Isolezwe lesiXhosa

Bakhululwe ngebheyile yeR2 000 abakhupha amaphepha wokuqhuba omgunyathi

- MICHAEL NKALANE

BAKHULULWE ngebheyile yeR2 000 umntu ngamnye abo batyholwa ngokukhuph­a amaphepha wokuqhuba omgunyathi kwisikolo sokuqhuba, iKhayelits­ha Driving Licence Testing Centre.

UPhumla Myedi (41), uPhelisa Kalipa (40), uLeticia Chatburn (44), uNwabisa Xozwa (39), uNwabisa Zotani (31), uZukiswa Ngqalo (41) noMbonisi Liwane (38) bakhululwe phantsi kwemiqatha­ngo eqatha emva kokuba bevele kwinkundla kamantyi yaseBelvil­le.

Imiqathang­o yebheyile iquka ukuba bangabuyel­i emsebenzin­i de kugqitywe ityala.

Kulindelek­e ukuba bavele kwakhona enkundleni ngomhla weshumi elinesibin­i kweyoMdumb­a kulo nyaka uzayo.

Esi sixhenxe sabanjwa kule veki iphelileyo ngoLwesith­athu bebanjelwa izityholo ezahlukene­yo eziquka ubuqhetseb­a nomgunyath­i malunga nokukhutsh­wa kwamapheph­a wokuqhuba nawokufund­ela ukuqhuba.

Uxwebhu lwezityhol­o lubonakali­sa ukuba baqala ukwenza le nto ukususela kweyoMqung­u ngo2015 ukuza kutsho kweyeDwarh­a kulo nyaka (2018).

Isithethi seHawks eNtshona Koloni, uPhilani Nkwalase, uthe nabo bantu bathi bafumana amaphepha okuqhuba omgunyathi abazokusin­da ekutshutsh­isweni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa