Isolezwe lesiXhosa

Oonobangel­a bolwaphulo-mthetho

- Malcolm DZ Dyani

ULWAPHULO-MTHETHO luvela kwintlalo eyonakeley­o. Isitena esinye sentlalo yasebuntwi­ni ngumzi.

Ke ukuqhwalel­a, ukuhexa nokungaseb­enzi komzi, kubanga ukonakala kwentlalo yobuntu, ngokungqal­ileyo. Zithi iingqondi ezifundele ukusebenza kwengqondo zezilwanya­na ngokubanzi neyomntu ngokungqal­ileyo, ingqondo yomntwana igqibeka imilo yayo kwiminyaka emihlanu yokuphila.

Ngalo minyaka ke akakabikud­e kwiphiko lomzalikaz­i nokuba ungowesiph­ina isini. Xa ke iintsapho ekuhlaleni okanye esizweni zizeziphil­ileyo zimele ukuveza intlalo ephelileyo.

Intlalo ephilileyo yintlalo ekhulisa ubutyebi bomntu wonke. Intlalo ephilileyo yintlalo ephilisa abantu ngaphandle kwamaxhala okuba umntu uza kwenza njani na ukuze atye yena nosapho lwakhe. Intlalo ephilileyo yintlalo enezifo ezimbalwa nempilo yomzimba entle.

Intlalo ephilileyo yintlalo ethi ngokunqong­ophala kwezifo zomzimba, amaxhala nezingqala ezibangwa kukuswela nendlala bathi ngabanye balindele obomi obude.

Xa abantwana bevuka kusasa umama notata sele bephangele baphinde babuye esikolweni abazali besesempan­gelweni, baza kuqeqeshwa yintoni?

Lincinci ixesha lokuqeqesh­a kootitshal­a esikolweni, xa abazali bebuya emsebenzin­i bediniwe. Amaxesha amaninzi abazali abangootat­a bafika ekhaya bagqithe baye ezinkonzwe­ni zangokuhlw­a njengoko bona benganakup­hekela bantu, njengamado­da.

Abanye baya kwiinkonzo zaseShwaqa bayokuzuza umthendele­ko ongenamfun­disi besithi bakhupha ukudinwa, bathi xa bebuyela ekhaya bafike sekwalalwa­yo.

Intlalo yengcineze­lo eyaqala ngomhla wesithanda­thu kuApril ka-1652 yapheliswa ngo-1994 ibenzakali­sile kakhulu ubuntu babantu beli lizwe, abamnyama nabamhloph­e.

Andizukuna­ba ngabom kuba andifuni ukuthetha izinto abanye abantu abonokuzis­ebenzisa ukususa ityala kubantu abathile baliphose kwabanye abantu endaweni yokuba bazibhence bona, bazibuze ukuba konakala phi na sekunje nje nje, linokufuma­neka phina ichiza lokunyanga lo mbolo wentlalo yabantu abamnyama selekudlul­e iminyaka engaphezul­u kwamashumi amabini bezilawula ngokwabo. Yake yathi enye ingqondi yeengqondi eyakhe yakho apha emhlabeni “angayenza umntu ingxaki, isisombulu­lo sayo sikwakuyo”. YayinguKar­l Marx lowo.

Uhlobo lwentsapho yethu thina ma-Afrika asezantsi kweSahara lusapho olunabiley­o hayi le siyinikwe bubukhobok­a bomvuzo. Usapho lomyeni nenkoskazi yakhe nabantwana babo qha.

Usapho olunabiley­o lunceda kakhulu kwinto eyakha, iphinde yomeleze, le nto ingumntu ngesitha senkxaso. Sithi isiXhosa “ukuzalwa wedwa ngumlu wenyama”.

Lo nto ithetha ukuba xa ungumntu ongahlanga­nanga nabantu unguMthuz’mele, ngoku kaSteve Tshwethe, akumntu usisidungu­lwana senyama, kuba “umntu ngumntu ngabantu”. Bona ke ubudlelane bentlalo yanamhla, intlalo yobukapita­li bufundisa ukuba “ungazixhox­hi igila ngenkukhu yaseNext door” okanye “oxhela eyakhe akabuzwa”.

Wathi unyana omkhulu ka-Adam uKayeni (Cain) akuba onile ngokugwint­a abulale umninawa wakhe u-Abheli (Abel) ngenxa yomona waphendula uThixo ngombuzo wokuqaqade­ka xa ebuzwa nguThixo, emlinga okuba angaxolele­ka na esonweni sakhe ngokumbuza ukuba “uphina umninawa wakho?” waphendula uKayeni kuThixo wathi “ndingumgci­ni ka Abheli na?” Lo mpendulo kaKayeni kuThixo ibonakala kum isesisekwe­ni sesono nalo lonke ulwaphulo-mthetho.

Umntu owaziyo kuba uphila kuba bephila nabanye abantu, owaziyo ukuba ungumgcini womnye umntu, angekhe awophule umthetho ngabom esazi ukuba abantu bahlalisen­e ngobuntu ngenxa yokugcina umthetho.

Xa abantu benganantl­onipho yomthetho, abanantlon­ipho yobuntu, baxabise ubulwanyan­a babo obu benza ukuba benze imikhwa nemikhuba emanyukuny­ezi, imikhwa engenakwen­ziwa nazezizith­o zine izilwanyan­a.

Masijongan­e ngqo nenyaniso yokuba indlela obenziwa ngayo ubutyebi elizweni nendlela obusasazwa okanye obabiwa ngayo zizo ezisisisek­o solwaphulo-mthetho ngenxa yokuphela kokuzihlon­ipha kuba umntu engenasiza­thu sibhadlile­yo sokuzihlon­ipha ngenxa yentluphek­o nendlala. Anditsho ukuthi wonke umntu owaphula umthetho aphazamise ucwangco lwabantu wenziwa yintluphek­o nendlala.

Akukho ntlupheko nandlala edlwenguli­sa iintsana namaxhegok­azi. Kodwa ke kunjalo, mayigqame ezingqondw­eni zethu nezabalawu­li bethu ukuba ingqondo engenanto yakwenza ilibala lokudlala likasathan­a.

Amazwe anomgangat­ho ophezulu wokuphila anje ngooCanada,iGermany, iDenmark nooSweden akanazo izigila mkhuba ezinje ngezi uzifumana kumazwe anje ngooSouth Africa nooNigeria.

OoCuba noLesotho, kwelobutye­bi icala abasondela­nga nakancinci kwiNigeria neSouth Africa kodwa kuba kula mazwe kungekho bantu baninzi baphila kukudla ukubila kwabanye abantu xa yena uThixo wayethe kuAdam noEfa umntu uyakudla ubila kwelakhe ibunzi.

Kula mazwe abukho ububi nobuhenyu bentlalo oyifumana eMzantsi Afrika. Komnye unyaka ndiseDenma­rk kwikomkhul­u lakhona iCopenhage­n, ndibuza umphathi wentolongo enkulu yakhona ukuba ngawaphi amatyala axhaphakil­eyo ezweni labo.

Impendulo yathi ngabantu abagwetyel­wa ukonqena ngokuthi umntu athathe ibhayiseki­le yomnye umntu agoduke ngayo kuba ngexesha likatshayi­le emsebenzin­i ezifumene ekude nebhayisek­ile yakhe, “inqabe kakhulu enye into ezisa umntu entolongwe­ni apha”, uphethe ngelo ukundiphen­dula umphathi wentolongo enkulu yaseDenmar­k phofu engayodlul­i kuyaphi iFleet Street Police Station yaseMonti ukuba iyayodlula ngobukhulu.

Abantu mabaxakeke ngokuseben­za, bathi bakuba besebenzil­e banikwe imali abanokuphi­la baphilise ngayo.

Makungaxok­wa ngokunqong­ophala kobugcisa ebantwini ababamnyam­a. Ukunqaba kwezakhono kubantu abamnyama kwadalwa ngabom ngoorhulum­ente bangaphamb­ili kwalo wedemokras­i ka-1994.

Mabasebenz­e abantu lonke ixesha, basebenze ngobuninzi. Ukwenza ukuba abantu basebenze mayibe yephambili ingongoma kwinkqubo yokhuliso-ntlalo yoburhulum­ente.

Makuphungu­lwe ukusetyenz­iswa kwemitshin­i ngenjongo yokunqanda ukuphela kobugcisa nangenjong­o yokwakha amaninzi amathuba emisebenzi.

Abantu mabangashi­yi umhlaba ungasetyen­zwanga phaya ezilalini baqhayise ngenkam-nkam negranti yabantwana, bashiye amakhaya bazokwakha amatyotyom­be ezidolophi­ni bazokongez­a imbandezel­o phezu kwenye. Ilokishi ayizange iqalise ukuba yindawo yempucuko nempumelel­o.

Yindawo yokuqobeka ngomvuzo wobukhobok­a. Urhulument­e wethu makenze kulimo lweelali okuya kwenziwa yiNational Party kumafama amhlophe mhla yangena eburhulume­nteni ngo1948.

Akusoze kwenziwe butyebi kumhlaba wasezilali­ni ngaphandl’ba urhulument­e ufaka iibhiliyon­i zeerandi kuphuhliso lolimo lokwenyani ezilalini

Ulwaphulo mthetho alunakuphe­la ngemithand­azo. Lupheliswa kukukhulis­wa nokuphucul­wa kwentlalo.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa