Uxokiswe ligqirha
KUNZIMA kule mihla siphila phantsi kwayo. Wonke umntu uzamela ukubeka into etyiwayo phezu kwetafile. Andazi nokuba yile nto yokunqaba komsebenzi na kweli lizwe kuthiwa likhululekile.
Umntu ukhangela le nto iza kumphilisa nendlu yakhe engayikhathalele eyokuba umosha omnye umntu.
Kunento eqhubekayo endityayo apha elizweni yokuxokiswa kwabantu bakuthi bengenanto esandleni kuthathwe lo malana ibikhona.
Kukho la maphepha akwezidolophu zonke amagqirha athengisa ngamayeza amdaka obuxoki.
Mna ndiyaqala ukuliva kule minyaka igqirha elithwasileyo elenzelwa yonke imisebenzi yobugqirha elithengisa ngamayeza.
Ndifuna ke nobalisa sihambe kunye ngeli bali uyibone kakuhle ukuba kukho nyhani na. Kula maphepha kukho izinto abathi bayazinceda. Nazi ke: sikhupha iintwala zehagu, sibuyisa umntu owabhubhayo, kudala sikhupha iinyoka ezindlini, sikhulisa ubudoda, sinyanga neHIV / AIDS.
Oko ndazalwayo ndiyaguga ngoku zange ndambona umntu owabuyiswayo khona uza kubuya enomzimba mni ngoku? Bathi sikhulisa ubudoda bukhula.
Ingaba bukhuliswa buyaphi. Ngubani lo uthe buyashota? Into engasoze yenzeke kukuba ukhe induku ehlathini kwiminya emithathu nangaphezulu uthi kamva ufune ikhule lulwimi etywaleni olo. Ifana nesithuko eso, ithi lo mntu wadala umntu kukho abangagqitywanga bashiywa esithubeni.
Umntu lo wadalwa nguThixo waphelela akukho lungu lingagqitywanga . Ndithandazi kuye uThixo abo bathuka uThixo ayikhulise ilingane nemilenze yakhe ndikhangele uza kukwazi ukuyibuyisela kwisiqhelo sayo na.
Akukho mpazamo ekudalweni kwakho abantu bohlukene ngezinto abazifunayo nawe khangela lo uza kwamkela unjalo. Ndingazi nesizathu zokuba wenze le nto kunye kuyafana.
Urhulumente kudala wapapasha esithi umntu okwaziyo ukunyanga esisifo seHIV @AIDS makeze ngaphambili kuboniswane naye ukuze kuhlolwe konke ngaye anikwe igunya lokunyanga.
Akuzange kuvele nempunde le kulo nto. Sesibona ootsotsi bephanga mali zabantu kabuhlungu. Ingase abantu bazijonge ezi zinto, azinabunyani. Kuthiwe siwinisa amabantu iLotto namahashe andithi ufuna mali kutheni angenzeli yena yonke le nto nje xa inobunyani.
Ndikhe ndalundwendwe kwelinye ikhaya ndachitha ezimbalwa intsukwana khona. Umninimzi lo wadibana nabantu bazibiza ngamagqirha okanye ooDr Ali okanye Mama Afrika.
Ithi le nto wadibana nabantwana edolophini behambisa amaphepha walithatha eli phepha wabona isigulo ekuqala esizama singanyangeki. Wafuna ukuboniswa eli Gqirha apho ifumaneka khona eneneni wasiwa walifumana.
Urholiswa imali yokubona igqirha neyekuvala itasi zalo nemali yokuva indaba zakhe limjikeleza limxelele ngenyoka ijikeleze umzi wakhe nokuba nentsaba ezininzi wasuka walixelela into ebangele abelapha libekelo.
Lathi ewe yenziwa yile nyoka isemasangweni omzi wakho. Kwaye uyabafumana abantu abanobuchule abakunyanga elibekelo lidala likuwe. Ingxaki bafana nabangenzanganto kuba le nyoka iyalihlaziya rhoqo ungena emasangweni naxa uphuma.
Iphinde iwahlanzele nalo mayeza wakho ebusuku wena usele eloyeza selifile. Ungxeke lo mntu weyeza kanti libulewe yile nyoka. Kwaye inamaxesha izenze umfazi xa engekho owakho ulale nayo wothuke umoshakele. Into eyenzayo le nyoka iza kutyela abantwana inobungozi ngoku.
Lamcebisa okokuba kukhutshwe le nyoka kwamasinyane kuqala wadule ukunyangwa eli nyawo lakho. Enene lo mfo wazixela ezindaba kumkakhe yaba ziindaba ezimnandi ezi.
Abizwa la madoda eza emathathu kuzokuqaliswa ukusebenza acela kukhutshwe iimphahla kwigumbi eli lincinci, yenziwa lo nto . La madoda akungenisa imithandazo enxiba izivatho zawo ndithi ingubo zengxowa nentambo zabo eziphothiweyo. Ayemane efika njalo athandaze afake amayeza awo andule ahambe .
Ngenye imini afika athi makuthengwe iplastiki emanyama enkulu yafakwa eludongeni naphezulu kusombathiswa indlu yonke ngaphakathi xa ungena kweli gumbi ungena phantsi kwala plastiki .
Ngaphakathi kukho amaselwa ekuthiwa ngawabantu abadala abathetha ngala maselwa. La madoda rhoqo efika kwelikhaya angeniswa kweli gumbi labo abe engena wodwa andule ukuza ebantwini kuculwe kuthandazwe naphandle kwenziwa into enye.
Afuna umbona, iibhotyi nerice acela amakhoba amathathu esiselo kwagalelwa ezi mbhotyi nerice kunye nombona kombiwa imingxunya emithandu enganzulwanga kuyaphi kodwa ibhotile iyatshona ingabonakali.
Sabe simi bumgama nale mingxuma kuculwa ndenza okhawulezileyo umthandazo ndimcela uKristu andikhusele kule meko ndikuyo ndingayaziyo okokuba ingandichaphazeli mna ndedwa.
Kuye kwabakho umbane okhawulezileyo ndithi samangaliswe yilo nto kwatsho isithonga esikhulu xa ndiphosa mehlo wam kula mingxuma kwabe kuphuma umsi kuyo yangathi bekucinywa umlilo sasondela wehala umsi xa sifika umngxuma awunazo eza bhotile akukho namaceba azo, ndaba nomothuko noko.
Athi la madoda zonke ezi zinto zihleli kula nyoka emzimbeni luhlobo abayibamba ngayo le ayinakuba saya ndawo ngoku iza kubalinda.
Kwalile kwiintsuku ezilandelayo, kwathiwa le nyoko iyalamba ngoku izakufa, akufuneki izifele kufuneka ikhutshwe iphila ngoba iyakuba yingozi okokuba izifele.
Kwathiwa mayithengelwe igazi lengonyama lize lishushu bathi banalo icebo lalo mabanikwe imali yalo ngemini isela igazi leR2000, lowo ngumlingiselo welitha.
Zilandiwe ezo litha iveki ezimbini zonke isitya eli gazi ngoba kuthiwa ayikwazi ukuzizingelela amasele neempuku. Yade yafika le mini Nobalisa yokubanjwa kukaFadam oyinyoka angena lamadoda nezabhagi zawo zinkulu kunene ungalibali ke Nobalisa okokuba angena wodwa la madoda aphuma eyiphethe lo nyoka inkulu imnyama, kwenye yala madoda yaphuma ingathi yayotywa enene kwathi yiyo esebenze kakhulu yiyo lo nto inje.
Abantu beli khaya bakholelwa yiyo yonke le nto yenzekileyo kule ndlu yaba ziindaba ezimnandi kubo ezi. Ekuhambeni kweentsuku zajika izinto, kwavakala iindaba ezithi yonke le ibisenziwa kweli khaya khange baxelele abantu abadala bekhaya ababhubhayo kwixesha eladlulayo ngoku baqhumbile kufuneka kuyoxhela inkomo phezulu kolwandle.
Ukhumbule ke Nobalisa ngokwembali okanye ngokwenkolelo yabantu abantsundu abaliphalazi gazi phezu komzi omkhulu. Lo nto kukuvalwa kwakho ungabi sabona kwanto. Ewe... namhlanje abantu wayebasa, bose inyama phezu komlambo zizinto ezingenziwayo ezo. Yile nto singakwazi ukohlula into eyinyaniso nobuxoki ngoba siyazivala ngokwethu. Yakhangelwa inkomo yafunyanwa inkabi enkulu ngeR15000 yayoxhelelwa elwandle.
Into eyothusayo bathi bakuyigqiba ukuyihlinza basuka kuyo bayosithela bathe besahle kwavakala ilizwi langathi liphuma kwityholo elithile naye ejonge kule ndawo kuphuma elilizwi lo mntu uthi unguyisemkhulu wakhe makakholelelwe kula madoda yonke into ayithethayo kuye makavume phofu eli lizwi limbiza ngegama lo mfo.
Inkolelelo yendlu emnyama yakwaXhosa ithi izinyanya ziza ngamathongo umntu lo uvelelwayo okanye uhletyelwayo ulele ngoku le ithanda ukubhida kakhulu. Isinyanya sithethe uhleli usiva apho sithethe khona.
Kwakusasa athi la madoda makuvulwe ibhanki esecaleni eneneni yavulwa athi makukhutshwe mali kule bhanki intsha yafunyanwa kwathiwa ifakwe ngabantu abadala.
Zajika izinto kwathiwa le mali ayinokwazi ukungena ebhankini kufuneka kuzanywe isiqingatha sale mali bayifumene emdlakeni siso esizokuvasa ubumdaka bale mali. Kwanzima kweli khaya behla benyuka bezama le mali ngoba sekukho inqatha elijinga emlonyeni wabo bengade bakwazi ukufumana le mali ifunwanwayo.
Aphinda afika lamadoda athi lendlu abukho ubomi kuyo kutsho abantu abadala bekhaya mayithengiswe bona bathenge enye indlu ukhumbule ke Nobalisa lendlu njeba ingenabomi ngoku yile bekukhutshwe inyoka kuyo bekutheni kuqala ze kukhutshwe inyoka ngeemali ezingaka. Neli cebo balamkela yathengiswa indlu eneneni yathengwa.
La madoda athatha le mali ayihlanganisa naleya kunye nele ifumaneke emadlakeni yayovalelwa. Yangena intaka endlini, inja yazalela endlini umntu ebezibiza ngokuthi unguDr Al waphelela emoyeni engafumaneki ndawo nalo ndawo ebefumaneka kuyo ibiyindawo ayibhatalelayo. Waphela emoyeni ugqirha wamaphepha kungafumaneki nomkhondo wakhe washeka umfo wabantu ebambelele ngaphambili. Masibalumkele abantu.