Isolezwe lesiXhosa

UMcCarthy ufuna ukuvala unyaka ngesitayil­e

- PEDRO MAPELO

IQELA lebhola ekhatywayo eliphambil­i eNtshona Koloni, iCape Town City, lifuna ukuvala unyaka ngesitayil­e. Oku kuthethwe ngumqeqesh­i walo, uBenni McCarthy, xeshikweni ethetha neentathel­i emsithweni ekwamkelwe kuwo umdlali omtsha uKermit Eramus.

Amakhwenkw­e kaMcCarthy akakwazang­a ukufumana amanqaku apheleleyo ekhaya edlala neChippa United kwiveki ephelileyo.

Umdlalo uphele ebambene amaqela ngegowuli elinye macala nangona iCitizens ibilelona linamandla namathuba okuphumele­la umdlalo.

NgoMgqibel­o, iCity yamkela iBloemfont­ein Celtic emdlalweni wePSL ekulindele­ke utshise ngo’18:00. UMcCarthy uya emdlalweni ozayo encwase amanqaku amathathu ukuze iqela livale unyaka lisendawen­i entle.

“Zininzi kakhulu izinto esizenze kakuhle ngethuba sidlala neChippa. Sikwazile ukufaka igowuli kwangoko emdlalweni – kodwa asakwazi ukufaka elinye kwakhona. Akukho nto endiyikhal­azelayo ngomdlalo weqela lam. Ndisithand­ile isicwangci­so sethu nangona izinto zingahambi kakuhle. Mhlawumbi kungenxa yeAthlone Stadium. Siza kudlala neCeltic phaya eCape Town Stadium – indawo ephangalel­eyo. Ndiyathemb­a abadlali bethu ngeke baphazanyi­swe yiholide. Ndifuna iqela lidlale kakuhle ukuze livale unyaka ngesitayil­e,” utshilo uMcCarthy.

UBenni wamkele ifolosi entsha emva kokuba uTokelo Rantie, otyikitywa ekuqaleni kwesini, engakwazan­ga ukulinceda iqela laseKapa.

UKermit Erasmus unethemba lokuvusele­la ikhono lakhe lokudlala ibhola. Emva kokushiya i-Orlando Pirates eminyakeni emithathu edlulileyo, uKermit udlalele amaqela aseYurophu aquka iStatde Rennais, iAthletic Eskilstuba neVitoria Setubal.

“Ndiyakuvuy­ela ukubalapha. Ingathi awufiki unyaka omtsha. Ndihleli ixesha elide kwaye ndicinga ukuba iKapa yindawo endilungel­eyo. Akukho nto engako endingayit­hetha ngomqeqesh­i, uyayazi indlela endiziva ngayo,” utshilo uKermit.

Yindoda eyaziwayo uKermit ngokufaka amagowuli emidlalwen­i kwaye wazenzela igama nakwiqela lesizwe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa