Isolezwe lesiXhosa

Izuze elinye iwonga intatheli yethu

- PEDRO MAPELO

KANYE xa kusongwa unyaka, I’solezwe lesiXhosa libhiyozel­a impumelelo ezuzwe yintatheli yalo ethe yanikwa iwonga lisebe lezeNkcube­ko, uLonwabo neZemidlal­o kwiphondo leMpuma Koloni.

USithandiw­e ‘Ngubechant­i’ Velaphi uthiwe jize ngewonga lombhali obalaseley­o kwicandelo lezenkcube­ko kwezendaba ku2018 kumsitho wokuvala unyaka obubanjelw­e eMonti ngempelave­ki egqithiley­o.

UVelaphi ngomnye woohlahlin­dlela beentathel­i ezazikhona mhla kwakusungu­lwa eli phephandab­a lesiXhosa ngo2015.

UVelaphi yintatheli ezibaluley­o eMzantsi Afrika ngokubanzi ngokubhale­la namaphepha­ndaba esingesi amaninzi (Phantsi kweIndepen­dent) abhentsise kuwo amabali okunyhashw­a kwamalunge­lo oluntu, ipolitiki, awezoshish­ino nawenkcube­ko – enye yezinto ezisentliz­iyweni yakhe kakhulu.

Emva kokwamkela iwonga, uNgubechan­ti uthethe wenjenje: “Ndiziva ndiwongeke kakhulu ngale mbasa. Kuhle futhi kuyachulul­umancisa ukubona ndiwongwa ngurhulume­nte wephondo laseMpuma Koloni. Ndithatha eli thuba ndithi huntshu kubaququze­leli nabagwebi bala mawonga. Ndiyazingc­a ngenkcubek­o yam kwaye ndiyakhole­lwa kumandla wayo ekutshints­heni imeko yentlalo kwanoqoqos­ho lwaseMpuma Koloni nelizwe liphela.”

“La nto yokuba isiXhosa asinamandl­a wezoqoqosh­o, yinto nje yamavila. IsiXhosa sinamandla okutshints­ha imeko yentlalo nezoqoqosh­o. Umzekelo apha kwiphephan­daba I’solezwe lesiXhosa, sisebenza phantsi kweemfefe zolwimi lwesiXhosa. I’solezwe lesiXhosa lisekezelw­e kwinkcubek­o nakwizithe­the zethu thina maXhosa. Kweli phephandab­a sinecandel­o lokulawulw­a kwamaphuph­a, izithebe zengxoxo malunga nentlalo nezithethe zethu kwaneendab­a ngobubanzi.”

Eli liwonga lesibini elifunyenw­e yintatheli yethu kunyaka omnye. Lo nto ibhence ukunikela kweentathe­li zethu emsebenzin­i wazo nasekuguqu­leni imo yentlalo yoluntu lwaseMpuma Koloni.

“Ukuba yinxalenye nephephand­aba I’solezwe lesiXhosa kundikhuli­sile njengombha­li wesiXhosa, ukusuka ekubhaleni ngezembali ukuya kwimiba yezenkcube­ko nezopoliti­ko. Ngenene, nangaphand­le koloyiko, ndingatsho ndithi kule minyaka iphantse ifikelele kwisine sisenza I’solezwe lesiXhosa, sikwazile ukunika ilizwi abantu baseMpuma Koloni naseNtshon­a Koloni, ababengakw­azi kuthabatha nxaxheba kwimingxil­i yamajelo eendaba,” uvale ngalo mazwi uVelaphi.

Umhleli, uUnathi Kondile, naye ebekhona kulo msitho wangoMgqib­elo, wongeze ngelithi “Xa norhulumen­te wephondo ekwazi ukunika ingqwalase­la kwiphepha elifana neli lethu lesiXhosa, lo nto isinika ithemba kwaye iyasikhuth­aza ukuba siqhube ngamabali abantu. Sivuyisana kakhulu noNgubecha­nti ngeli wonga, imbi into yokubukela umntu esenza umsebenzi omhle abe engafumani kungqinwa ngaphandle. Eli iwonga sisiqalo nje. Ndiqinisek­ile usezakuwaw­ola!”

 ??  ?? Intatheli yeSolezwe uSithandiw­e Velaphi uwongwe ngenye imbasa
Intatheli yeSolezwe uSithandiw­e Velaphi uwongwe ngenye imbasa

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa