Ezintsha kwezeemoto

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMOTO NEENCWADI - NoSisanda Mbete

elehlileyo kunaleyo indala iPolo GTI). I-145kW/320Nm amandla afumaneka kwi-2.0 litre 4-cylinder e-turbocharged, ukususa iPolo GTI emgceni ukuya ku100km/h ngemizuzwana ye-6.6secs.

Isishwapa semoto engeyona inamandla etsala ngawangaphambili amavili, iHonda Civic Type-R, asikhange siyifumane kuvavanyo lwesiqhelo, kodwa saye sachitha imini epheleleyo nayo kwindlela yemidyarho, ukuze sizivele ngokwaneleyo ukuba ivakala njani xa iqhutywa esichengeni.

Isingqi sayo xa onke amandla e-228kW/400Nm evulelwe kwinjini yayo ye-2.0 litre 4-clyinder, uzibona sewugigitheka nje kungekho nto ihlekisayo.

IToyota Hilux ifumene udlamko, isinxibo seDakar esikhethekileyo sathengiswa ngamanani ambalwa, imizekelo eyi6000 kuphela.

Kodwa esesikurhalela ngoku kukuba kuphuhliswe injini yedizili eseyithande ukuba namandla anganelisiyo ngoku, inamandla angange-130kW/450Nm kwi2.8 GD-6, ne-4.0 litre V6 endala ena175kW/376Nm.

Abakwa Hyundai basothulele iimoto eziliqela ezintsha, eziza nobuso obutsha balo mzimveliso.

I-Hyundai H1 Bus neTucson zifumene udlamko olwamkelekileyo. Kodwa ibiyiHyundai Santa Fe entsha ebifika apha kweyeNkanga eyiyeyona SUV yeli khaya esiyithande kakhulu.

Silindele ukuyifumana kuvavanyo kwezi veki zimbalwa zizayo. Besikhe sachitha iveki sikhenketha iMpuma Koloni neNtshona Koloni silusapho lwabantu abane, iziintsana ezimbini ngasemva kwizitulo zabantwana.

Sibenentlahla yokusebenzisa iBMW X3 xDrive30d entsha. Akukhonto ingathi yi195kW/620Nm yamandla okuqwenga indlela, uhambo lube ngathi lufutshane, konke oku kubuntofo bemoto ekumgangatho wesigidi seerandi.

Sivala ngeVolvo V90 Cross Country D5 Inscription, umxebu weStation wagon esichophileyo ngathi yiSUV.

Ukuba besinokukhetha imoto elungele yonke into owunoyifuna emotweni, singanyula le.

Intofontofo endleleni ngala-air suspension kwi-axle yangasemva nezitulo ezine-massage kwabaphambili, isithuba sininzi ngaphakathi sokuthutha usapho lwabantu abadala abane, injini yedizili inomfutho we-173kW/480Nm kodwa irhabula ithontsi ngobunene, ichophile ukuze inganqandeki naphi na apho uzifumana uhamba khona kodwa ngaxesha nye uziva uhleli phantsi ukuze ibambelele emagopheni.

Kunzima mpela ukuyigxeka le imoto. NgeR980 000 ungazifumanela eseyifakelwe yonke into obunokuyifuna emotweni kwezokhuseleko nezobungcaphephe.

Ezinye esinokuziphawula yi-Mitsubishi Pajero Sport, VW Touareg, Nissan Qashqai, Ford Fiesta & EcoSport, Haval H6 C nheVW Arteon.

Kwezi moto siziphawule apha, zikhona ezithatha inxaxheba kukhuphiswano lwe-2019 AutoTrader Mzantsi Car of the Year.

Intatheli yethu kwezeemoto ikwiqumrhu elizobe likhetha eyona moto ikhethekileyo kulo nyaka.

Ezi moto apha zikhethwe sithi, azinanto yokwenza nolu khuphiswano. Silandele kwiTwitter [email protected]

ilisolezwe, kwiFacebook ku-Ilisolezwe, nentatheli yethu kwi-Instagram [email protected]

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.