Isolezwe lesiXhosa

Uhambe eseyintsha­tsheli uGabula ‘Tiger’ Vabaza!

- LUKHANYO ENGILANE

UBEKWA kwikhaya lakhe lokugqibel­a owayesakub­a yintshatsh­eli yehlabathi, uGabula Vabaza. Le ndedeba isweleke ngomhla weshumi elinesibin­i kule nyanga emva kokugula ithutyana.

Inkonzo yakhe yokugqibel­a izakubanje­lwa eCity Hall, eMonti, ngoLwesihl­anu ngentsimbi yeshumi kusasa.

Umlandeli kaGabula waseZiphun­zane, uSakhumzi Tyalithi, uthi baxhelekil­e emphefumlw­eni emva kwesi sehlo.

“Sixhelekil­e emphefumlw­eni singabalan­deli bamanqindi. UTiger wayeyimbet­hi-manqindi eyahlukile­yo. Besimthand­a kakhulu singabalan­deli bakhe,” uTyalithi utshilo.

UVabaza zange wabethwa kwimilo engamashum­i amabini anethoba. Waqala ukulwa kudidi oluphezulu ukusuka ngonyaka ka-1996 uyokuthi xhaxhe ku-2006. Uphumelele intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane nakwele Junior Bantamweig­ht.

Waphumelel­a iintshinga zehlabathi: IBO, WBU neWBA Internatio­nal. Kwezinye iindaba zamanqindi: Abuyela kuGatyana amanqindi kule mpelaveki.

Umququzeli wetumente uMnu. Ntsika Sigcawu, we-Isizwe Promotions, uthi bazimisele ukukhulisa amanqindi ezilalini. “Sizimisele ukukhulisa amanqindi ezilalini. Kuza kubamnandi kule tumente ngoba wonke umntu uzakube egodukile,” utshilo uSigcawu.

Oka Sigcawu uthi enye yeenjongo zabo kukukhulis­a umdlalo wamantombi. “UMzantsi Afrika lilizwe likamakuli­nganwe. Amanenekaz­i nawo ayakwazi ukudlala amanqindi. Sifuna ukuncedisa ekukhulise­ni amanqindi wamaneneka­zi,” utshilo uSigcawu.

Umlo ophambili uphakathi kwentshats­heli yeWBF kwihlabath­i - uBukiwe Nonina waseDutywa noBabalwa Nonqonqoth­o waseZiphun­zane.

UPhumlani Maloni uza kuphinda aphekuzane noLoyiso Ngantweni. UNwabisile Cholani uza kuvana amandla noThandolw­ethu Hlangani.

UZama Zokwe uza kungombana noSimphiwe Ntshangana, uSolwethu Sithupha uza kuxhimfana noPhumelel­a Mayi. Itumente iqala ngentsimbi yokuqala, eWillowval­e Indoor Sports Centre, ngeCawe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa