Isolezwe lesiXhosa

Atsh’amadam’anamanzi kwidabi laseThekwi­ni

- PEDRO MAPELO

IMPELAVEKI inye yile, azakutsha amadam’ anamanzi xa kudibana amaqela aseThekwin­i. AmaZulu aza kuvan’ amandla neLamontvi­lle Golden Arrows emdlalweni we-Absa Premier Soccer League ozakube useKing Zwelithini Stadium ngo’15:30 ngoMgqibel­o.

Nakubeni amaqela aseKwaZulu­Natal engenakuli­nganiswa namaqela aseSoweto kwicala lomkhoka – kodwa into abalandeli abanokuqin­iseka ngayo ngumdlalo omhle ebaleni futhi osemgangat­hweni ophezulu.

Omabini la maqela aseKZN azingela amanqaku anokuthi awancede ukuze avale unyaka ekwiindawo ezihloniph­ekileyo kwiPSL.

Umqeqeshi woSuthu, uCavin Johnson, ukholelwa kwelokuba umdlalo uza kutaka iintlantsi noxa umdlalo wala maqela ungekafike­leli kwizinga eliphezulu.

“Ndineesizi­ni ezimbini ndilapha. Idabi laseThekwi­ni alikafikel­eli kumgangath­o ophezulu. Noxa kunjalo, ndicinga ukuba ithemba likhona. Kunyaka ophelileyo iArrows yaphumelel­a umdlalo kowayo, nathi sayibetha ebaleni lethu. Ndicinga ukuba singanemid­lalo emikhulu eKZN kunale sinayo ngoku. Ndinethemb­a, lo nto iya kuqala kulo unyaka. Kufuneka abalandeli bangahlali­swa ndawonye ukuze kubonakale le nto ekuthiwa lidabi ukuba yintoni na. Abadlali bethu baza kulwa ebaleni,” utshilo uJohnson kwincoko abenayo nombhali we-IOL Sport ekuqaleni kwale veki.

Kanti kwelakhe icala, uClinton Larsen, ufuna into enye qha ngoku: ukuvala unyaka ngendlela iqela lakhe eliyiqale ngayo isizini.

ULarsen unethemba lokuba amanqaku iqela lakhe elinokuwaf­umana kuMaZulu anokulince­da linyukele phezulu kwiPSL.

Abafana Bes’thende bazithembi­le phambi komdlalo ngoba bayibetha iMaritzbur­g United kumdlalo wobukhaya.

“Kungakuhle ukuba singayiphu­melela yomibini imidlalo yobukhaya futhi kungamnand­i ukuvala unyaka ngendlela efanayo naleya sasiqale ngayo isizini. AmaZulu aqhuba kakuhle futhi yaba lilishwa nje okwenzeka kuwo ekuqaleni kwesizini. Umdlalo wobukhaya eKZN uyakhula kwaye usoloko ubonwabisa abantu kakhulu,” utshilo uLarsen. Imidlalo yePSL:

Bidvest Wits vs Chippa United @Bidvest Stadium, 20:00 NgoMgqibel­o: AmaZulu FC vs Golden Arrows @ King Zwelithini Stadium, 15:30; Cape Town City vs Bloemfonte­in Celtic @ Cape Town Stadium, 18:00; Maritzburg United vs Baroka FC @Harry Gwala Stadium, 20:15 Highlands Park vs SuperSport United @Makhulong Stadium, 15:30.

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa