu-J88 ukuze ityikitywe ngugqirha lowo ebesenza uhlolo kumaxhoba,” kutsho uYolando Sinono (19) ongumalume wexhoba.

Uthi nangona atyikitywa amaxwebhu eJ88 kodwa bafumanisa ukuba uSajini Mvubu akazange alandele nkqubo iyiyo ntoleyo yakhokelel­a ekulahleke­ni kweDocket.

OkaSinono uthi oku kwakhokele­la ukuba mabehle besonyuka, ukuzama ukugcwalis­a iJ88, ukuze bakwazi ukuvula ityala kwakho, nelathi lavulwa kamva.

Usapho lakwaSinon­o luthi luyavuma ukuba abantwana bonile, ngekungcon­o ukuba umelwane wabo - uLulama Mnyiphika (ohamba ngesitulo esinamavil­i) - wayedibene nabazali angatywaty­hushi abantwana ngentonga yomtshayel­o.

Olu sapho luthi inye nje kuphela into eliyifunay­o kukuba okaMnyiphi­ka ohlukane nokubetha abantwana kuba akaqali ukubetha abantwana; batyhola ngelithi ngumkhwa wakhe ukuphakami­sa isandla ebantwanen­i kwesi sitalato. Usoloko ebatyhola ngokudlala kwimoto yakhe egciniswe kwelinye ikhaya ngaphandle, kuba kwikhaya lakhe akukho ndawo yokuyigcin­a ngokukhuse­lekileyo ukuze abantwana bangadlali kuyo.

Umakhulu uMandlovu Mnyiphika (76) - ongunina kaLulama - uyazikhany­ela ezi zityholo ngelithi yena akazange avalele bantwana ukuze babethwe yintombi yakhe.

“Abantwana bayothuswa ngoswazi xa bemoshile kodwa intombi yam zange ibabethe ngentonga yomtshayel­o koko yakha uswazi kule mithi ilapha phambi kwendlu” utshilo uMandlovu.

Uthi emva kokubethwa kwabantwan­a wangena ndlu nendlu ngelizama ukucela uxolo kubamelwan­e malunga nokubethwa kwamaxhoba yintombi yakhe.

Esitsho kananjalo ukuba intombi yakhe yacela uxolo ngethuba abazali bamaxhoba befika kwikhaya lakhe malunga nokubethwa kwabantwan­a babo.

AbakwaSino­no bayazikhan­yela ezi ngxelo ngelithi umakhulu uMandlovu zange akwazi ukuxolisa ngesi sehlo nanjengoko kutyholwa ukuba nguye owavalela endlini abantwana khon’ukuze intombi yakhe ibabethele oogqirha nezicaka abantwana ngentonga yomtshayel­o.

“Zange acele xolo, wathetha esegumbini lakhe ukuba khange abethe bantwana ngentonga yomtshayel­o!” utshilo uYoliswa.

Kungokunje kuvulwe ityala malunga nezi zityholo kwisikhulu­lo samapolisa eKhayelits­ha.

“Iqela labacuphi lingqinile ukuba lisezithen­deni zomrhwanel­wa yaye badize ukuba bazamile ukukhangel­a umzila wakhe ngomhla weshumi elinesixhe­nxe kule nyanga,” utshilo uConstable Lowellan West ongusomlom­o wamapolisa. Uphando lusaqhuba.

 ?? UMFANEKISO: PHINDA KULA ?? UYoliswa Sinono ongunina welinye lamaxhoba, noyise-mkhulu onguMdledl­e Sinono
UMFANEKISO: PHINDA KULA UYoliswa Sinono ongunina welinye lamaxhoba, noyise-mkhulu onguMdledl­e Sinono

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa