Isidalwa esiyintliziyo
AKUKHO ntlungu zibuhlungu njengentlungu zokuqaqamba kwentliziyo. Zikutsho ucutheke umzimba ubanjwe ngumvandedwa wophele ngaphakathi kungekho mntu ukubonayo. Esi sidalwa siyintliziyo ke sinamandla, sinamandla okwakha, sinamandla okutshabalalisa.
Ililishwa ke nento yokuba intliziyo ifihlwe emehlweni wabantu, kum sekungathi ngekungcono xa ibiselubala. Mhlawumbi oko bekuyakunceda singazisondezi kubantu abantliziyo zimdaka.
Besingazukuncedaka na ekuboneni abantu esinokuzimanya kunye nabo? Tyhini, ndemka nomrhiba wentliziyo ningazi nobukho bam enkundlen’ apha! Ewe kaloku, ukubekel’ entloko mandenjenje; N
diza ndiniphathele incwadi ethi: Vela Ntliziyo Sikubone. Le ncwadi, neluhlobo lenoveli ize ngosiba lukaPhiliswa Ngalo. Yapapashwa phaya ngomnyaka ka2011 ngabakwaHibbard Publishers.
Ngale ncwadi, umbhali uvelela iinkalo zobomi ezahlukeneyo, noko egxininisa kulwamkelo olungeluhle lomntwana onobulima. Umbhali ushukusha le meko yobulima ngomlinganiswa onguThuletu.
Andithi kaloku uThuletu noko wayefana nabanye abantwana ngazo zonke iimpawu, wayehluke ngokungakwazi ukukhala, ukuhleka nokuncuma. Sisiphako esamenzela ityheneba eso wanomdintsi eluntwini lakowabo.
Abazali bakhe bazenza zonke iinzame namalinge okufumanela umntwana wabo uncedo kodwa bawa phantsi de basutywa kukufa. Bebhubha nje sezikho futhi ziliqela iintetha ezibukula uThuletu nkqu nakumalungu osapho.
Andithi kaloku wayecekiswa nje uThuletu eMpendle apho eNgqeleni, yinkolelo yokuba uza neshwangusha. Yehake, ndaza ndakuva zwindini! Ukutyhalwa komntwana nje ngenxa yokubanesiphako esingaqhelekanga eluntwini, hayi inene!
Wathi esakukhula uThuletu wanentsebenzo emmandla, wokha ikhaya labantwana abaneziphako zomzimba nabangenabazali de woleka ngokwakha elokugcina abantu abadala ukuze nabo bafumane ukukhathalelwa apho.
Yintliziyo eyayintle le wayenayo uThuletu noxa yayingabonelwa ntweni ngabagxeki. Zahlala zihleli zimembethe kaloku eziya zenyeliso zokuba uzisa ilishwa kumzi wasemaZizini naselalini yakhe iMpendle.
Wathi esakubanamashishini wakhe uThuleka, abagxeki bakhe baguquka bamtyabeka ngezityholo zokuba uyathakatha.
neentliziyo ezimbi? UThuletu noxa wayengakwazi ukuhleka, wayehleka, loo ntliziyo yakhe yayibonakalisa loo nto. Wayencuma umntwan’ omntu, izenzo zakhe ziyibonisa loo nto.
Isikhalo sakhe asikhange sizale ngqumbo kubagxeki bakhe, usuke wababonisa intliziyo yakhe enoxolo. Akwaba ngenene intliziyo ibiselubala. Mandikhand’ umongo ke mawethu ndenjenje;
Ziliqela iincwadi endize nazo apha enkundleni nendinithele ntlo kwezikuqulathileyo. Bakho abafundi bephepha eli abathe bazidina emva koko bazikhangela, bazifunda. Kona ibiyenye yeenjongo eziphambili into yokunazisa ngeencwadi esinazo kolu lwimi lesiXhosa.
Uthi ke umntu esakubanolwazi lwencwadi ekhoyo ebhalwe nguloo mbhali uyintandane kuye, agxanye ukuyakuzifumanela loo ncwadi.
Bakho abantu abafana noMnu Mzoli Mavimbela abasoloko befunda iincwadi zesiXhosa nabandazisayo ngezinye zeencwadi ezifumanekayo. Ndinethulela umnqwazi zintsinga zesiXhosa. Abona bantu basebenzileyo nini. Mandiwathobe amaxhayi kule ndawo. Ndimkile!
Owenu kusiba noncwadi lesiXhosa.