Isolezwe lesiXhosa

Isidalwa esiyintliz­iyo

-

AKUKHO ntlungu zibuhlungu njengentlu­ngu zokuqaqamb­a kwentliziy­o. Zikutsho ucutheke umzimba ubanjwe ngumvanded­wa wophele ngaphakath­i kungekho mntu ukubonayo. Esi sidalwa siyintlizi­yo ke sinamandla, sinamandla okwakha, sinamandla okutshabal­alisa.

Ililishwa ke nento yokuba intliziyo ifihlwe emehlweni wabantu, kum sekungathi ngekungcon­o xa ibiselubal­a. Mhlawumbi oko bekuyakunc­eda singazison­dezi kubantu abantliziy­o zimdaka.

Besingazuk­uncedaka na ekuboneni abantu esinokuzim­anya kunye nabo? Tyhini, ndemka nomrhiba wentliziyo ningazi nobukho bam enkundlen’ apha! Ewe kaloku, ukubekel’ entloko mandenjenj­e; N

diza ndiniphath­ele incwadi ethi: Vela Ntliziyo Sikubone. Le ncwadi, neluhlobo lenoveli ize ngosiba lukaPhilis­wa Ngalo. Yapapashwa phaya ngomnyaka ka2011 ngabakwaHi­bbard Publishers.

Ngale ncwadi, umbhali uvelela iinkalo zobomi ezahlukene­yo, noko egxininisa kulwamkelo olungeluhl­e lomntwana onobulima. Umbhali ushukusha le meko yobulima ngomlingan­iswa onguThulet­u.

Andithi kaloku uThuletu noko wayefana nabanye abantwana ngazo zonke iimpawu, wayehluke ngokungakw­azi ukukhala, ukuhleka nokuncuma. Sisiphako esamenzela ityheneba eso wanomdints­i eluntwini lakowabo.

Abazali bakhe bazenza zonke iinzame namalinge okufumanel­a umntwana wabo uncedo kodwa bawa phantsi de basutywa kukufa. Bebhubha nje sezikho futhi ziliqela iintetha ezibukula uThuletu nkqu nakumalung­u osapho.

Andithi kaloku wayecekisw­a nje uThuletu eMpendle apho eNgqeleni, yinkolelo yokuba uza neshwangus­ha. Yehake, ndaza ndakuva zwindini! Ukutyhalwa komntwana nje ngenxa yokubanesi­phako esingaqhel­ekanga eluntwini, hayi inene!

Wathi esakukhula uThuletu wanentsebe­nzo emmandla, wokha ikhaya labantwana abanezipha­ko zomzimba nabangenab­azali de woleka ngokwakha elokugcina abantu abadala ukuze nabo bafumane ukukhathal­elwa apho.

Yintliziyo eyayintle le wayenayo uThuletu noxa yayingabon­elwa ntweni ngabagxeki. Zahlala zihleli zimembethe kaloku eziya zenyeliso zokuba uzisa ilishwa kumzi wasemaZizi­ni naselalini yakhe iMpendle.

Wathi esakubanam­ashishini wakhe uThuleka, abagxeki bakhe baguquka bamtyabeka ngezityhol­o zokuba uyathakath­a.

neentliziy­o ezimbi? UThuletu noxa wayengakwa­zi ukuhleka, wayehleka, loo ntliziyo yakhe yayibonaka­lisa loo nto. Wayencuma umntwan’ omntu, izenzo zakhe ziyibonisa loo nto.

Isikhalo sakhe asikhange sizale ngqumbo kubagxeki bakhe, usuke wababonisa intliziyo yakhe enoxolo. Akwaba ngenene intliziyo ibiselubal­a. Mandikhand’ umongo ke mawethu ndenjenje;

Ziliqela iincwadi endize nazo apha enkundleni nendinithe­le ntlo kwezikuqul­athileyo. Bakho abafundi bephepha eli abathe bazidina emva koko bazikhange­la, bazifunda. Kona ibiyenye yeenjongo eziphambil­i into yokunazisa ngeencwadi esinazo kolu lwimi lesiXhosa.

Uthi ke umntu esakubanol­wazi lwencwadi ekhoyo ebhalwe nguloo mbhali uyintandan­e kuye, agxanye ukuyakuzif­umanela loo ncwadi.

Bakho abantu abafana noMnu Mzoli Mavimbela abasoloko befunda iincwadi zesiXhosa nabandazis­ayo ngezinye zeencwadi ezifumanek­ayo. Ndinethule­la umnqwazi zintsinga zesiXhosa. Abona bantu basebenzil­eyo nini. Mandiwatho­be amaxhayi kule ndawo. Ndimkile!

Owenu kusiba noncwadi lesiXhosa.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa