Goba msenge iibhokhwe zikutye
KWIMIDLALO yobuntwana sasinayo neyokudlala icawe, neminye ke. Sasilinganisa yonke into eke siyibone isenziwa kwezo ndawo sidlalisa ngazo; ukuba sidlala imizi silinganise ootata noomama, abanye babe ngabantwana; ukuba sisikolo kubekho abafundisintsapho neentsatshana; ukuba yicawe kubekho umfundisi nerhamente.
Kwiicawe ke sasinayo nesasiyibiza ngokuba yicawe yombhovuzo. Kwakukho ingoma yakhona ke, ihlatyelwa ngabazalwane (amakhwenkwe ke ukutsho) ethi “Ndingakubhovuza, ngalo mbhovuzo,” ze oodade (amantombazana) balandele bathi “Angeke mzalwana, akhon’ amadodethu!” Ikhona ke nenye ingoma yelo bandla lethu endingasayikhumbuli kakuhle, eyayisithi “Ndakukufaka umbhobho omnyama.” Sasizivuma ngodlamko ke ezo ngoma zebandla lombhovuzo, sisemoyeni, sisenza nemidudo yakhona.
Sasike sizibone sikhutshwa ngesabhokhwe ke kuleyo cawe yethu, abazali besithi sinezimanga. Babecaphukela ezi ngoma kwakunye nemidudo yakhona; ndiyabona ke ukuba zazingahlambulukanga!
Andikhumbuli ke ukuba yayilibandla esasilithatha phi na elo, kuba akukho ndilikhumbulayo linjengalo kumabandla ayekho kwelakuthi.
Amabandla ayekho yayingamaZiyoni namaTshetshi namaWisile namaRhabe namaPostile namaSabatha, eli lombhovuzo andilikhumbuli. Makube sasilibonela phi? Mhlawumbi yayilibandla lasentsomini?
Ukuba yayilibandla lasentsomini makube imidudo le ingahlambulukanga sasiyithatha phi yona?
Iintsomi zazibaliswa ngabantu abadala, bengenokwenza midudo ingahlambulukanga ebantwaneni!
Kambe ke, njengoko kucaca ukuba kwakungekho bandla linjalo, makube sasiboniswa ibandla elaliza kubakhona.
Kunjalo nje ndiphantse ndiqine ekuthini sasihlola la mabandla akhoyo ngoku, la anabefundisi abazuma iikwayala. Kuyaphazamisa ukwanda kokuhamba ezinkundleni zamatyala kwamabandla ngenxa yabefundisi bawo abatyholwa ngokudlwengula.
Ndisitsho nje iingxoxo zisesezinkundleni, ukutsho oko abakafunyanwa benetyala. Kodwa kuphazamisa kwainto yokuba umfundisi wakwaLizwi atyholwe de kubekho amangqina aphuma elubala.
Ukuba kunothi kanti badyojwa ngobende inyama bengayidlanga aba befundisi, isono sabamangali asinakuhlanjwa nangehisophu, ukonyelisa abantu beLizwi likaThixo.
Okuphazamisa nangakumbi ngamabhinqa aphuma ingqina ukuya kuxhasa aba befundisi! Kungani la mabhinqa kwakunye negcuntswana lamadoda abo bengalindi iinkqubo zenkundla nje?
Bebephi bona xa bebedlwengulwa okanye bebhantswa okanye besenziwa nayiphi na into aba bantwana, le nto baza kuvela besithi akukho nto injalo?
Bohlulwa yintoni ukulinda, beve okona kwenzekileyo, ze kuthi ukuba abefundisi babo bafunyanwa bengenatyala ziinkundla babaxhase bababuyisele ezikhundleni zabo?
Umntu xa ibingumntwana wakhe obanga ngokungcoliswa ngala madoda ebeya kuthini? Ebeya kuthi uyaxoka naye?
Mna ndibona izingcoli kumabhinqa namadoda axhasa esidlangalaleni abefundisi abasaphandwa ngokuzuma. Nga ngebelinda, kokwam ke ukuthabathisa. Bona ke endaweni yokonyela nokudana bemi imixhadi.
Nithi asingawo lawa mabandla ethu ombhovuzo na la? Sasibethwa nje ngabazali abevi babesoyika isiplofetho sethu ngamabandla azayo nawayenganqweneleki ezweni? Hleze!
Kambe ke, abantwana benziwa ezi zimanga bephi abafazi baba befundisi? Okanye ke abanabafazi? Ikhe ibekho into yokukhokelwa lisoka kwabantu abaneentsapho nemizi yabo? Ayenzeki leyo nto phaya kwelakuthi. Isoka yinkwenkwe, alimi nasenkundleni, alinikwa kwanxiwa. Ingakhokela bani ke into enganamzi?
Naphaya emiBhalweni zikho iindawo ezingeempawu ezidingekayo kwinkokeli. Kambe ke nam ndibhibhidla nje amazinyo; zinokubakho iinkokeli ezinje kula mabandla kuba kaloku ngawazo.
Azibekwa mntu ziyazibeka. Kufika intente sele inojobela neentakazana. Wona amarhamente anikisa njani ngeentombi zawo kubefundisi abangenabafazi, kule mihla yembubho? Mhlawumbi kukundweba kwabantwana?
Ninethamsanqa befundisi bamabandla ombhovuzo, ukuba imikhuba yenu ibhaqwe sele nisingcolisile isilili. Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.