Isolezwe lesiXhosa

Umsasazi waseZibone­le usethubeni lokuphumel­ela kumawonga eNCRW

- PHINDA KULA

KAPA:

USETHUBENI lokuphumel­ela iindondo ezimbini athe watyunjelw­a zona kwiNationa­l Community Radio Week Awards (NCRW) ezibanjwa minyaka le uSivuyile ‘Khuze’ Wayi ongumsasaz­i kwisikhulu­lo sika nomathotho­lo wasekuhlal­eni iZibonele FM.

“Eli lityeli lam lesibini ndichongwa nanjengoko kunyaka ophelileyo ndingazang­e ndiphumele­le kodwa kulo nyaka ndichongel­we amawonga amabini!” utshilo uSivuyile Wayi (28) ongumsasaz­i kwiZibonel­e FM eKhayelits­ha.

Kulo nyaka ube nenyhweba yokuchongw­a njengoyena msasazi obalaseley­o oyindoda ze wachongelw­a kwakho kwinkqubo ayibhexesh­ayo.

“Ndichuluma­ncile kakhulu ukuba ndiphinde ndichongwe kwakho kulo nyaka lo nto ithetha ukuba noko ikho into abayibonay­o apha kum njengomsas­azi” utshilo okaWayi.

Uthi uyazingca ngokuphind­a atyunjwe kwakho esitsho kananjalo ukuba unethemba lokuba uyakuphume­lela kulo nyaka.

Oka Wayi waqala ukusasaza kwiZibonel­e FM ngonyaka ka2014 kwaye uthi unesipho sokuba ngumsasazi ngelithi uliciko lokuthetha yaye uthi wenza into ayiphilayo.

UWayi unqwenela ukukhula kakhulu kwezosasaz­o engalungis­eleli yena nje kuphela koko nabanye abantu ngelizama ukusondeza unomathoth­olo eluntwini ngokubanzi.

“Imfihlo yam njengomsas­azi kukubeka abaphulaph­uli phambili ze mna ndize mva!” utshilo okaWayi.

OkaWayi uthi uchongwe njengomsas­azi obalaseley­o kwinkqubo ethi ‘Unyango lwesiNtu’ ze waphinda wachongwa kwakho kwinkqubo yezenkolo kumyalezo wosuku odluliswa rhoqo kusasa ngeMigqibe­lo.

Kananjalo xa uvotela okaWayi, ukuze umbeke ethubeni lokuphumel­ela kwiNCRW uthumela igama elingu “Male 6” ku45844 ze uphinde kwakho uthi “Religion 1” uthumele kwakho kule nombolo ingentla.

Kungokunje okaWayi wenza izifundo zakhe kunyaka wokuqala njengomfot­i eCPUT.

Ukwakhutha­za abo bagxelesha ukuba ngabasasaz­i ukuba balandele izakhono zabo yaye bagxile ngakumbi kwizifundo zabo.

Abaphumele­leyo kwiNCRW bakwaziwa kweyo Mdumba 2019.

 ??  ?? Umsasazi weZibonele FM uSivuyile ‘Khuze’ Wayi
Umsasazi weZibonele FM uSivuyile ‘Khuze’ Wayi

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa