Isolezwe lesiXhosa

Nyirenda: Akukho apho siyakhona

-

UMQEQESHI weBaroka FC, uWedson Nyirenda, uthi uqinisekil­e okokuba iqela lakhe ngeke lithotyise­lwe xa kuphela isizini kunyaka ozayo.

UNyirenda uncede iBaroka ngethuba iphumelela iTelkom Knockout okokuqala kwimbali yayo – kodwa ingxaki ajamelene nayo ngoku yile yeqela lakhe elingaqhub­i kakuhle.

ABakgaga babethwe yiBidvest Wits ngo’2-1 kwiveki ephelileyo emva kokuzuza inqaku elinye emdlalweni obuphakath­i kwabo neMamelodi Sundowns kutshanje.

“Ngeke sithotyise­lwe. Utshilo uNyirenda emva kokuba iqela lakhe libambene ngeqanda neSundowns. Nakubeni umqeqeshi ezithembil­e – kodwa ukubethwa kweqela lakhe kubeke umthwalo onzima kakhulu emagxeni wakhe.

 ?? UMFANEKISO: ENGEN ?? Abadlali abasakhula­yo baseCala bafumene uqeqesho kumagqala ebhola ekhatywayo
UMFANEKISO: ENGEN Abadlali abasakhula­yo baseCala bafumene uqeqesho kumagqala ebhola ekhatywayo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa