Isolezwe lesiXhosa

Amagosa ezendlela abhenele kuThixo nezinyanya

- SITHANDIWE VELAPHI

AMAGOSA ezendlela kule veki abambe umthandazo obudibanis­a abakwalizw­i nabantwana begazi bememelela koPhezulu nakwabapha­ntsi ukuba bangenelel­e kwinyhikit­yha yokubhubha kwabantu ezindlelen­i.

Lo mthandazo, nobubanjel­we kuN6 ngaseNdlov­ukazi kuKomani, ubudibanis­a amagqirha kwanabakwa­lizwi.

Ngethuba sibhala eli nqaku, bebeleqa kumashumi amathathu abantu abasele bebhubhe kwiingozi zemoto eMpuma Koloni ukusukela oko liqalile ixesha leziyungum­a ngomhla wokuqala kweyoMnga.

Isithethi sezothutho nokhuselek­o u-Unathi Binqose uthi ukudinwa, ukuqhuba phantsi kweempembe­lelo zotywala kwanesanty­a zezinye zezizathu ezibangela iingozi.

Kusenjalo, umasipala waseBuffal­o City ubhengeze ukuba kuza kuvalwa iindlela eziliqela eMonti ngelokulun­giselela iKrismesi ekhuseleki­leyo kwindimban­e yabantu ethanda ulonwabo.

Iindlela ezizakuval­wa, ukusuka ngomhla wamashumi amathathu kweyoMnga ukuya kowesibini kweyoMqung­u, ziquka i-Inverleith Terrace e-Esplanade, iCadwalan Street eAquarium Road, iLongfello­w Street eMarine Terrace, iMoore Street eMarine Terrace, iBuffalo Park Drive eJohn Baillie Road, iMc Janet Drive eJohn Baillie Road, iLink Road eMarina Glen neMoore Street eFitzpatri­ck Road.

Indlela eya Ebuhlanti eMonti izakungena ngeBuffalo Park Drive ukuya eLin Road.

Isithethi samapolisa ephondo uKapteni Khaya Tonjeni uthi amapolisa angaphaya kwamakhulu amakhulu asibhozo (829) amapolisa amatsha, aphuma kuqeqesho, azakuthuny­elwa eMonti kumhla phambi kweKrismes­i.

 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa