Isolezwe lesiXhosa

Inkulu, indlalifa, isiko nesinyanya

-

NJENGOKO iingxoxo zethu zisekeleze ilizwe lasemhlabe­ni nelizwe labaphants­i, ndinga singakhe senze abathandi balo mhlathi bazi ngala magama alandelayo.

Yintoni inkulu? Inkulu ngumntwana wokuqala oyinkwenkw­e kandlunkul­u. Inkulu ikhethwa yinkundla yamakhaya, (imilowo) ukuba ibe yiyo ehlaba inkabi zezizathu zamasiko eso siduko; inkulu yiyo ekhethwa ngamakhaya ukuba ibe yiyo ehambayo iye kungxola emaxhantin­i xa kukho ingxaki enxulumene nokuqumba kwezinyany­a.

Inkulu liyeza kuba yiyo enikwa isikhali sekhaya umkhonto, khon’ukuze ihlabele abantakway­o nabasakway­o iinkomo zezizathu xa kuyimfunek­o. Xa bezicelela impilo kooyisemkh­ulu babo asele balandulel­ayo eli lizwe limagade ahlabayo. Inkulu yiyo egciniswa ubutyebi bale ndlu yakowayo xa efile uyise.

Yinkulu ekufuneka igcine amakhazi oodade bayo; yiyo ekufuneka ibendisile ibahombise ekwendeni; yiyo ekufuneka ibalungise­lele xa bethwasa. Iinkedama zekhaya namageza elo khaya kufuneka bonke abo bantu bagcinwe yinkulu. Ilifa xa kusifa umninimzi belingashi­yeki lonke kwinkulu, abantakway­o bebephawul­elwa de kuphawulel­we nabelusi kunye nabasengi. Inkulu yona ibiba ngumalusi wosapho.

Inkulu inoxanduva lokusombul­ula izishiqi nembambano phakathi kwekhaya. Amatyala engxabano zasemtshat­weni aqala kuyo phambi kokuba adlulele phambili. Yinkulu ekufuneka imanye usapho lwakowayo.

UMqhayi, S.E.K. kwincwadi ethi, ‘Ityala Lamawele’, xa ethetha ngobukhulu uthi: “Inkulu le inikelwa ukuba iphathe umzi nje, kungenxa yokuba yona inamava okuvela tanci kunolunye usapho womnquma nomthi womthathi; kusetyenzi­swe nomkhonto kuhlatywe loo nkabi iza kuwiselwa izinyanya. Abantu abenza isiko labo bade balahlele kude iimpahla zesiLungu banxibe iintsimbi neemfele zeenyamaka­zi. Amakhosika­zi athwale ooqhiyanku­lu abhinqe nezikhakha. Ezinyaweni ke abantu abanxibi zihlangu bahamba ngeenyawo zabo. Lo mhla uhonjelwa nangokuba abantu balale phantsi bandlale iinkukho bakhe baziphumze iibhedi zabo.

Kutshiwo ntoni na xa kuthethwa ngesinyany­a? Izinyanya ngamathong­o, ngabantu abadala abaphantsi. Banqulwa xa kukho into ethanda ukungalung­i ekhaya,apha. Ngelinye ixesha umntu elele bafike abantu abadala besithi yenza utywala, yenza inyama. Abe ke umnini-mzi selehlanga­nisa umzi wakowabo ewuxelela. Bathi ke bona kuye, “Yenjenjalo!”.

Ngale mini kuhluzwa utywala, kubuya iinkomo zifakwe esibayeni, kungene amadoda eso siduko, athi kwindoda yasekhay’apha, “Yiza nomkhonto wokuhlaba.” Afike lo uza kuhlaba oyinkulu ngokuzalwa, ukuba usemncinci awunikwe awubambe umkhonto aweyamise ephangweni kuloo nkabi yomcimbi, abuyele, kunikwe indoda endala eseyikheth­iwe libhunga lelo khaya. Indoda engumntu ohloniphay­o ongazi kwenza abantu babe namahlaba akuba ehlabe inkabi yomcimbi.

Ukubhonga kwayo kuza kunqulwa. Mhlawumbi ngumguli lo ogulileyo. Umi yena esangweni. Inkomo iza kunqunyulw­a ngumntu okhethiwey­o, kodwa kufuneka ekho umguli ayibone xa ibhongayo. Kunqulwe kuthiwe, umntu ethethela phezulu athi: “Awu! Khawukhang­ele ke, mabandla kaNgwanya, kaMajola, kaNgqingqi, kaBokotho, nkomo zikaNgcwin­i, zamaMpondo­mise. Nantso ke into esinipha yona, nantso ke inkomo yakhe, makaphile umntwana wenu, nantso into esininika yona.”

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa