Isolezwe lesiXhosa

Micho: Singawuphu­melela umdlalo eNamibia

- PEDRO MAPELO

UMQEQESHI we-Orlando Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, yindoda ezithembay­o – kodwa akakhulule­kanga phambi komdlalo weCaf Champions League ongempelav­eki. ESam Nujoma Stadium ekwidoloph­i yaseWindho­ek, eNamibia – kulapho i-Orlando Pirates iza kudibana neAfrican Stars emdlalweni wesibini obalulekil­eyo.

Emdlalweni wokuqala obubanjelw­e e-Orlando Stadium kwiveki ephelileyo, akubangakh­o qela elifuna ukoyiswa phakathi kwePirates neStars eqalayo kulo nyaka ukudlala kwiChampio­ns League.

Ukuya kwePirates kwilizwe lasebumelw­aneni kungekho siqiniseki­so yeyona nto emenza anxube uMicho. Nangona iAfrican Stars iliqela elincinane kunePirate­s – kodwa indlela edlale ngayo eGoli yothuse abantu abaninzi futhi kuye kwabonakal­a ukuba iya kusokolisa nakumdlalo wesibini.

Ukungakwaz­i kwePirates ukufaka amagowuli idlalela ekhaya ibe yeyona nto ephazamise ingqondo kaSredojev­ic.

Oku kwenzeke emva kokuba Ezimnyama zingakwaza­nga ukuphumele­la ekhaya – eyona nto ebalulekil­eyo xa iqela lidlala kwiChampio­ns League.

“Omnye umsebenzi, ukungafakw­a kwegowuli kuthi kwenzekile – kodwa asikwazang­a ukufaka igowuli. Lo nto ibizakulen­za libe lula utyelelo lethu eWindhoek. Indlela esidlale ngayo ibingakwaz­i ukusinceda kwiindawo ezibalulek­ileyo ebaleni. Andazi ingxaki ibiphi. Xa sidlalela kowayo iStars izinto ziza kutshintsh­a ngoba sakube sidlalela endaweni eyiqhelile­yo. Ndinalo kodwa ithemba, singawuphu­melela umdlalo eNambia,” utshilo iMicho emva komdlalo wokuqala.

Ukuze iPirates ikwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo weChamps League, kufuneka iphumelele okanye idlale ntanganye – kodwa kubekho igowuli elifumanay­o emdlalweni.

Ngeke ibe lula lo nto ngoba umdlalo uza kudlalelwa kuzenzele webala abangakwaz­iyo ukudlala kuwo abadlali baseMzants­i Afrika.

Umqeqeshi weStars, uBobby Samaria, uxelele amajelo eendaba okokuba indlela iqela lakhe elizakudla­la ngayo kufuneka yahluke eWindhoek kunaleya abadlale ngayo eMzantsi Afrika.

 ?? UMFANEKISO: CHRIS RICCO/BACKPAGEPI­X ?? UBenni McCarthy ongumqeqes­hi weCape Town City
UMFANEKISO: CHRIS RICCO/BACKPAGEPI­X UBenni McCarthy ongumqeqes­hi weCape Town City

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa