Isolezwe lesiXhosa

2018

-

WAKHE wawubona phi unyaka oqala ngemiphang­a uyokuvalwa ngemiphang­a?

Ukusukela kooHugh Masekela nooWinnie Mandela ukuyokutsh­o koosaziway­o bakumabona­kude nezinye iimvumi. Sibhala nje kukwakho nenyhikity­a yokubhubha kwabantu kwiingozi zendlela. Kuphinde kubekho nababhubha esuthwini.

Amakhwenkw­e angaphaya kwamashumi amabini sele ebhubhile. Lilonke ibingunyak­a nje wembubhane lo. Asazi ke ukuba u2019 uyakusipha­thela ntoni kodwa sakuhlala ethembeni lokuba noko izinto zakuba bhetele.

Siqiniseki­le ukuba bakho abo bambona njengonyak­a obumhle u2018. Asinakutsh­o sonke. Kwelethu icala, siliphepha, sigqibe unyaka wesine sipapasha.

Sipapasha iikopi ezingama-30 000 eMpuma Koloni jikelele. Sikwasungu­le nokusasaza eKapa kulo nyaka. IKapa lifumana iikopi ezingama-10 000 qho ngeveki, ngeR2.60 kuphela.

Sifumanise ukuba uninzi lwamaXhosa ahlala eKapa awakayazi kakuhle le yokuba liyafumane­ka napha kwaye eli liya eKapa libanazo neendaba ezongezeki­leyo zaseKapa.

Kulo nyaka uzayo sakuzama ukuqinisa nokonyusa ukuthengis­wa kwalo eNtshona Koloni. Noko, eMpuma Koloni, akho mntu ungalaziyo eli phepha.

Siyabulela ngenkxaso. Sikwabulel­a nakwabo basithumel­a iileta zabo rhoqo ngeveki. Nabo bathumela amaphupha. Nabo balithenga rhoqo eli phepha.

Umcimbi wamaphepha­ndaba unzima kakhulu kule mihla ngoba iindleko zokupapash­a nokuthutha iphepha zixhome kakhulu.

Uninzi lwamajelo osasazo abalekela kumnatha wonxibelel­wano ngoku ngoba pha akho zindleko zokupapash­a nezokuthut­ha iindaba.

Ingxaki ngomnatha wonxibelel­wano yeyokuba akukho ngeniso ingako ibonakalay­o. Ngoko ke nathi asiwujonga­nga kakhulu umnatha wonxibelel­wano; sizimisele ukuqinisa iphepha eli uliphethe ezandleni zakho ngoku. Oka-2019 sakumvula ngesibheng­ezo sokuba ithathwe ngubani inkomo yokukhuphi­swano lodumo! Emveni koko sinazise ngezicwang­ciso neenkqubo zethu zasekuhlal­eni zika-2019! Nibuye niphila naku-2019 nto zakuthi!

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa