Nkonyeni: Le mbasa ayithethi fokolo!
IGQALA lemidlalo kamabonakude, uNomhle Nkonyeni (76), ligxeke urhulumente waseMpuma Koloni ngelithi uphelele “nje” ekuwongeni italente endaweni yokuyinika inkxaso equka ezezimali.
UNkonyeni, owaziwa kakhulu ngokuthetha isiXhosa nangendima ezisulungekileyo kwimidlalo yeqonga, ebencokolela I’solezwe lesiXhosa eMonti emva kokufumana imbasa ekhethekileyo kumsitho wamawonga ezenkcubeko awenziwa liSebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni obubanjelwe eICC kwimpelaveki esiyishiya ngasemva.
UNkonyeni, osele evele kwimidlalo efana neScandal, iGazi neminye, uthe: “Idonga lam ligcwele ziimbasa, andiyazi nokuba ndiza kuyixhoma phi le nto. Ayithethi kwanto le nto kum. Akukho kwankxaso siyifumana kwaba bantu, bathetha nje okungathi kukho inkxaso abasinika yona. Asiyifumani inkxaso yezimali kweli phondo, abantu balapha bathetha nje.”
Ebuzwa liphephandaba I’solezwe ukuba uziva njani ngokunikwa imbasa ekhethekileyo kula mawonga, uNkonyeni uthe: “Ayithethi niks le nto kum! Ayithethi fokolo! Zininzi iimbasa kwam, ngoko ke andothuki. Andizutya le ntsimbi (eli wonga).”
Abanye abafumene iimbasa ezikhethekileyo kula mawonga kuquka obesakuba yiNkulumbuso uNosimo Balindlela, imvumi kamaskandi uMlindelwa “Nkunz’emdaka” Mralatya kwanoLulamile Feni weDaily Dispatch.
UBalindlela uthi uyazingca ngokuwongwa kwiphondo lakhe. “Ndivuya kakhulu. Ndiyaqala ukuwongwa apha ekhaya. Ndiyixabise kakhulu inkcubeko yam. Isizwe esingayaziyo inkcubeko yaso, ayisosizwe eso.”
Yena uNkunz’emdaka uthe: “Amaxesha amaninzi bendivame ukufumana amawonga ngaphandle kwephondo. Bekudala ndifuna ukuwongwa apha ekhaya. Amacwecwe wam angamashumi amathathu anesine (34) oko ndacula ukusuka ngo1985. Ndibulela kakhulu kurhulumente wephondo laseMpuma Koloni.”
UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, ulLnwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uBulelwa Tunyiswa, uthi la mawonga abalulekile nanjengoko ingawokuthulela umnqwazi italente yezenkcubeko nobugcisa ephondweni.
Silapha sizokungqina imisebenzi emihle eniyenzela iphondo nesizwe sethu. Akufunekanga siqhwabele izandla amatshantliziyo ethu ezenkcubeko kuphela xa kubhujiwe.
UTunyiswa ukwathe uxanduva lwabo belisebe kukunika inkxaso kubantu abakwicandelo lezobugcisa nenkcubeko. “Ubuninzi babantu bethu abakwicandelo lezobugcisa nenkcubeko ngabantu abatsha, kwaye siyababongoza ukuba bathabathe inxaxheba kwiinkqubo ezisekezelwe kubo lisebe lethu. Yiyo le nto xa besenza kakuhle kufuneka sibaqhwabele izandla,” utshilo uTunyiswa.
UTunyiswa uthi bonke abo bakwicandelo lezobugcisa nenkcubeko ephondweni bayaqhuba nokuxhaswa lisebe labo, lisebenzisana namacandelo ophuhliso loqoqosho, ukuze kuxhaswe italente yephondo.
“Into esigxile kuyo kulo nyaka kukuxhasa imiboniso bhanyabhanya yasephondweni egxile kwezenkcubeko, imbali kwanamafa ephondo. Eminye yemiboniso esiyixhasayo kukuphandwa ngebali likaNongxokozelo elisekezelwe kwimbali yabaThembu ngeminyaka yoo1800. Futhi sikwafuna ukuqaqambisa ngemiboniso igalelo leMpuma Koloni kwidabi labafundi lika1976.”
Abanye babantu abaphumelele amawonga baquka aba:
Ogqwesileyo ngegalelo laminyaka le kwezenkcubeko Malcolm Soga Mlandu
Iqela lomculo eligqwesileyo Thobile Balman Ogqwesileyo kumculo Wela Matomela Ogqwese njengomlawuli wemidlalo yeqonga Ayanda Nondlwane
Ogqwese njengonomehlo nomkhwezeli wabadanisayo Sonwa Sakuba
Imveliso egqwesileyo kwabadanisayo Phumzile Zakaza
Ogqwese njengegcisa lomchweli (2D) Asanda Kupa
Ogqwese njengegcisa lomchweli (3D) Sonwabiso Ngcai Ogqwesileyo njengomyili Luyolo Dlikilili Ogqwesileyo njengomvelisi kwezokuyila Thenjiwe Jacobs
Ogqwese kuncwadi lwesiXhosa Manzi Meshack Duka, ogqwese kuncwadi lweSesotho Njingalwazi Benjamin Khoali, ogqwese kuncwadi lwesiNgesi Bungcwele Tshwete, ogqwesileyo kulawulo lwenkcubeko Thandile Petshwa, ogqwesileyo kwiiMuziyam Sidwell Zweni, ogqwesileyo kwimingxili yamafa esizwe Simphiwe Msizi, ogqwesileyo kumathala eencwadi Mxolisi Nkukwana.