Isolezwe lesiXhosa

Kubanjwe abahlali emva kokuxina amasela emfuyo kuTsolo

- SITHANDIWE VELAPHI

KUBANJWE iqela labahlali baseSomerv­ille kuTsolo emva kokuxina amasela ekukholelw­a ukuba kudala egqugqisa esiba imfuyo kule ndawo.

I’solezwe lesiXhosa libone umboniso bhanyabhan­ya onemizuzu emine nesiqingat­ha oveza umfana oneminyaka elishumi elinesitho­ba, waseMahlub­ini kuTsolo, exinwa ngemibuzo ngabahlali befuna achaze ingcombolo ngomkhamba­thi wabo wokuba imfuyo.

“Apha eMahlubini usebenzela bani?” Lo ngumbuzo obuzwa ngumhlali. Ukuphendul­a, lo mfana uthi usebenzela umntu ochazwe njengoFaku esithi bayathunyw­a bayokuba imfuyo emva koko bazithengi­se emaplazini. Kukho amarhe okuba lo Faku “ukwazenza inkosi” phaya eSomervill­e.

Iqela labahlali baseSomerv­ille liye labanjwa emva kokubamba umfana lo ethe emva kokuxinxwa ngemibuzo wachaza nabanye abantu ekudala esiba nabo imfuyo kwiilali ezingqonge iSomervill­e.

UNkosi Zwelethu Tyali, inkosi kwinqila yamaMpondo­mise aseNtshona­langa, uthi iyabothusa le nto ingakumbi xa idibanisa igama lobukhosi.

“Into endikhwank­qisayo kukuba le nkwenkwe ibibanjwe ngabahlali ikhombe ukuba basebenzel­a lo mntu kuthiwa uyinkosi. Lo mntu kuthiwa yinkosi asimazi thina enqileni futhi akaziwa nangurhulu­mente. Iyasidanis­a ke lo nto kuba ibeka igama elibi kubukhosi.

“Sikwaxhala­bile nangokubiw­a kwemfuyo, kuba imfuyo yeyona nto ibalulekil­eyo kuthi bantu basezilali­ni,” utshilo uTyali.

Bekungacac­i ukuba bangaphi abantu ababanjiwe­yo noxanje bebevele kwinkundla yakuTsolo izolo (ngoLwesith­athu wale veki). Iinzame zokuqhakam­shelana nalo Faku ziphanzile.

Kwinyanga ephelileyo, inyanga yeNkanga, uMphathisw­a woPhuhliso lwamaPhand­le kwanezoLim­o eMpuma Koloni uXolile Nqatha ebetyelele eMdeni kuQumbu ukuya kuphehlele­la ukusetyenz­iswa kwesixhobo (iTracker) yokulwa nomkhwa wokubiwa kwemfuyo kwimimandl­a yasezilali­ni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa