Ezifikayo - 2018 BMW X5 Ezintsha kwezeemoto

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMOTO NEENCWADI - NoSisanda Mbete

KWIVEKI yokugqibela kweyeNkanga, abakwaBMW bebesothulela isizukulwana sesine somnyobo weSUV, eyayi yeyokuqala kwiiX-models zalo mzi-mveliso. Ukusukela ngo-1999, sekuthengiswe imizekelo engange-2.1 yezigidi ilizwe jikelele, ndlela ethe yayintandane ngayo kwabo abavuza iisentana kwiimpokotho.

Kwesi sizukulwana sifikayo kutshintsha okuninzi ngaphandle nangaphakathi. Ezampumlo zakwaBMW ngaphambili zither ukukhula, ukwenza iphefumle ngcono.

Kodwa ke xa kukho imingxunya ngaphambili, imoto iye igange umoyaoye ayicothise. Ngoko ke, xa ingadingi ukuphefumla, eza mpumlo ziyakwazi ukuvaleka, ukuze le X5 intsha ibe mtyibilizi emoyeni, oku kuncede ekurhabuleni ithontsi etankini.

iBMW X5 entsha ifumaneka ngenjini enye apha eMzantsi, kodwa amazinga amandla mabini. Kukho i-xDrive30d ene-195kw/620Nm ephuma kwi-3.0 litre straight-6 ye-twin-turbo yedizili. Usuka emgceni ukuyotsho ku-100km/h ngemizuzwana engange6.5secs, iphelelwe ngumfuthe kwisantya esiphezulu ku-230km/h. Irhabula 7lt/100km ethontsini.

Ze kubekho iM50d ena294kW/760Nm kula njini ye-3.0 litre straight-6, kodwa apha inee-turbo ezine, ewe Quad-TurboCharged. Kaloku iinjini ezinee-turbo zayithanda ukuba ziphelelwe ngumfuthe kwizantya zenjini eziphezulu (high end revs). Koko ke abakwaBMW bafakele ii-turbocharger ezimbini ezincinci ezisebenza kwizantya zenjini eziphantsi, ze kubekho ezinye ezinbini ezinkulu ii-turbocharger ezisebenza phaya kwizantya eziphezulu.

Oku kwenza i-M50d ivakale ngathi isoloko inomfutho de iyokufikelela kwisantya esiphezulu esinqandwa yhikhompyutha ukuba singagqithi ku-250km/h. I-M50d irhabula 7.2lt/100km ukuba uyiqhuba ngembeko, isuke emgceni ukuyotsho ku-100km/h nge-5.2secs xa ungcwaba umcephe ngonyawo lwasekunene.

Kukho izinxibo ezine ezifumanekayo ke kwiX5 entsha. I-xLine, M-Sport nhe-xOff-Road package zifumaneka kwi-xDrive30d.

I-M-Performance Package ifumaneka kwiM50d. Kumsitho obubanjelwe e-George eNtshonaKoloni, siye safumana ithuba lokungcamla i-xDrive30d kumajikojiko endlela yegrabile emaphandleni eKnysna ngesinxibo se-xOffRoad Package, futhi ne-M50d M-Performance package kwiindlela zetha ngaphayana ngakoo Oudtshoorn ukujikela eMossel Bay senyuka ngoN2 ukuyotsho ePlettenberg Bay.

I-xOff-Road package ifakela amatayara eGrabber AT3 alungele ukusetyenziswa kwithara nakwigrabile ngokulinganayo. Futhi ngaphantsi kufakelwe iinkcenkce zokukhusela iX5 ingabetheki kabuhlungu xa umqhubi eyisebenzisa kwiindlela zee-4x4.

KwiM-Performance Package ungakhetha amavili angange-22inch angawona mavili makhulu athe afakelwa kwiimoto zonke zakwaBMW. Apha ke kwehle ne-centre of gravity, ukuze iX5 M50d ibambelele emagopheni kangakumbi.

Lena intsha iX5 inkulu kunaleyo iphumayo. I-42mm yangezelekile phakathi kwamavili angaphambili nawangasemva.

Oku kunika isithuba esongezelekileyo kwabo bakhwele ngasemva ukuba banabe bhetele kuna kuqala. Ebhuthini isithuba sisafana naleyo iphumayo iX5. Kumazwe aseYurophu naseMelika, iX5 iyafumaneka inezitulo ezisixhenxe.

Izibane zeLED ngaphambili nangasemva zifumaneka isaphuma ebhokisini iX5 entsha. Kodwa xa urhalela ungafakela iiBMW Laserlight ezine-Adaptive LED headlights, ezikhanyisa umgama ongange 500meter phambi kwemoto, futhi zingaphandla abanye abaqhubi abeza phambi kwayo.

Esikuthandileyo kukubona uyilo olutsha lweDashboard, olwaqala ukuvela kwi-8-Series.

Ngoku olu yilo lufikelela kwezinye kuluhlu lweemoto zakwa-BMW. I-instrument cluster yhikhompyutha ngokupheleleyo, akasekho amasiba okukhomba isantya sendlelela nesenjini.

Esiphakathini, iScreen seControl Display siyacofeka ngeminwe. Phakathi kwabakhweli ngaphambili kukho igqudu legiya elenziwe ngelitye le-crystal.

Kukho amaqhosha eDriving Experience Control apho unokukhetha isimo sokuqhuba u-Eco Pro, Comfort, Sport noSport Plus.

Izitulo zimtofo, njengoko sikulindeleyo kwimoto ekweli nqanaba ebiza ngaphaya kwisigidi seeRandi.

Siyithande kakhulu iM50d, kodwa i-xDrive30d yanele okwenyanini. Singakhetha laa-xOff-Road Package futhi, ukuze singanqandwa simo sendlela ukuba sizoqhuba phi na ngeX5 yethu.

I-BMW X5 ikhuphisana nheMercedes-Benz GLE, Audi Q7, nheRange Rover Sport. Ungakhetha eyiphi wena xa ubunecham lokuzidalela enye phakathi kwezi?

Okongezekileyo ngale BMW X5 intsha sizokuchaza kwezi veki zizayo zingephi, xa siye safumana ithuba lokuyivavanya iveki epheleleyo. Amaxabiso: X5 xDrive30d xLine - R1 186 200 X5 xDrive30d M Sport - R1 245 100 X5 xDrive30d xOff-Road - R1 245 450 X5 M50d - R1 493 600 Silandele ku-Twitter [email protected]

ilisolezwe, ku-Facebook ku-”Ilisolezwe”, nhentatheli yethu

ku-Instagram [email protected]

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.