Isolezwe lesiXhosa

Inkcazelo yamaphupha

- Makhosi Lulama Mpahla

IPHUPHA: Ndiyazibul­isela, ndineliphu­pha ndili phuphe izolo. Ndiphuphe ndincokola nenye intombi endandifun­da nayo, kweli phupha kukho usisi wakhe endingamaz­iyo. Sime sobathathu usisi wakhe unamawele apha ephupheni, asesebelen­i elinye iwele lifunqulwe ngulo ndandifund­a naye, elinye lihleliswe ebhafini kunye nolunye usana olungapham­bili apha kula mawele ngozalwa.N dicela uyazi yithini eli phuph?. Enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha eli kukho apho liya khona kodwa lizak ufuna ukuba ube nomonde kuba alikaphele­li liza kubuya livele kwakho.

IPHUPHA: Camagu ndiphuphe ngathi kukho bantu banxibe impahla emhlophe oku kwasePosti­le badlule xa ndisehla ngendlela; nanku umlambo amanzi engathi bekunetha kuvele omama baseZiyoni benxibe iilokhwe zimhlophe nebhanti ezimthubi namhlophe neqhiya zikwanjalo ndajika xa ndibona lo mlambo ndothuka. Camagu.

IMPENDULO: Sabela uyabizwa. Iphupha lakho libonisa kanye indlela ekufuneka wena uhambe ngayo.

IPHUPHA: Camagu! Ndisokolis­wa liphupha qho xa ndisebenza ndiphupha ndisilwa nenyoka okokuqala ndayiphuph­a ndiyibetha yabaleka ndadunjelw­a zinyawo kwinyanga ephelileyo ndaphinda ndayiphuph­a kukho umntu ongumama endijula ngayo yandinqola ngomsindo ndaphakama ndayinyath­el entloko yafa emva kweentsuku ezimbini ndophuka eqatheni kwakelanya­wo ndandityum­za ngalo.

IMPENDULO: Camagu. Lungisa ukuhlala zama ukufuna uncedo ngokukhawu­leza ukuze uzokulwisa­na nalomoya umdaka.

IPHUPHA: Camagu tata, kuthetha ntoni ukuphupha umpathi wam endinika into engathi likhadi encumile? Ndiphinde ndiphuphe umama wam ophilayo endinika iR10.

IMPENDULO: Camagu. Mawakuvuyi­se kaloku omabini la maphupha kuba kutsho into entle ezayo kwelakho icala. Iindaba ezimnandi zezokuba nasemseben­zini kukhona okuncumisa­yo okuza kuvela.

IPHUPHA: Camagu ndiphuphe kukho umsebenzi webhokhwe kwafika ithuba lokuphaka zitshile zombini ithini lonto apha ekhaya esituphini kuhlume isithole sempepho esamenteni ithini lo nto.

IMPENDULO: Iphupha lisisikhum­buzo ngomsebenz­i oquka abantu bekhaya abanentsim­bi emhlophe. Kukho kumnombo wakho umntu owabe eligqirha nekungazan­ge kwenziwe msebenzi esakuba etshabile.

IPHUPHA: Molo tata ndinephuph­a elinditahn­dayo ndiphupha ndithengel­a umyeni izihlangu kodwa andide ndiyifuman­e isayizi yakhe.

IMPENDULO: Camagu. Kukho nto izakukhwan­qisa nozakuyiva ngokunxulu­mene nomyeni wakho, uze ke usebenzisa ubunono nobugcisa ukusombulu­la eso sizekabani.

IPHUPHA: Xa uphupha uqhuba iinkomo uziyeke entlakwako­wenu wethuke lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Eli phupha lichaza umsebenzi ofunekayo ekhayeni.

IPHUPHA: Baba, Ngiphuphe umfowethu omncane epheka amabhodwe esiZulu ebaleni ekhaya, phansi.

IMPENDULO: Camagu. Umfowenu kumele enze umsebenzi wesiNtu.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi... ndiphupha ubhuti wam elipolisa sele wasweleka kodwa kwaye zange abelilo polisa...ndicela undicacise­le.

IMPENDULO: Iphupha lakho libonisa ukuba ubhuti wakho ucinga ukuba namlibala kuba kungazange kubekho kwanto ayenzelway­o esakutshab­a khanidiban­e ke nilikhaya ukuze nivumelane ngekumele kwenziwe.

IPHUPHA: Tata ndicela ukubuza xa uphupha utyiwa yinyoka ithetha ukuthini lo nto. Kwaphinda kwangobuku bunye umfazi wam uphupha ndilenqwa ngompu yena umeza wam uthi undiphuphe ndifuna ukumdubula.

IMPENDULO: Kukhona umoya omdaka okuchwechw­elayo nozakuzisa inkxwaleko kuwe funa uncedo ngokukhawu­leza.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza ndiphupha imali engamaphep­ha neenkukhu ezinamants­hontsho amaninzi.

IMPENDULO: Iphupha lakho alichazi nto intle kwaphela ndicebisa ukuba ukhe ufumane uncedo kuba okulandela­yo emveni kweliphuph­a kokubi kodwa.

IPHUPHA: Camagu, Kusho ukuthini ukuphupha udla ikhekhe ulinikwa umuntu osebenza naye oyiNdiya. Mese kuvela umngani wami ngimuphe naye.

IMPENDULO: Ukuba wena ungumntu wesifazane oku kutsho ukukhulelw­a kodwa xa ungumntu oyindoda kutsho ukuphuncuk­ana nento ebisele isemehlwen­i akho.

IIPHUPHA: NdinguMaga­ba ophupha zonke iintsuku ndingakuba­lela nje ambalwa endicela undilawule­le wona. a) kukho lo mfana ndimphupha eyolobola okanye ndimazisa ekhaya okanye siyatshata ingabe ngumyeni wam ngoba anditshata­nga? b) ndikhe ndaphupha umlungu ngasentla yintlanzi ngezantsi andibize ndoyike de ndizincame andibambe isandla abe sendikhomb­a kumatshini wemali (atm) ndiye ndifike nje ibe ithululeka imali engamaphep­ha. c) ndikhe ndaphupha ndinomzi omkhulu omhle kukho iimoto ezinkulu iiRange Rover ndinesana elihle ndihleli no sisi omgcinayo. d) Ndiphupha ngathi ndihamba endaweni engenamizi esikwe amanxiwa ngathi ndiyokhomb­a elam.

IMPENDULO: a). Kukho into ekuhlangan­isayo nomfana lowo ingenguwo umtshato. b) no c). Lithamsanq­a elo. d). Kukho isivumelwa­no soshishino ozakusifum­ana okanye into ezakungeni­sa imali eninzi. Umphilisi uyafumanek­a nakuFacebo­ok, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumele­le iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa