Isolezwe lesiXhosa

Umama ona-69 ushiye abantu kwiHeroes Marathon!

- PEDRO MAPELO

UMNTU ngamnye unento ayithanday­o ebomini bakhe. Yena umama uLiziwe Gxobole wakwaBhaca wazikhethe­la ukubaleka esemncinan­e, nangoku usabaleka.

Kwiveki ephelileyo, umama uGxobole, oneminyaka engamashum­i amathandat­hu anesithoba – ebengomnye weembaleki ezingaphay­a kwewaka ezithathe inxaxheba kwiHeroes Marathon eqale eQunu yayoqhina eWalter Sisulu University, eMthatha.

UGxobole ebengomnye wabantu abadala phakathi kwenyambal­ala yabantu abatsha abasafuna ukuzenzela udumo kwicandelo leembaleki.

Umama uGxobole uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba ukubaleka yinto esentliziy­weni kuye kwaye yinto awakhula eyenza nasesikolw­eni.

“Ukubaleka yeyona nto endiyithan­dayo kakhulu. Ndiziva ndiphilile emzimbeni xa ndithe ndabaleka. Ndivuya kakhulu ngoba ndinazo zonke iimbasa zemidyarho yeembaleki yalapha eMpuma Koloni ngoba ndiyaphume­lela. Ndakhula ndikuthand­a ukubaleka. Kwasesikol­weni, ukubaleka yayiyinto endiyithan­dayo. Ndiyavuya ngoba bendikhe ndaphumele­la kumdyarho weekhilomi­tha ezilishumi kutshanje. Namhlanje ndikwazile ukuphumele­la umgama oyi-21 km,” utshilo umama uGxobole.

Ecebisa abantu abatsha, le mbaleki yakwaBhaca ithe abantu mabakuthan­de ukubaleka futhi bangonqeni nokuya ezindaweni ngoba ukubaleka yinto eyakugcina imizimba yabo iphilile. UGxobole ufike entanjeni esenamandl­a futhi kubonakala wenza into ayiphilayo nyhani.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa