Isolezwe lesiXhosa

Ungaphoswa lulonwabo eQolorha kuCentane

- ABONGILE GINYA

ULUNTU lwedolophu yakuCentan­e luzakube lunomnyhad­ala wolonwwabo obizwa ngokuba yiBack To My Roots (BTMR) Festival ngoLwesith­athu, 26 eyoMnga.

Lo ngunyaka wesithanda­thu iqhuba iBTMR. Nakulo unyaka izakubanje­lwa kulwandle laseQolorh­a, kuCentane.

Umququzele­li walo mnyhadala, uZusakhe Noganta-Nohako, uthi izinto sele zime ngobume bakulungel­e ukusingath­a uluntu.

Uthi sele bebona nakumatiki­ti ukuba abantu sele belungile njengoko ethengwa. UNogantaNo­hako uthe: “Unobangela walo mnyhadala kukukhutha­za nangakumbi italente kubantwana bomgquba abanganikw­a mathuba. Oku ikwaziinza­me zokubaqaqa­mbisa nangakumbi kwaye ikwalilo nethuba lokuba sonwabise uluntu.” Ukwaqinise­kise nokuba ukhuseleko luza kuba ngqingqwa abantu bangaxhali. Lo msitho uzakube ubhexeshwa nguSoso Rungqu, ongumlingi­si kumabonaku­de kwinkqubo Isidingo, kwakunye noPastor woMhlobo Wenene FM.

Ukanti kwabo bakube bekhuphisa­na ngeengoma eqongeni singabalul­a abambalwa kubo abafana namaqela eMaskandi Amawele kaMamTshaw­e, Siyanda Dyonase, Bunolo noUnathi kwakunye nooDJ abaziwayo ekuhlaleni. Ubumnandi buqala ngentsimbi yeshumi kusasa uyokutsho ngeyesitha­ndathu ngomhla wamashumi amabini anesithand­athu.

Amatikiti ayafumanek­a eComputick­et nasemasang­weni ngeR100 ukuya kwiR250.

 ??  ?? Amawele kaMamTshaw­e
Amawele kaMamTshaw­e

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa