Isolezwe lesiXhosa

UMasutha akamoyiki uMpengesi!

-

INDODA ephethe iChippa United, uSiviwe Mpengesi, udume kakubi ebholeni yaseMzants­i Afrika ngokugxoth­a abaqeqeshi – kodwa uJoel Masutha ubonakala ngathi ayimxhalab­isi nakancinci lo nto.

UMasutha ufike kwiiveki ezimbini ezidlulile­yo emva kokugxothw­a kuka-Eric Tinkler.

Phambi kukaTinkle­r kwakukho uDan Malesela owagxothwa emva kwemidlalo emithathu qha.

“Ndakuba ngumntu onovalo mhla ndayiyeka ibhola okanye xa ndinelam iqela. Ndazixelel­a okokuba ndiza kumgxotha phambi kokuba andigxothe. Kodwa soze ube ngumqeqesh­i ukuba uligwala. Ukugxothwa yinto engaphaya kwamandla wethu baqeqeshi,” utsho uMasutha.

Ngomso, iChippa idibana neBidvest Wits emdlalweni wePSL oza kubanzima eBidvest Stadium ebusuku. Omabini amaqela azingela amanqaku phambi kokusongwa konyaka.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa