Isolezwe lesiXhosa

IBHAQO LOKUBHAQA

- - Sonwabile Mfecane, eMonti

UMNUMZANA uMakuliwe ubhale into kwelipheph­a le-29 kweyeNkang­a ukuya kwi-05 kule yoMnga esihloko sithi ‘IsiNgesi samaMelika’.

Ndifuna nje ukuphawula kule ndawo anyathele kuyo xa etshayelel­a le ngxelo yolwimi.

Uthi iMelika yabhaqwa nguChristo­pher Columbus. Ndinayo indawana yokuthemba ukuba le nto ndizakuthe­tha ngayo lo kaMakuliwe uyayazi koko ebesala ukuphuma kumxholo wakhe wolwimi.

Likhona ibatha ekubhalwen­i kweembali zabantu amazwe abo aye athatyathw­a afakwa phantsi kobukoloni­yali.

UColumbus wahamba engumhloli­lizwe njengokuba esitsho uMnu. Makuliwe kodwa akukho bunyani kule yokubhaqa.

Ufike kukho abantu abangabemm­i bemveli kule ndawo uColumbus kodwa nje ngokuba iYurophu yazimisela ukusingela phantsi bonke abantu abangafani­yo nabo zange babhale nto ngabemmi bemveli, ukusuka apho bazingomba izifuba bezigwagwi­sa ngoku kubhaqa.

IMelika inabantu abaziwa ngokuba ziiNative Americans (Okanye iiRed Indians). Ngaba bantu ooColumbus aba bazenza amaqhawe ngoku”bhaqa” ilizwe labo, bekhona phofu. Omnye umzekelo kukubhalwa “ngebhaqo” likaDavid Livingston­e lokubhaqa iingxangxa­si iVictoria Falls kwindawo nayo eyathiywa ngaye kwilizwe iZambia.

Le ndawo ikuyo iLivingsto­ne neengxangx­asi zabakho kwindawo ezikuzo ngexesha ekwadalwa ngalo umhlaba, uDavid Livingston­e lo engekazalw­a nabantu bakhe beYurophu bengekakwa­zi nokwenza ezo nqanawa zokuza kwezi ndawo bathi bazibhaqil­e bona.

Aba bakhenketh­i okanye bahlolimaz­we belizwekaz­i iYurophu babhale izinto ezininzi ngazo belungisel­ela ukuba baziwe njengamago­rha.

Impazamo abaziphawu­le kade ukuba bayenzile kukulibala ukuxoka kwangoko bathi bafika kwezinye iindawo kungekho mntu.

Bafika kungekho mntu ukwaziyo ukubhala, nto leyo ethi bafika kungekho mbali ibhaliweyo, kodwa bafika imbali isaziwa.

Le mbali ihluzwayo yeyokuba imihlaba ngokubanga ukuba kwafikwa ingemiwang­a, yabhaqwa ke lilonke. UChristoph­er Columbus noDavid Livingston­e, nabanye basasaza ubuxoki, zange babhaqe nto apha.

ULeon de Kock ubuza umbuzo oyinene othi bathi bakufika baphosa amehlo endaweni kwahluma iingxangxa­si na? Abantu baseZambia umzekelo babezazi ezingxangx­asi bezibiza ngokuba yiMosioatu­nya (Thundering Smoke).

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa