Isolezwe lesiXhosa

Uxokiswe ligqirha

- Phumlani Merile

KUNZIMA kule mihla siphila phantsi kwayo. Wonke umntu uzamela ukubeka into etyiwayo phezu kwetafile. Andazi nokuba yile nto yokunqaba komsebenzi na kweli lizwe kuthiwa likhululek­ile.

Umntu ukhangela le nto iza kumphilisa nendlu yakhe engayikhat­halele eyokuba umosha omnye umntu.

Kunento eqhubekayo endityayo apha elizweni yokuxokisw­a kwabantu bakuthi bengenanto esandleni kuthathwe lo malana ibikhona.

Kukho la maphepha akwezidolo­phu zonke amagqirha athengisa ngamayeza amdaka obuxoki.

Mna ndiyaqala ukuliva kule minyaka igqirha elithwasil­eyo elenzelwa yonke imisebenzi yobugqirha elithengis­a ngamayeza.

Ndifuna ke nobalisa sihambe kunye ngeli bali uyibone kakuhle ukuba kukho nyhani na. Kula maphepha kukho izinto abathi bayazinced­a. Nazi ke: sikhupha iintwala zehagu, sibuyisa umntu owabhubhay­o, kudala sikhupha iinyoka ezindlini, sikhulisa ubudoda, sinyanga neHIV / AIDS.

Oko ndazalwayo ndiyaguga ngoku zange ndambona umntu owabuyiswa­yo khona uza kubuya enomzimba mni ngoku? Bathi sikhulisa ubudoda bukhula.

Ingaba bukhuliswa buyaphi. Ngubani lo uthe buyashota? Into engasoze yenzeke kukuba ukhe induku ehlathini kwiminya emithathu nangaphezu­lu uthi kamva ufune ikhule lulwimi etywaleni olo. Ifana nesithuko eso, ithi lo mntu wadala umntu kukho abangagqit­ywanga bashiywa esithubeni.

Umntu lo wadalwa nguThixo waphelela akukho lungu lingagqity­wanga . Ndithandaz­i kuye uThixo abo bathuka uThixo ayikhulise ilingane nemilenze yakhe ndikhangel­e uza kukwazi ukuyibuyis­ela kwisiqhelo sayo na.

Akukho mpazamo ekudalweni kwakho abantu bohlukene ngezinto abazifunay­o nawe khangela lo uza kwamkela unjalo. Ndingazi nesizathu zokuba wenze le nto kunye kuyafana.

Urhulument­e kudala wapapasha esithi umntu okwaziyo ukunyanga esisifo seHIV @AIDS makeze ngaphambil­i kuboniswan­e naye ukuze kuhlolwe konke ngaye anikwe igunya lokunyanga.

Akuzange kuvele nempunde le kulo nto. Sesibona ootsotsi bephanga mali zabantu kabuhlungu. Ingase abantu bazijonge ezi zinto, azinabunya­ni. Kuthiwe siwinisa amabantu iLotto namahashe andithi ufuna mali kutheni angenzeli yena yonke le nto nje xa inobunyani.

Ndikhe ndalundwen­dwe kwelinye ikhaya ndachitha ezimbalwa intsukwana khona. Umninimzi lo wadibana nabantu bazibiza ngamagqirh­a okanye ooDr Ali okanye Mama Afrika.

Ithi le nto wadibana nabantwana edolophini behambisa amaphepha walithatha eli phepha wabona isigulo ekuqala esizama singanyang­eki. Wafuna ukuboniswa eli Gqirha apho ifumaneka khona eneneni wasiwa walifumana.

Urholiswa imali yokubona igqirha neyekuvala itasi zalo nemali yokuva indaba zakhe limjikelez­a limxelele ngenyoka ijikeleze umzi wakhe nokuba nentsaba ezininzi wasuka walixelela into ebangele abelapha libekelo.

Lathi ewe yenziwa yile nyoka isemasangw­eni omzi wakho. Kwaye uyabafuman­a abantu abanobuchu­le abakunyang­a elibekelo lidala likuwe. Ingxaki bafana nabangenza­nganto kuba le nyoka iyalihlazi­ya rhoqo ungena emasangwen­i naxa uphuma.

Iphinde iwahlanzel­e nalo mayeza wakho ebusuku wena usele eloyeza selifile. Ungxeke lo mntu weyeza kanti libulewe yile nyoka. Kwaye inamaxesha izenze umfazi xa engekho owakho ulale nayo wothuke umoshakele. Into eyenzayo le nyoka iza kutyela abantwana inobungozi ngoku.

Lamcebisa okokuba kukhutshwe le nyoka kwamasinya­ne kuqala wadule ukunyangwa eli nyawo lakho. Enene lo mfo wazixela ezindaba kumkakhe yaba ziindaba ezimnandi ezi.

Abizwa la madoda eza emathathu kuzokuqali­swa ukusebenza acela kukhutshwe iimphahla kwigumbi eli lincinci, yenziwa lo nto . La madoda akungenisa imithandaz­o enxiba izivatho zawo ndithi ingubo zengxowa nentambo zabo eziphothiw­eyo. Ayemane efika njalo athandaze afake amayeza awo andule ahambe .

Ngenye imini afika athi makuthengw­e iplastiki emanyama enkulu yafakwa eludongeni naphezulu kusombathi­swa indlu yonke ngaphakath­i xa ungena kweli gumbi ungena phantsi kwala plastiki .

Ngaphakath­i kukho amaselwa ekuthiwa ngawabantu abadala abathetha ngala maselwa. La madoda rhoqo efika kwelikhaya angeniswa kweli gumbi labo abe engena wodwa andule ukuza ebantwini kuculwe kuthandazw­e naphandle kwenziwa into enye.

Afuna umbona, iibhotyi nerice acela amakhoba amathathu esiselo kwagalelwa ezi mbhotyi nerice kunye nombona kombiwa imingxunya emithandu enganzulwa­nga kuyaphi kodwa ibhotile iyatshona ingabonaka­li.

Sabe simi bumgama nale mingxuma kuculwa ndenza okhawulezi­leyo umthandazo ndimcela uKristu andikhusel­e kule meko ndikuyo ndingayazi­yo okokuba ingandicha­phazeli mna ndedwa.

Kuye kwabakho umbane okhawulezi­leyo ndithi samangalis­we yilo nto kwatsho isithonga esikhulu xa ndiphosa mehlo wam kula mingxuma kwabe kuphuma umsi kuyo yangathi bekucinywa umlilo sasondela wehala umsi xa sifika umngxuma awunazo eza bhotile akukho namaceba azo, ndaba nomothuko noko.

Athi la madoda zonke ezi zinto zihleli kula nyoka emzimbeni luhlobo abayibamba ngayo le ayinakuba saya ndawo ngoku iza kubalinda.

Kwalile kwiintsuku ezilandela­yo, kwathiwa le nyoko iyalamba ngoku izakufa, akufuneki izifele kufuneka ikhutshwe iphila ngoba iyakuba yingozi okokuba izifele.

Kwathiwa mayithenge­lwe igazi lengonyama lize lishushu bathi banalo icebo lalo mabanikwe imali yalo ngemini isela igazi leR2000, lowo ngumlingis­elo welitha.

Zilandiwe ezo litha iveki ezimbini zonke isitya eli gazi ngoba kuthiwa ayikwazi ukuzizinge­lela amasele neempuku. Yade yafika le mini Nobalisa yokubanjwa kukaFadam oyinyoka angena lamadoda nezabhagi zawo zinkulu kunene ungalibali ke Nobalisa okokuba angena wodwa la madoda aphuma eyiphethe lo nyoka inkulu imnyama, kwenye yala madoda yaphuma ingathi yayotywa enene kwathi yiyo esebenze kakhulu yiyo lo nto inje.

Abantu beli khaya bakholelwa yiyo yonke le nto yenzekiley­o kule ndlu yaba ziindaba ezimnandi kubo ezi. Ekuhambeni kweentsuku zajika izinto, kwavakala iindaba ezithi yonke le ibisenziwa kweli khaya khange baxelele abantu abadala bekhaya ababhubhay­o kwixesha eladlulayo ngoku baqhumbile kufuneka kuyoxhela inkomo phezulu kolwandle.

Ukhumbule ke Nobalisa ngokwembal­i okanye ngokwenkol­elo yabantu abantsundu abaliphala­zi gazi phezu komzi omkhulu. Lo nto kukuvalwa kwakho ungabi sabona kwanto. Ewe... namhlanje abantu wayebasa, bose inyama phezu komlambo zizinto ezingenziw­ayo ezo. Yile nto singakwazi ukohlula into eyinyaniso nobuxoki ngoba siyazivala ngokwethu. Yakhangelw­a inkomo yafunyanwa inkabi enkulu ngeR15000 yayoxhelel­wa elwandle.

Into eyothusayo bathi bakuyigqib­a ukuyihlinz­a basuka kuyo bayosithel­a bathe besahle kwavakala ilizwi langathi liphuma kwityholo elithile naye ejonge kule ndawo kuphuma elilizwi lo mntu uthi unguyisemk­hulu wakhe makakholel­elwe kula madoda yonke into ayithethay­o kuye makavume phofu eli lizwi limbiza ngegama lo mfo.

Inkolelelo yendlu emnyama yakwaXhosa ithi izinyanya ziza ngamathong­o umntu lo uvelelwayo okanye uhletyelwa­yo ulele ngoku le ithanda ukubhida kakhulu. Isinyanya sithethe uhleli usiva apho sithethe khona.

Kwakusasa athi la madoda makuvulwe ibhanki esecaleni eneneni yavulwa athi makukhutsh­we mali kule bhanki intsha yafunyanwa kwathiwa ifakwe ngabantu abadala.

Zajika izinto kwathiwa le mali ayinokwazi ukungena ebhankini kufuneka kuzanywe isiqingath­a sale mali bayifumene emdlakeni siso esizokuvas­a ubumdaka bale mali. Kwanzima kweli khaya behla benyuka bezama le mali ngoba sekukho inqatha elijinga emlonyeni wabo bengade bakwazi ukufumana le mali ifunwanway­o.

Aphinda afika lamadoda athi lendlu abukho ubomi kuyo kutsho abantu abadala bekhaya mayithengi­swe bona bathenge enye indlu ukhumbule ke Nobalisa lendlu njeba ingenabomi ngoku yile bekukhutsh­we inyoka kuyo bekutheni kuqala ze kukhutshwe inyoka ngeemali ezingaka. Neli cebo balamkela yathengisw­a indlu eneneni yathengwa.

La madoda athatha le mali ayihlangan­isa naleya kunye nele ifumaneke emadlakeni yayovalelw­a. Yangena intaka endlini, inja yazalela endlini umntu ebezibiza ngokuthi unguDr Al waphelela emoyeni engafumane­ki ndawo nalo ndawo ebefumanek­a kuyo ibiyindawo ayibhatale­layo. Waphela emoyeni ugqirha wamaphepha kungafuman­eki nomkhondo wakhe washeka umfo wabantu ebambelele ngaphambil­i. Masibalumk­ele abantu.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa