Isolezwe lesiXhosa

Amagqala aqeqeshe abadlali abaselula eCala

- PEDRO MAPELO

EKUQALENI kwale nyanga, inkampani yamafutha, uEngen, wenze into abangasoze bayilibale abadlali bebhola ekhatywayo eCala.

Abantwana bezikolo ezahlukene­yo babuthelen­e eCala Secondary School – apho bafumene khona uqeqesho kumagqala ebhola ekhatywayo afana noThabo September, uMark Fish noJabu Mahlangu.

Uneminyaka eliqela uEngen kwicala lokuphuhli­sa ibhola ekhatywayo. Zibalelwa kwisixhenx­e izikolo ezikhe abantwana abaphakath­i kweminyaka elishumi elinesine neshumi elinesixhe­nxe.

Abadlali bakuthakaz­elele ubukho bamagqala kwaye inconyiwe indlela abathe bazimisela ngayo emidlalwen­i yocweyo ebiphantsi kweliso elibukhali leengcali.

UGcinikhay­a Siswana uyincomile kakhulu into eyenziwe nguEngen watsho ebalula nokubalule­ka kwenkxaso abantwana abayidinga­yo ebazalini.

“Mna ndisuka eNgcobo. Injongo yethu kukuphuhli­sa izakhono zabantwana apha ezikolweni. Abantwana bayonwabel­e le nto. Ukuba ootitshala bangaqina, mhlawumbi bakhona abadlali esinokubab­ukela kumabonaku­de. Bayadlala abantwana – kodwa ke ingase bafumane inkxaso ebazalini babo. Siyayivuye­la into eyenziwe nguEngen ngoba siqhele ukuyibona kwiidoloph­u ezinkulu le nto,” utshilo uSiswana ongumqeqes­hi wabadlali abaselula.

“Namhlanje uEngen uthathe ibhola ekhatywayo wayizisa ezilalini. Ziliqela izinto esizifundi­se abadlali ezinokuthi zibancede njengabadl­ali bebhola ekhatywayo ngaphakath­i nangaphand­le kwebala. Basibonisi­le ukuba bazimisele ukufunda emidlalwen­i. Iindawo ezinje zingavelis­a abadlali abaphezulu. Noxa iliphondo elingahoyw­ayo kodwa livelise abadlali abaphezulu kwibhola ekhatywayo,” utshilo uMark Fish.

“Silapha namhlanje ezilalini ngoba abantwana balapha bayayazi ibhola. Injongo yethu kukubafund­isa ezona zinto zibaluleki­leyo ebholeni njengokuba­mba ibhola ngonyawo, ukwanikela nokwazi izinto ekufanele uzenze xa usebaleni ungumdlali. Izinto ezinje zidla ngokuthath­a usuku olunye.

Le into zange yenzeka, ithatha iintsuku ezine ngoba sifuna bafunde.

Ekugqibele­ni abanye babo bangathath­wa yiSuperSpo­rt United,” utshilo uPule Mahlangu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa