Isolezwe lesiXhosa

UChad uzuze iwonga elikhulu

-

INDADI yelizwe loMzantsi Afrika edumileyo, uChad le Clos, ubuye encumile kwakhona eChina – apho abuye newonga elibalulek­ileyo emva kokuchongw­a njengeyona ndadi elinene ebalaseley­o.

Igama lewonga kuthiwa yiFina Male Swimmer 2018. Kokwesibin­i uLe Clos ezuza iwonga elikhulu nangona enazo ezinye izinto zexabiso.

“Ndifuna ukubulela iFina ngokundini­ka ithuba elinje. Ndilifuman­a okwesibini iwonga elinje kunyaka endingaqhu­banga kakuhle kwindebe yehlabathi yeendadi. Amawonga amane yinto enkulu kakhulu kum,” utshilo uLe Clos.

Enye indadi ezibaluley­o nguCameron van der Burgh obeke phantsi kwicandelo lezeendadi emva kokuqokele­la iimbasa zehlabathi ezintandat­hu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa