Isolezwe lesiXhosa

Igoduke nemoto imbaleki yaKwaZulu Natal

- PEDRO MAPELO

IIMBALEKI eziphuma ngaphandle kwemida yeMpuma Koloni ziphinde zagqugqisa kwiHeroes Marathon yalo unyaka.

UBonginkos­i Zwane, 27, ugoduke ebobotheka luncumo emva kokuphumel­ela iHeroes Marathon engumgama oziikhilom­itha ezingamash­umi amane anesibini (42.2 km) okokuqala ebomini bakhe .

Indoda yaseNew Castle kwiphondo laKwaZulu Natal igoduke iqhuba umnyobo wemoto entsha kraca ebilibhaso lembaleki ephume phambili emdyarheni obubanjwe egameni lamagqala omzabalazo amabini – uTata uNelson Rholihlahl­a Mandela nomama u-Albertina Sisulu abangasekh­oyo.

Njengesiqh­elo, iimbaleki ezingaphay­a kwewaka zithathe inxaxheba kwimidyarh­o eyohlukene­yo eqale eQunu ngentsimbi yesithanda­thu ekuseni kwimozulu ebintle kakhulu ngeCawe edlulileyo ebekubhiyo­zelwa ngayo usuku loxolelwan­iso eMzantsi Afrika.

IHeroes Marathon ngumdyarho weembaleki okhulileyo kakhulu kwiminyaka embalwa egqithiley­o okwatsala uthotho lweembalak­i zamanye amazwe.

UZwane ubaleke ixesha eliziiyure ezimbini nemizuzu embalwa – kodwa uxelele iintatheli okokuba umdyarho ubulishica kakhulu nakubeni eze kuwo ewulungise­lele kakuhle.

“Umdyarho ubumhle. Kundichulu­mancisile kakhulu ukuphumele­la kwam lo mdyarho. Ndibulela kakhulu usapho lwam nomqeqeshi wam osoloko endixhasa. Kumnandi ukuthatha inxaxheba emdyarhwen­i obizwa ngotata wethu owalwela ilizwe. Nabanye abantu abatsha kubaluleki­le ukuba bazibandak­anye nale Marathon ukuze bagcine imizimba yabo iphilile,” utshilo uZwane

Kwicala lamaneneka­zi, nguMamoral­o Tjoka welizwe laseLesuth­u obambe indawo yokuqala emva kokubaleka umdyarho omkhulu iiyure ezine zonke.

“Ndivuya kakhulu njengokuba ndikwazile ukufumana indawo ephambili. Yonke imidyarho ebizwa ngoMandela ndiyithath­a kakhulu,” utshilo uTjoka obebonaka encumile emva kokutyisa uthuli iimbaleki zaseMpuma Koloni. Naye uTjoka ugoduke nemoto entsha kraca.

 ?? UMFANEKISO: PEDRO MAPELO/ ANA ?? UMamora Tjoka uphumelele iHeroes kumaneneka­zi
UMFANEKISO: PEDRO MAPELO/ ANA UMamora Tjoka uphumelele iHeroes kumaneneka­zi
 ?? UMFANEKISO: JUBAS HOSEYA ?? UBonginkos­i Zwane uphumelele iHeroes marathon
UMFANEKISO: JUBAS HOSEYA UBonginkos­i Zwane uphumelele iHeroes marathon

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa