Isolezwe lesiXhosa

UGordinho ubuyela eNaturena

-

EMVA kokuchitha ixesha elisondele­yo enyakeni kwiBloemfo­ntein Celtic, ngoku kufike ixesha lokuba uLorenzo Gordinho abuyele eNaturena.

Lo mdlali kwabolekis­wa ngaye kwiCeltic ngethuba kusekho uSteve Komphela.

UGordinho udlalele iCeltic okokugqibe­la ngethuba ibethwa ngo’3-0 ngaMaZulu kwiveki ephelileyo.

Ngenxa yeengxaki zabadlali basemva ebike yajongana nazo ekuqaleni kwesizini, iChiefs iye yazama ukufumana lo mdlali – kodwa ngenxa yezibophel­elo, zange ikwazi ukumfumana ekuqaleni kwesizini noxa naye wayekufuna ukuhamba kwiCeltic.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa