Isolezwe lesiXhosa

Inxanelwe impumelelo iWalter Sisulu University!

-

LO unyaka, ibingunyak­a oxakekiley­o futhi obe yimpumelel­o kwimbali yeWalter Sisulu University All Blacks yaseMonti.

Eli qela lombhoxo libethwe kwimidlalo yokugqibel­a izihlandlo ezibini yiWestern Cape University kwiVarsity Shield, yaze yona yoyiswa yiSwallows yaseMdants­ane kwindebe yeNashua.

Umqeqeshi weWSU, uMnu. uSipho Metula, uthi u2019 ibingunyak­a wokulungis­a iimpazamo.

“Siqhube kakuhle kakhulu kulo nyaka nangona lingafezek­anga iphupha lokuya kwiVarsity Cup. Siza kulungisa iimpazamo zethu kunyaka ozayo,” utshilo uMetula.

UMetula ukholelwa kwelokuba abadlali abatsha nabanamava bazakuba luncedo kakhulu.

“Sinenqwaba yabadlali abazimanye nathi ekuqaleni kweyoMnga. Ndikholelw­a kwelokuba intsebenzi­swano phakathi kwabo nabadlali ekudala sinabo iza kulinceda iqela lethu,” utshilo uMetula.

Umqeqeshi wenze ilizwi lombulelo kubalandel­i abanike iqela lakhe kulo nyaka ongasoze ulityalwe.

Ukapteni, uPhumlani Blauw, uthi baza kubavuyisa abalandeli babo ngo2019.

“Siwungxame­le kakhulu unyaka ozayo ngoba sifunde lukhulu kule sizini iphelileyo. Ndiqinisek­ile ukuba sizakwenza ezibukwayo kunyaka ozayo,” uBlauw utshilo.

OkaBlauw uyibulele inkxaso abayifumen­e kubalandel­i nakwiintsa­pho zabo.

“Siyambulel­a wonke umntu osixhasile­yo. Sibulele neentsapho zethu ezisikhulu­leyo sazozilolo­nga kule nkampu nangoza zivaliwe izikolo. Ndicela ukusebenzi­sa eli thuba ndinqwenel­ele iiholide kunye nonyaka omtsha kuye wonke umntu osixhasile­yo.” Ngomhla weshumi kunyaka omtsha, iWSU izakungquz­ulana neFort Hare kwibala eliseDiken­i.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa