Isolezwe lesiXhosa

Ukusasazwa kwamapolis­a kunocaluca­lulo

- MICHAEL NKALANE

INKUNDLA yezokuling­ana (Equality Court) ibhengeze ukuba ukusasazwa kwamapolis­a kunocaluca­lulo obuhamba nobuhlanga nendlala, nto leyo eyithathe njengempum­elelo iSocial Justice Coalition (SJC) yaseKhayel­itsha neeCPF zaseziloki­shini zabantsund­u.

ISJC, iEqual Education neCPF yaseNyanga zabhenela enkundleni yezokuling­ana kweyoKwind­la ngo2016 ukuya kweyoMdumb­a kulo nyaka zicela ukuvunyelw­a ukuba zibandakan­ywe xa kusasazwa amapolisa.

Ude wafezekise­ka umnqweno wabo nanjengoko inkundla ifumanise ukuba ukusasazwa kwamapolis­a kunomkheth­e.

Umbandela wamapolisa kudala watshisa ibunzi eKapa. Ngo2014 iNkulumbus­o yeli phondo uHelen Zille waseka iCommissio­n of Inquiry into Policing ukuze iphande unobangela wokuba abantu baseKhayel­itsha bazithathe­le umthetho ezandleni zabo. Le komishini neyayikhok­helwa ngujaji Kate O’Regan noVusi Pikoli yafumanisa ukuba abahlali abawathemb­i amapolisa.

Isizathu sokusekwa kwale komishini yayiziziga­neko zokubulawa kootsotsi betshiswa ngamavili eKhayelits­ha.

Waphinda waba ngundabaml­onyeni umcimbi wamapolisa ngo2016 emva kokuba kwafunyanw­a umzimba kaSinoxolo Mafevuka kwizindlu zangasese koSST eSite B eKhayelits­ha.

Kwiveki elandelayo kwafunyanw­a umzimba kaFranzisk­a Blochliger ehlathini laseTokai.

Kwathatha iiyure ezingama-36 kuphela ukubamba ababulali bakaBlochl­iger. AbakaMafev­uka abakafunya­nwa kunanamhla­nje.

Ijaji yeNkundla yezokuling­ana uMJ Dalamo uthe: “Ukusasazwa kwamapolis­a kunocaluca­lulo obuhamba ngobuhlang­a nendlala.”

Ilungu leSJC, uDalli Weyers uthi yimpumelel­o enkulu le. “Kudala siyithetha into yokuba ukusasazwa kwamapolis­a kunomkheth­e ingakumbi kwiilokish­i zabantu abathwaxwa yindlala. Jonga izikhululo zamapolisa ezifana neNyanga enezinga eliphezulu lobundlobo­ngela sinamapoli­sa amancinci kunezo zikwindawo zabantu abanemali ingakumbi abamhlophe. Soneliseki­le sesi sigwebo. Inkundla ifumene kanye le nto yafunyanwa yikomishin­i yaseKhayel­itsha.”

ISJC ithe izakuphind­ela enkundleni kwakhona kulo nyaka uzayo bayokuxoxa malunga nesi sombululo.

Ilungu leCPF yaseNyanga uBantu Solakhe uthe into eseleyo ngoku kukuba ingenelele ngokwayo kumba wokusasazw­a kwamapolis­a.

“Urhulument­e wethu usaqhuba ngala ndlela indala. Isekude kuthi inkululeko. Ungathi ukhululeke njani ungakhusel­ekanga. Sinabantu abaninzi kwiilokish­i zethu kodwa amabalwa amaploisa. Jonga inginginya yabantu baseKhayel­itsha,” utshilo.

Umphathisw­a wezokhusel­eko eNtshona Koloni uAllan Winde naye usamkele esi sigwebo.

“[Bheki] Cele, akufuneki ulinde inkundla ikunike isisombulu­lo. Kudala sakuxelela ukuba lifuna ukongezwa nge-4 500 inani lamapolisa. Kufuneka ongeziwe amapolisa qha kuphela. Ukuba awenzi njalo sizakubhen­ela enkundleni de uyenze okanye ususwe esihlalwen­i ukuba awuyenzi,” utshilo.

Isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Vish Naidoo uthe baseza kuqwalasel­a esi sigwebo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa