Inkulu, indlalifa, isiko nesinyanya
NJENGOKO iingxoxo zethu zisekeleze ilizwe lasemhlabeni nelizwe labaphantsi, ndinga singakhe senze abathandi balo mhlathi bazi ngala magama alandelayo.
Yintoni inkulu? Inkulu ngumntwana wokuqala oyinkwenkwe kandlunkulu. Inkulu ikhethwa yinkundla yamakhaya, (imilowo) ukuba ibe yiyo ehlaba inkabi zezizathu zamasiko eso siduko; inkulu yiyo ekhethwa ngamakhaya ukuba ibe yiyo ehambayo iye kungxola emaxhantini xa kukho ingxaki enxulumene nokuqumba kwezinyanya.
Inkulu liyeza kuba yiyo enikwa isikhali sekhaya umkhonto, khon’ukuze ihlabele abantakwayo nabasakwayo iinkomo zezizathu xa kuyimfuneko. Xa bezicelela impilo kooyisemkhulu babo asele balandulelayo eli lizwe limagade ahlabayo. Inkulu yiyo egciniswa ubutyebi bale ndlu yakowayo xa efile uyise.
Yinkulu ekufuneka igcine amakhazi oodade bayo; yiyo ekufuneka ibendisile ibahombise ekwendeni; yiyo ekufuneka ibalungiselele xa bethwasa. Iinkedama zekhaya namageza elo khaya kufuneka bonke abo bantu bagcinwe yinkulu. Ilifa xa kusifa umninimzi belingashiyeki lonke kwinkulu, abantakwayo bebephawulelwa de kuphawulelwe nabelusi kunye nabasengi. Inkulu yona ibiba ngumalusi wosapho.
Inkulu inoxanduva lokusombulula izishiqi nembambano phakathi kwekhaya. Amatyala engxabano zasemtshatweni aqala kuyo phambi kokuba adlulele phambili. Yinkulu ekufuneka imanye usapho lwakowayo.
UMqhayi, S.E.K. kwincwadi ethi, ‘Ityala Lamawele’, xa ethetha ngobukhulu uthi: “Inkulu le inikelwa ukuba iphathe umzi nje, kungenxa yokuba yona inamava okuvela tanci kunolunye usapho womnquma nomthi womthathi; kusetyenziswe nomkhonto kuhlatywe loo nkabi iza kuwiselwa izinyanya. Abantu abenza isiko labo bade balahlele kude iimpahla zesiLungu banxibe iintsimbi neemfele zeenyamakazi. Amakhosikazi athwale ooqhiyankulu abhinqe nezikhakha. Ezinyaweni ke abantu abanxibi zihlangu bahamba ngeenyawo zabo. Lo mhla uhonjelwa nangokuba abantu balale phantsi bandlale iinkukho bakhe baziphumze iibhedi zabo.
Kutshiwo ntoni na xa kuthethwa ngesinyanya? Izinyanya ngamathongo, ngabantu abadala abaphantsi. Banqulwa xa kukho into ethanda ukungalungi ekhaya,apha. Ngelinye ixesha umntu elele bafike abantu abadala besithi yenza utywala, yenza inyama. Abe ke umnini-mzi selehlanganisa umzi wakowabo ewuxelela. Bathi ke bona kuye, “Yenjenjalo!”.
Ngale mini kuhluzwa utywala, kubuya iinkomo zifakwe esibayeni, kungene amadoda eso siduko, athi kwindoda yasekhay’apha, “Yiza nomkhonto wokuhlaba.” Afike lo uza kuhlaba oyinkulu ngokuzalwa, ukuba usemncinci awunikwe awubambe umkhonto aweyamise ephangweni kuloo nkabi yomcimbi, abuyele, kunikwe indoda endala eseyikhethiwe libhunga lelo khaya. Indoda engumntu ohloniphayo ongazi kwenza abantu babe namahlaba akuba ehlabe inkabi yomcimbi.
Ukubhonga kwayo kuza kunqulwa. Mhlawumbi ngumguli lo ogulileyo. Umi yena esangweni. Inkomo iza kunqunyulwa ngumntu okhethiweyo, kodwa kufuneka ekho umguli ayibone xa ibhongayo. Kunqulwe kuthiwe, umntu ethethela phezulu athi: “Awu! Khawukhangele ke, mabandla kaNgwanya, kaMajola, kaNgqingqi, kaBokotho, nkomo zikaNgcwini, zamaMpondomise. Nantso ke into esinipha yona, nantso ke inkomo yakhe, makaphile umntwana wenu, nantso into esininika yona.”