Ugqats’ ulufezile Alex Borain
KWISITHUBA seminyaka elishumi elinesihlanu, kwela ziko lidume ngokukhupha izikhakhamela neengcali kwezopolitiko iYunivesithi yaseNtshona Kapa (UWC ngamafutshane), mhla kwakusingathwe uhlalutyophicotho lwezimvo zengqondi enguKarl Marx, nolwalusaziwa ngeeMarxist Seminars eUWC, unjingalwazi wezeMbali uCiraj Rasool wasityebisela banzi ngendima kaGqirha-lwazi uAlex Boraine kumzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika.
Kwingabula-zigcawu kaNjingalwazi uCiraj Rasool, wahlomla ngamazwi athi, “indima edlalwe ngabefundisi neenkokheli zakwaLizwi kwidabi lokulwa amakhamandela ocalucalulo, yaziwa kwaye ixatyiswa nanguthathatha”.
Phakathi kwabefundisi nezi nkokheli zakwaLizwi wayethetha ngazo lo njingalwazi, ukhankanye uAlex Boraine; uDavid Russel; uTrevor Huddleston; uDesmond Tutu; uBeyers Naude; uEnoch Mgijima; uFrank Chikane; uPaul Verryn; ubaba uMasango; ubaba uShembe; uNtshingwa; uKhweqe; uBottoman; uDandala; nabanye abaninzi.
Nokuba ubani uyaluchasa okanye uyaluxhasa olu luvo lwale njingalwazi, ngokunokwam ukubona, ucalucalulo lwaluya kuthatha ithuba elide phambi kokuba luphele ukuba oonyawontle babengazange badlale indima ebalulekileyo ekuncediseni imibutho yezopolitiko.
Bangaphi na kuthi abathweswe izidanga nabakwimisebenzi encomekayo ngenxa yendima yombutho wabefundisi owawuxhasa abafundi abantsundu ngemali yokufunda phantsi kweSouth African Council of Churches?
Kweli binza, ndiza kuthetha banzi ngosandul`ukusishiya uGqirha-lwazi uAlex Boraine, njengomnye kubefundisi abalishiye eli lizwe liyindawo engcono kakhulu kunakuqala. Imingxunya yeembumbulu kwicawe iRegina Mundi eSoweto, yayingumqondiso nesikhumbuzo sokulwa kukaAlex Boraine nocalucalulo encedisa umzi ontsundu. Inene ilanga linge litshona emini xa lo bawo elishiya eli limagad`ahlabayo ngomhla wesihlanu kule nyanga yoMnga, esimka eneminyaka engama-87 ubudala.
Mhla lo bawo wayetyunjwa njengomnye wabefundisi baseWesile ngomnyaka ka-1970, emva kwemfundo yobunyawontle ayizuze eRhodes eRhini, naseOxford eNgilane, akazange aphelele nje ekukhokeleni ibandla lakhe lamaWesile, koko uye wazibandakanya nedabi lokulwela amalungelo abasebenzi emigodini.
Kuthe kusenjalo, watyunjwa ngokuba abe ngomnye kuloo palamente kanxantathu yayixhasa imithetho yocalucalulo.
Ngenxa yokuyinyamnya kwakhe ingcinezelo nokucalulwa kwabantu eMzantsi Afrika, yena noFrederick Van Zyl Slabbert bazicebula kuloo palamente.
Emva koko lo bawo usungule i-IDASA nengumbutho owawuhlala uxoxa neANC neminye imibutho yezopolitiko malunga neendlela ekunokuncediswana ngazo ekutshabalaliseni ingcinezelo eMzantsi Afrika.
Ngenxa yendima kabawo uBoraine, aye enyuka ngokunyuka amanani amaqhawe amhlophe nawamazwe aphesheya aye azibandakanya nedabi lokulwela inkululeko eMzantsi Afrika. Kungoko ndisithi, indima kabawo uBoraine iyancomeka kwinkululeko yoMzantsi Afrika.
Lo bawo ikwangulowo wayengugxalaba-libanzi kabawo uDesmond Tutu mhla kwasungulwa iKomishoni yeNyaniso noXolelwaniso (TRC).
Nalapho, indima yalo bawo ekuthuthuzeleni iintsapho zamaxhoba enkohlakalo yoongcothoza nababulali ababefudula bengamapolisa angenalusini ngobomi bomntu ontsundu, yayincomeka kwaye ikhethekile.
Kananjalo, ubawo uBoraine ekunye nobawo uTutu, bakwazi ukutsala bekhuthaza nabo babengabaxhaphazi nababulali bomntwana ontsundu kwanabo bangamatsha-ntliziyo nababesuka kwiintlanga ezahlukileyo ukuze beze kuthetha phandle ngendima yabo esidlangalaleni.
Ngaphandle kwaba bawo, kunokwenzeka ukuba ukufa kwamajoni enkululeko amaninzi kwakuya kunyamalala kungaze kuvele, kodwa ngenxa yesakhono sabo sokuthetha nomntu, abakho amabali avelayo, nangani nje iinyaniso ezithile sisazinxanelwe sililizwe ngokubanzi.
Ubawo uBoraine ebeliqhawe elikhuthazayo, elinika ithemba, nelikwaziyo ukuba ngumosuli weenyembezi nomdambisi weentlungu zomphefumlo.
Oku ndikuthetha kuba ndisazi ubunyani bokuba kuninzi lwezihlobo nezalamane endizaziyo ezinabazali babo ababulawa ngamapolisa namajoni ayelawulwa yimithetho yabacinezeli ababengenalusini, lo bawo wayengoyiki ukuhlala nezo ntsapho emzini wakhe nakwisakhiwo secawe.
Oku wayekwenza ukuze aqinisekise ukukhuseleka kwabantu, balale betyile, kwaye bafumane ukuxola ezintliziyweni besazi ukuba nabo banabathetheleli. Kubanye babantwana bamaqhawe enkululeko angasekhoyo afana nalawo aseMonti, eKaladokhwe, eBhayi, eTinarha, eCumakala nawezinye iindawo, kwincoko yethu bandichazele phandle ukuba ngaphandle kwalo bawo nokubaxhasa kwakhe ngemali yemfundo, eyokutya nezinye izinto, ubomi kubo bebuya kuba mfiliba.
UVuyelwa Ngoyi, intombi kaEdgar Ngoyi owayevalelwe eRobben Island emva kobunkokheli bakhe kwiUDF, uthethe wenjenje, “Umfundisi Boraine ube ngumzali wethu ngandlela zonke, kangangokuba beside singabuva ubuhlugu bokukhula ngaphandle kootata bethu. Ndiqinisekile ukuba ebesenamandla kwaye esaphila, ngesingalambi ngolu hlobo, ngesingahlelelekanga ngolu hlobo ngokungathi abazali bethu abazange abalwele ilizwe.”
Lala ngoxolo Alex Boraine.